ISIFUNDO 8
UAbraham NoSara Bammamela UThixo
Kwakukho idolophu enkulu ebizwa ngokuba yiUre, eyayikufutshane naseBhabheli. Abantu balapho babekhonza oothixo abaninzi kodwa bengamkhonzi uYehova. Kodwa wayekhona umntu apho owayemkhonza yena uYehova. Igama lakhe yayinguAbraham.
UYehova wathi kuAbraham: ‘Hamba ezweni lakowenu ushiye nezizalwana zakho, uye kwilizwe endiza kukubonisa lona.’ Emva koko uThixo wamthembisa oku: ‘Uza kuba luhlanga olukhulu, yaye ndiza kubenzela izinto ezintle abantu emhlabeni wonke ngenxa yakho.’
UAbraham wayengazi ukuba uYehova uthi makaye phi, kodwa wayemthembile. Ngoko yena, umfazi wakhe uSara, utata wakhe uTera nomtshana wakhe uLote, baqokelela izinto zabo baza bahamba.
UAbraham wayeneminyaka eyi-75 xa bafikayo kulaa ndawo uYehova wayethe mabaye kuyo. Loo ndawo kwakusithiwa kuseKanan. Apho ke uThixo waphinda wathembisa uAbraham oku: ‘Lonke eli lizwe ndiza kulinika abantwana bakho.’ UAbraham noSara babebadala kodwa bengenabo abantwana. UYehova wayeza kuyenza njani ke ngoku le nto wayeyithembisa?
“Ngenxa yokholo uAbraham, . . . wathobela waphuma waya kwindawo awayeza kuyinikwa ibe lilifa lakhe; waphuma, nangona wayengazi ukuba uya phi.”—Hebhere 11:8