IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Icandelo 1: Izinto Ezikholelwa NgamaKristu
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
    • IMIBUZO YABO BAFUNA UKUBHAPTIZWA

      Icandelo 1: Izinto Ezikholelwa NgamaKristu

      Ukufunda kwakho iBhayibhile namaNgqina KaYehova kukwenze waqhelana nenyaniso. Siqinisekile ukuba izinto ozifundileyo zikwenze wanobuhlobo obuhle noThixo, ibe zikwenze wanethemba lokufumana iintsikelelo nokuphila kumhlaba oyiparadesi phantsi koBukumkani BukaThixo. Uye wanokholo ngakumbi kwiLizwi LikaThixo, ibe ngenxa yokuba usondelelene nebandla lamaKristu, sele ufumene iintsikelelo ezininzi. Uye wayibona indlela uYehova aqhubana ngayo nabantu bakhe namhlanje.—Zek. 8:23.

      Njengoko ulungiselela ukubhaptizwa, abadala bebandla baza kuba nengxubusho kunye nawe eza kukunceda uphinde uzikhumbuze ngezinto ezikholelwa ngamaKristu. (Heb. 6:1-3) Akwaba uYehova angaqhubeka ekusikelela njengoko uzama ukumazi, aze akunike ubomi obungunaphakade njengoko ethembisile.—Yoh. 17:3.

      1. Kutheni ufuna ukubhaptizwa?

      2. Ngubani uYehova?

      • “UYehova unguThixo wokwenene emazulwini phezulu nasemhlabeni phantsi. Akakho omnye.”—Dut. 4:39.

      • “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”—INdu. 83:18.

      3. Kutheni kubalulekile ukuba ulisebenzise igama likaThixo?

      • “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.’”—Mat. 6:9.

      • “Wonke umntu othembela egameni likaYehova uza kusindiswa.”—Roma 10:13.

      4. Zeziphi ezinye iindlela abizwa ngazo uYehova eBhayibhileni?

      • “UYehova, uMdali wayo yonke into esemhlabeni, unguThixo ngonaphakade.”—Isa. 40:28.

      • “Tata wethu osemazulwini.”—Mat. 6:9.

      • “UThixo uluthando.”—1 Yoh. 4:8.

      5. Yintoni onokumenzela yona uYehova uThixo?

      • “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke, ngengqondo yakho yonke nangamandla akho onke.”—Marko 12:30.

      • “Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.”—Luka 4:8.

      6. Kutheni umele uthembeke kuYehova?

      • “Yiba sisilumko nyana wam, uze uyivuyise intliziyo yam, ukuze ndimphendule lowo undigxekayo.”—IMize. 27:11.

      7. Uthandaza kubani, egameni likabani?

      • “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba nicela nantoni na kuTata egameni lam [Yesu], uza kuninika.”—Yoh. 16:23.

      8. Zintoni onokuzithandazela?

      • “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini. Siphe namhlanje isonka sanamhlanje; usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi. Ungasiyekeli xa silingwa, kodwa sisindise kuSathana.’”—Mat. 6:9-13.

      • “Siqinisekile ukuba uyasiva xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe.”—1 Yoh. 5:14.

      9. Yintoni enokwenza uYehova angawumameli umthandazo wakho?

      • “Baza kukhwaza uYehova becela uncedo, kodwa akazukubaphendula . . . ngenxa yobubi ababenzileyo.”—Mika 3:4.

      • “Amehlo kaYehova ajonge kumalungisa, neendlebe zakhe zimamele imithandazo yawo ecengayo, kodwa uYehova uyabacaphukela abantu abenza izinto ezimbi.”—1 Pet. 3:12.

      10. Ngubani uYesu Kristu?

      • “USimon Petros wathi: ‘UnguKristu, uNyana woThixo ophilayo.’”—Mat. 16:16.

      11. Kwakutheni ukuze uYesu eze emhlabeni?

      • ‘UNyana womntu akezanga ukuze asetyenzelwe, kodwa uzele ukuba ibe nguye osebenzayo, aze anikele ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.’—Mat. 20:28.

      • “Ndimele [mna Yesu] ndishumayele iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, kuba ndithunywe loo nto.”—Luka 4:43.

      12. Ungabonisa njani ukuba uyayibulela into uYesu awasenzela yona?

      • “Wabafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele lowo wabafelayo waza wavuswa.”—2 Kor. 5:15.

      13. Leliphi igunya uYesu analo?

      • “Ndinikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.”—Mat. 28:18.

      • “UThixo wamphakamisa wambeka kwisikhundla esiphezulu waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.”—Fil. 2:9.

      14. Ngaba uyakholelwa ukuba iQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elimiselwe nguYesu?

      • “Ngubani kanye kanye olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi, elanikwa yinkosi yalo umsebenzi wokukhathalela abo basebenza endlini yayo, ukuze libanike ukutya kwabo ngexesha elifanelekileyo?”—Mat. 24:45.

      15. Ngaba umoya oyingcwele nguThixo?

      • “Le ngelosi yaphendula yathi: ‘Uza kufikelwa ngumoya oyingcwele, namandla Oyena Uphakamileyo. Yiloo nto ke lo mntwana eza kuba ngcwele, aze abizwe ngokuba nguNyana kaThixo.’”—Luka 1:35.

      • “Ngoko ke, ukuba nina, nakubeni ningaboni, niyakwazi ukupha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uTata wenu osezulwini ukubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo!”—Luka 11:13.

      16. UYehova uye wawusebenzisa njani umoya oyingcwele?

      • “Amazulu enziwe ngelizwi likaYehova, yonke into ekuwo yenziwe ngumoya womlomo wakhe.”—INdu. 33:6.

      • “Niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele, ibe niza kuba ngamangqina am . . . de niyokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”—IZe. 1:8.

      • “Akukho siprofeto seSibhalo sivela ebantwini. Kuba zange nanini na kubekho isiprofeto ngokuthanda komntu, kodwa abantu babethetha ngokusuka kuThixo beqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Pet. 1:20, 21.

      17. Yintoni uBukumkani BukaThixo?

      • “UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe. Obu bukumkani abuzukudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani, buze bona buhlale bukho ngonaphakade.”—Dan. 2:44.

      18. Buza kunceda njani wena uBukumkani BukaThixo?

      • “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISityhi. 21:4.

      19. Wazi njani ukuba sele siza kuzifumana iintsikelelo zoBukumkani?

      • “Abafundi bakhe beza kuthetha naye ecaleni, bathi: ‘Sixelele, ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa ukho naxa sekuza kupheliswa ihlabathi?’ UYesu wabaphendula wathi: ‘. . . Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe, yaye kuza kubakho indlala neenyikima kwiindawo ngeendawo. Ibe ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.’”—Mat. 24:3, 4, 7, 14.

      • “Ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, baqhayise, baziphakamise, bathethe kakubi ngoThixo nangabantu, bangathobeli bazali, bangabi nambulelo, bangathembeki, bangabi naluthando, babe nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo, bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi, bathande ulonwabo kunokuba bathande uThixo, babonakale ngathi bayamkhonza uThixo, kodwa indlela abaphila ngayo ibe ingatsho.”—2 Tim. 3:1-5.

      20. Ubonisa njani ukuba bubalulekile uBukumkani kuwe?

      • “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.”—Mat. 6:33.

      • “UYesu wathi kubafundi bakhe: ‘Nabani na ofuna ukundilandela, makazincame, athwale isibonda sakhe sokungcungcutheka aze aqhubeke endilandela.’”—Mat. 16:24.

      21. Ngubani uSathana needemon?

      • “Utata wenu nguMtyholi . . . Yena wayengumbulali kwasekuqaleni.”—Yoh. 8:44.

      • “Yaphoswa phantsi emhlabeni inamba enkulu, laa nyoka yakudala, le ibizwa ngokuba nguMtyholi, uSathana, lo ulahlekisa umhlaba wonke. Waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”—ISityhi. 12:9.

      22. USathana umtyhola ngantoni uYehova nabantu abamkhonzayo?

      • “Umfazi wathi kwinyoka: ‘Singazitya iziqhamo zemithi yomyezo. Kodwa uThixo uthe ngeziqhamo zomthi osemyezweni phakathi: “Nimele ningazityi, ningazichukumisi; kungenjalo niza kufa.”’ Yona inyoka yathi kumfazi: ‘Ngokuqinisekileyo anizukufa. UThixo uyazi ukuba mhla nithe natya kuzo, aza kuvuleka amehlo enu nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.’”—Gen. 3:2-5.

      • “USathana wamphendula uYehova wathi: ‘Isikhumba ngesikhumba. Akukho nto umntu angenakuyincama ukuze asindise ubomi bakhe.’”—Yobhi 2:4.

      23. Ungabonisa njani ukuba uSathana uyaxoka?

      • “UThixo . . . umkhonze ngentliziyo epheleleyo.”—1 Kron. 28:9.

      • “Andizukuyeka ukuba msulwa de ndife!”—Yobhi 27:5.

      24. Kutheni abantu besifa?

      • “Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke babenesono.”—Roma 5:12.

      25. Kwenzeka ntoni emntwini xa eswelekile?

      • “Abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kodwa bona abafileyo abazi nto kwaphela.”—INtshu. 9:5.

      26. Ngaba likhona ithemba ngabantu abaswelekileyo?

      • “UThixo uza kuvusa abantu abangamalungisa nabangengomalungisa.”—IZe. 24:15.

      27. Bangaphi abantu abaza kulawula noYesu ezulwini?

      • “Ndabona iMvana imi phezu kweNtaba YeZiyon, imi kunye nabantu abayi-144 000, abanegama leMvana negama likaTata wayo emabunzini abo.”—ISityhi. 14:1.

  • Icandelo 2: Indlela Aphila Ngayo AmaKristu
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
    • IMIBUZO YABO BAFUNA UKUBHAPTIZWA

      Icandelo 2: Indlela Aphila Ngayo AmaKristu

      Ukufunda iBhayibhile kukuncede wakwazi oko uYehova akulindele kuwe nendlela yokufikelela imilinganiselo yakhe yobulungisa. Ukuze ukwenze oko ukufundileyo, mhlawumbi kuye kwafuneka utshintshe indlela obuziphethe ngayo nendlela obujonga ngayo ubomi. Ekubeni ngoku wenze isigqibo sokuphila ngemilinganiselo kaYehova yobulungisa, uza kukwazi ukumkhonza ngendlela ayamkelayo njengomshumayeli weendaba ezilungileyo. Ukuzikhumbuza ngezinto ezikule mibuzo ilandelayo kuza kukunceda ukuba uyibethelele engqondweni imilinganiselo yobulungisa kaYehova kwaye uza kutsho ukhumbule nezinto onokuzenza ukuze umkhonze ngendlela ayifunayo. Kuza kukwenza ukubone ukubaluleka kokwenza izinto unesazela esicocekileyo nokuzukisa uYehova.—2 Kor. 1:12; 1 Tim. 1:19; 1 Pet. 3:16, 21.

      Ekubeni sele unethuba ufunda iBhayibhile, ngokuqinisekileyo uyafuna ukumthobela uYehova nokuba kwintlangano yakhe. Imibuzo neZibhalo eziboniswe apha ziza kukunceda uhlole indlela okuqonda ngayo ukuthobela uYehova ebandleni, entsatsheni nendlela okudibana ngayo nokuthobela oorhulumente beli hlabathi. Uza kutsho uzixabise nangakumbi iindlela uYehova abafundisa ngazo abantu bakhe, neendlela omeleza ngazo ukholo lwabo. Enye yazo ziintlanganiso zebandla omele uzimisele ukuya kuzo uze ube nenxaxheba kangangoko unako. Enye into, eli candelo liza kukunceda ubone indlela ekubaluleke ngayo ukushumayela qho ngoBukumkani, uze uncede abantu bamazi uYehova baqonde nezinto abenzela zona. (Mat. 24:14; 28:19, 20) Kwimibuzo yokugqibela, eli candelo liza kukunceda uqonde indlela ekubaluleke ngayo ukuzinikela kwakho kuYehova nokubhaptizwa. Qiniseka ukuba uYehova uyavuya xa ekubona usenza izinto ezibonisa ukuba uyabuxabisa ububele akwenzele bona.

      1. UThixo uthanda umtshato onjani? Zithini iZibhalo ngokuqhawula umtshato?

      • “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo wabadala baba yindoda nomfazi kwasekuqaleni, waza wathi: ‘Yiloo nto indoda iza kumshiya utata nomama wayo, ithi nca emfazini wayo, baze babe nyama-nye’? Ngoko ke, abasekho babini, kodwa bangumntu omnye. Abo ke uThixo abadibanise ngedyokhwe, makungabikho mntu ubahlukanisayo. . . . Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange ahenyuze, aze atshate omnye, uyakrexeza.”​—Mat. 19:4-6, 9.

      2. Xa indoda nomfazi behlala kunye kutheni kufuneka batshate ngokusemthethweni? Ukuba utshatile, ngaba uqinisekile ukuba umtshato wakho ubhalisiwe kwarhulumente?

      • “Qhubeka ubakhumbuza ukuba bathobele oorhulumente nabantu abanegunya.”​—Tito 3:1.

      • “Wonke umntu makawuhloniphe umtshato, yaye mawungangcoliswa, kuba uThixo uza kubagweba abaziphethe kakubi ngesondo nabakrexezayo.”​—Heb. 13:4.

      3. Entsatsheni umele wenze ntoni wena?

      • “Yimamele nyana wam, ingqeqesho katata wakho, ungayilahli imfundiso kamama wakho.”​—IMize. 1:8.

      • “Umyeni uyintloko yomfazi wakhe njengokuba noKristu eyintloko yebandla . . . Bayeni, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla.”​—Efe. 5:23, 25.

      • “Botata, sanukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisa ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela kaYehova.”​—Efe. 6:4.

      • “Nina bantwana, bathobeleni abazali benu kuyo yonke into, kuba iNkosi iyayithanda loo nto.”​—Kol. 3:20.

      • “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu.”​—1 Pet. 3:1.

      4. Kutheni simele sibuxabise ubomi?

      • “Nguye [uThixo] onika bonke abantu ubomi, umoya abawuphefumlayo nazo zonke izinto. . . . Kuba ngenxa yakhe sinobomi, siyashukuma yaye sikho.”​—IZe. 17:25, 28.

      5. Kutheni simele singabulali mntu kuquka nosana olungekazalwa?

      • ‘Ukuba amadoda ayalwa aze ayokuphoseka kumfazi okhulelweyo kubekho umntu ofayo, uze ubuyekeze ubomi ngobomi.’​—Eks. 21:22, 23.

      • “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba; encwadini yakho, kwabhalwa ngeentsuku ezaziza kubunjwa ngazo zonke iinxalenye zam, kungekabikho nanye kuzo.”​—INdu. 139:16.

      • ‘UYehova uyazicaphukela izandla ezichitha igazi elimsulwa.’​—IMize. 6:16, 17.

      6. Uthini umthetho kaThixo ngegazi?

      • ‘Niliphephe igazi nezinto ezikrwitshiweyo.’​—IZe. 15:29.

      7. Kutheni simele sibathande abazalwana noodade abangamaKristu?

      • “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo. Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”​—Yoh. 13:34, 35.

      8. Ukuze umntu onesifo esosulelayo nesibulalayo aphephe ukosulela abanye: (a) Kutheni imele ingabi nguye oqalayo ukwanga okanye ukuphuza abantu? (b) Kutheni engamele akhubeke xa engamenywa emakhayeni abantu? (c) Kutheni umntu ebekhe wenza izinto ezinokumenza afumane isifo esosulelayo, emele ayokuhlola igazi lakhe ngaphambi kokuba aqalise ukuthandana? (d) Kutheni umntu onesifo esosulelayo emele axelele umnxibelelanisi wequmrhu labadala ngaphambi kokuba abhaptizwe?

      • “Sanukuzenzela amatyala, kunoko thandanani. . . . ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’ Umntu onothando akamenzi into embi ummelwane wakhe.”​—Roma 13:8-10.

      • “Ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.”​—Fil. 2:4.

      9. Kutheni uYehova efuna sibaxolele abanye?

      • “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye. Xolelanani ngokusuka entliziyweni kanye njengoko uYehova wanixolela ngokusuka entliziyweni.”​—Kol. 3:13.

      10. Umele wenze ntoni xa umzalwana ethetha kakubi ngawe okanye exoka kuba efuna ukuthatha imali okanye izinto zakho?

      • “Ukuba umzalwana wakho uyakona, hamba uyokuthetha naye ngaloo nto ninobabini kuphela. Ukuba uyakumamela, uya kuba umncedile umzalwana wakho. Kodwa ukuba akakumameli, yiya kuye uhamba nomntu omnye okanye ababini, ukuze kubekho amangqina amabini okanye amathathu xa kugwetywa ityala. Ukuba akawamameli, thetha nebandla. Ukuba akalimameli nebandla, kuwe makabe njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.”​—Mat. 18:15-17.

      11. Uthini uYehova ngezi zono?

      ▪ Ukuziphatha kakubi ngesondo

      ▪ Ukukhonza izithixo

      ▪ Amadoda alala namanye amadoda okanye amabhinqa alala namanye amabhinqa

      ▪ Ubusela

      ▪ Ukungcakaza

      ▪ Ukunxila

      • “Ningalahlekiswa. Abantu abaziphethe kakubi ngesondo, abakhonza izithixo, abakrexezayo, amadoda avumayo ukulalwa ngamanye amadoda, amadoda alala amanye amadoda, amasela, abantu ababawayo, amanxila, abantu abathukayo nabantu abanamaqhinga abazukungena eBukumkanini BukaThixo.”​—1 Kor. 6:9, 10.

      12. Uzimisele ukwenza ntoni ukuze ukuphephe ukuziphatha kakubi ngesondo, okuquka iindlela ezininzi zokwenza isondo kwabantu abangatshatanga?

      • “Ningaze niziphathe kakubi ngesondo!”​—1 Kor. 6:18.

      13. Kutheni umele ungawasebenzisi amayeza aziziyobisi anokukwenza ube likhoboka lawo ngaphandle kwaxa unyangwa?

      • “Ninikele ngemizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele naza kuyamkela uThixo. Ngaloo ndlela niza kuba nikhonza uThixo nisebenzisa ingqondo. Yekani ukulinganisa izinto zeli hlabathi, kodwa guqukani ngokutshintsha indlela enicinga ngayo, ukuze nizibonele ngokwenu ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.”​—Roma 12:1, 2.

      14. Ziintoni izinto ezinobudemon uThixo angazifuniyo?

      • “Kungabikho mntu uvumisayo, owenza imilingo, ochaza ikamva ngokuvumisa, othakathayo, oya egqirheni okanye kumntu ochaza izinto kwangaphambili, okanye obuza ebantwini abafileyo.”​—Dut. 18:10, 11.

      15. Ukuba umntu wenze isono esinzulu ibe ufuna ukuhlala enobuhlobo obuhle noYehova, yintoni amele ayenze ngokukhawuleza?

      • “Ndasivuma isono sam kuwe; Andizange ndibufihle ububi endabenzayo. Ndathi: ‘Ndiza kuzivuma izono zam kuYehova.’”​—INdu. 32:5.

      • “Ngaba kukho nabani na ogulayo phakathi kwenu? Makabize abadala bebandla, baze bona bamthandazele, bamthambise ngeoli egameni likaYehova. Yaye umthandazo wokholo uza kumphilisa lowo ugulayo, aze uYehova amnike amandla. Ukuba ebenze izono, uza kuxolelwa.”​—Yak. 5:14, 15.

      16. Ukuba omnye umKristu wenze isono esinzulu ibe uyayazi loo nto, umele wenze ntoni?

      • “Ukuba umntu uye wabona okanye wazi ngesono esenziweyo, ulingqina. Ukuba emva kokuba eve isaziso sokuba aze kuba lingqina ngeso sono aze angasixeli, sisono eso. Umele aphenduliswe ngesono sakhe.”​—Lev. 5:1.

      17. Xa kwenziwe isaziso sokuba umntu akaselilo iNgqina LikaYehova simele simphathe njani?

      • “Niyeke ukuhlobana naye nabani na ekuthiwa ngumzalwana abe eziphatha kakubi ngesondo, okanye ebawa, okanye ekhonza izithixo, okanye ethuka, okanye enxila, okanye elisela. Ningatyi kwaukutya nomntu onjalo.”​—1 Kor. 5:11.

      • “Ukuba kukho umntu oza kuni nemfundiso eyahlukileyo kule, ze ningamamkeli emakhayeni enu, ningambulisi nokumbulisa.”​—2 Yoh. 10.

      18. Kutheni abahlobo bakho imele ibe ngabantu abamthandayo uYehova?

      • “Ohamba nezilumko uza kuba sisilumko, kodwa osebenzisana nezidenge uza kungena engxakini.”​—IMize. 13:20.

      • “Ningalahlekiswa. Ukuba nabahlobo abangalunganga, konakalisa imikhwa elungileyo.”​—1 Kor. 15:33.

      19. Kutheni amaNgqina KaYehova engathathi cala kwiipolitiki?

      • “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam [Yesu] ndingenguye owehlabathi.”​—Yoh. 17:16.

      20. Kutheni umele uthobele urhulumente?

      • “Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwiindawo zawo.”​—Roma 13:1.

      21. Ukuba umele ukhethe phakathi kokuthobela umthetho wabantu nomthetho kaThixo, umele wenze ntoni?

      • “NguThixo umlawuli esimele simthobele kunabantu.”​—IZe. 5:29.

      22. Zeziphi izibhalo ezinokukunceda uhlale wahlukile ehlabathini xa ukhetha umsebenzi?

      • “Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele, zingazukuphinda zifunde ukulwa imfazwe.”​—Mika 4:3.

      “Phumani kuyo bantu bam [iBhabhiloni Enkulu], ukuba anifuni ukwenza izono ezenzayo, ukuba anifuni ukufumana ezinye zezibetho zayo.”​—ISityhi. 18:4.

      23. Zeziphi iindlela zokuzonwabisa oza kuzikhetha, ibe zeziphi oza kuziphepha?

      • “UYehova . . . uyamcaphukela nabani na othanda ubundlobongela.”​—INdu. 11:5.

      • “Kwenyanyeni ukwenza izinto ezimbi, nizimisele ukwenza izinto ezilungileyo.”​—Roma 12:9.

      • “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, izinto ezibalulekileyo, izinto ezibubulungisa, izinto ezicocekileyo, izinto ezithandekayo, izinto ekuthethwa kakuhle ngazo, izinto ezinesidima, nezinto ezincomekayo.”​—Fil. 4:8.

      24. Kutheni amaNgqina KaYehova engakhonzi nezinye iinkonzo?

      • “Aninakutya ‘etafileni kaYehova’ nasetafileni yeedemon.”​—1 Kor. 10:21.

      • “Uthi uYehova, ‘Phumani phakathi kwabo, nizahlule, ningayichukumisi into engcolileyo’; ‘yaye ndiza kunamkela.’”​—2 Kor. 6:17.

      25. Yeyiphi imigaqo enokukunceda ukwazi ukugqiba ukuba umele uwenze na umbhiyozo?

      • “Bahlobana neentlanga, bafunda imikhwa yazo. Baqhubeka bekhonza izithixo zazo, zaba ngumgibe kubo.”​—INdu. 106:35, 36.

      • “Abafileyo abazi nto kwaphela.”​—INtshu. 9:5.

      • “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.”​—Yoh. 17:16.

      • “Lanele ixesha enilichithe nisenza ukuthanda kweentlanga, niziphethe ngokungenazintloni, nineminqweno engalawulekiyo, nisela kakhulu, nihamba iipati ezingalawulekiyo, nikhuphisana ngokusela utywala, nikhonza izithixo ngendlela eyenyanyekayo.”​—1 Pet. 4:3.

      26. Yeyiphi imizekelo eseBhayibhileni yokubhiyozela imihla yokuzalwa? Ufunda ntoni kule mizekelo?

      • “Ngolo suku lwesithathu ke yayingumhla wokuzalwa kukaFaro, yaye wazenzela itheko zonke izicaka zakhe, waza wakhupha umphathi wabangcamli nomphathi wababhaki, phambi kwezicaka zakhe. Wambuyisela umphathi wabangcamli esikhundleni sakhe sokuba ngumngcamli . . . Kodwa wamxhoma umphathi wababhaki.”​—Gen. 40:20-22.

      • “Xa kwakubhiyozelwa umhla wokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yadanisa kwathi ngco kuHerode kangangokuba wafunga ukuba uza kuyinika nantoni na eyicelayo. Iqhutywa ngumama wayo, yathi: ‘Ndinike ngesitya intloko kaYohane umBhaptizi.’ Ngoko wathumela ukuba uYohane anqunyulwe intloko ejele.”​—Mat. 14:6-8, 10.

      27. Kutheni umele uthobele abadala?

      • “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nizithobe kubo, kuba bahlala benigadile kuba beza kuphenduliswa, ukuze bangawenzi umsebenzi wabo bekhathazekile kodwa bawenze bevuya. Kaloku ukuba bangawenza bekhathazekile, loo nto ingenzakalisa kwanina.”​—Heb. 13:17.

      28. Kutheni kubalulekile ukuba wena nentsapho yakho nizibekele ixesha lokuyifunda kakuhle iBhayibhile?

      • “Othanda umthetho kaYehova, nofunda umthetho wakhe ngelizwi eliphantsi imini nobusuku. Uza kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi, umthi ovelisa isiqhamo ngexesha laso, onamagqabi angabuniyo. Yaye yonke into ayenzayo iza kuphumelela.”​—INdu. 1:2, 3.

      29. Kutheni ukuthanda ukubakho ezintlanganisweni uze ube nenxaxheba kuzo?

      • “Ndiza kubaxelela abantakwethu ngegama lakho; Ndiza kukudumisa ebandleni.”​—INdu. 22:22.

      • “Masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye, njengokuba abanye benesiko lokwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ingakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.”​—Heb. 10:24, 25.

      30. Ngowuphi owona msebenzi ubalulekileyo uYesu awathi masiwenze?

      • “Hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize . . . , nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.”​—Mat. 28:19, 20.

      31. Ukuze uYehova ayivuyele iminikelo yethu, yintoni emele isenze sinikele ukuze sixhase uBukumkani okanye sincede abazalwana noodade?

      • “Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo.”​—IMize. 3:9.

      • “Umntu ngamnye makanikele ngaloo nto agqibe ngayo entliziyweni yakhe, anganikeli enesikrokro okanye kuba enyanzelwa, kuba uThixo uthanda umntu opha evuya.”​—2 Kor. 9:7.

      32. Zeziphi iingxaki amaKristu alindele ukuba aza kuba nazo?

      • “Bonwabile abo baye batshutshiswa kuba besenza izinto ezilungileyo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo. Nonwabile xa abantu benithuka, benitshutshisa, bethetha yonke into embi ngani, bexoka, ngenxa yokuba ningabalandeli bam. Vuyani kakhulu, kuba ninomvuzo omkhulu emazulwini; kaloku babatshutshisa ngaloo ndlela nabaprofeti ababengaphambi kwenu.”​—Mat. 5:10-12.

      33. Kutheni kuvuyisa ukubhaptizwa ube liNgqina LikaYehova?

      • “Ilizwi lakho lindonwabisile, lavuyisa nentliziyo yam, kuba igama lakho libizwe kum, Yehova Thixo.”​—Yer. 15:16.

  • Umqukumbelo Wengxubusho Nabo Baza Kubhaptizwa
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
    • IMIBUZO YABO BAFUNA UKUBHAPTIZWA

      Umqukumbelo Wengxubusho Nabo Baza Kubhaptizwa

      Kwiindibano zamaNgqina KaYehova kudla ngokubakho ababhaptizwayo. Ngasekupheleni kwentetho yobhaptizo, isithethi siza kucela abantu abaza kubhaptizwa ukuba beme ngeenyawo baze baphendule le mibuzo mibini ilandelayo ngelizwi elivakalayo:

      1. Uguqukile na kwizono obuzenza, wazinikela kuYehova, ibe uyakholwa ukuba uYehova uza kukusindisa ngoYesu Kristu?

      2. Uyaqonda na ukuba njengokuba ubhaptizwa uza kuba liNgqina LikaYehova, ube kwintlangano yakhe?

      Iimpendulo ezivumayo kule mibuzo zibonisa ukuba abantu abaza kubhaptizwa ‘bavuma phambi kwabantu’ ukuba banokholo ekusifeleni kukaYesu ibe bazinikele ngokupheleleyo kuYehova. (Roma 10:9, 10) Ngoko, bamele bacingisise ngale mibuzo kwangaphambili, bayithandazele ukuze xa bephendula, bathethe into abaqinisekileyo ngayo.

      Ngaba sele uzinikele kuYehova ngomthandazo, umthembisa ukuba uza kukhonza yena yedwa ibe ukwenza izinto azithandayo kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho?

      Ngaba uqinisekile ukuba ufuna ukubhaptizwa nanini na kuvela ithuba?

      Yeyiphi indlela efanelekileyo afanele anxibe ngayo umntu xa ebhaptizwa? (1 Tim. 2:9, 10; Yoh. 15:19; Fil. 1:10)

      Simele sinxibe ngendlela ‘ebonisa ukuba sinesidima yaye siphilile engqondweni’ ukuze sibonise ukuba ‘sizinikele kuThixo.’ Abantu abaza kubhaptizwa abamele banxibe impahla yokuqubha eveza umzimba okanye ebhaliweyo. Bamele banxibe impahla ecocekileyo, ebukekayo, efanele esi sihlandlo, ingabikho xazalala.

      Umntu ufanele aziphathe njani xa ebhaptizwa? (Luka 3:21, 22)

      Ukubhaptizwa kukaYesu kuwabekela umzekelo amaKristu namhlanje. Wayiqonda ukuba kubalulekile ukubhaptizwa, ibe loo nto yabonakala kwindlela awayecinga ngayo nakwizinto awazenzayo. Ngenxa yoko, indawo ekubhaptizelwa kuyo asiyondawo yeziqhulo, yokudlala, yokuqubha, okanye yezinye izinto eziza kusithoba isidima eso sihlandlo. NomKristu obhaptizwayo akazukwenza amatshamba ngokungathi uphumelele ugqatso. Ngoxa ubhaptizo lusisihlandlo sovuyo, olo vuyo lufanele lubonakaliswe ngendlela enesidima.

      Ukuya qho ezintlanganisweni nokuba kunye namanye amaKristu kuza kunceda njani uhlale uzenza izinto othe uza kumenzela zona uYehova?

      Kwanasemva kokuba ubhaptiziwe, kutheni kubalulekile ukuba ube nocwangciso lokufunda kwaye uye qho entsimini?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share