IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 103 iphe. 238-iphe. 239 isiqe.¶ 2
  • “Mabufike Ubukumkani Bakho”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Mabufike Ubukumkani Bakho”
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Kwakutheni Ukuze UThixo Adale Abantu?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Kuqalisa Ubomi Obunzima
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Injongo KaThixo Ngomhlaba—Sele Iza Kuzaliseka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 103 iphe. 238-iphe. 239 isiqe.¶ 2
Abantu abadala nabantwana bonwabile eParadesi

ISIFUNDO 103

“Mabufike Ubukumkani Bakho”

UYehova wathembisa esithi: ‘Akuzi kubakho bantu bakhalayo, basezintlungwini, abagulayo nabafayo. Ndiza kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo. Baza kuzilibala zonke izinto ezimbi ezenzeke kwixesha elidlulileyo.’

UYehova wabeka uAdam noEva kwigadi yase-Eden, efuna bahlale ngoxolo, bonwabe. Babeza kukhonza uTata wabo wasezulwini, baze bazale abantwana de umhlaba ugcwale. UAdam noEva abazange bamthobele uYehova, kodwa loo nto zange iyitshintshe injongo kaThixo. Kule ncwadi siye sabona ukuba yonke into ethenjiswe nguThixo iyenzeka. UBukumkani bakhe buza kuzisa iintsikelelo emhlabeni, kanye njengokuba wathembisa uAbraham.

Abantu abadala nabantwana bahleli nezilwanyana eParadesi

Kungekudala, uSathana, iidemon zakhe nabo bonke abantu ababi soze baphinde babekho. Wonke umntu ophilayo uza kukhonza uYehova. Asizi kugula futhi soze sife. Kunoko, yonke imihla siza kuvuka sinamandla kwaye sikuvuyela ukuphila. Umhlaba uza kuba yiparadesi. Wonke umntu uza kutya ukutya okusempilweni aze ahlale kwikhaya elikhuselekileyo. Abantu baza kuba nobubele, bangakhohlakali futhi bangabonzakalisi abanye abantu. Izilwanyana zasendle soze zisoyike, nathi soze siphinde sizoyike.

Siza kukuvuyela kakhulu ukubona abantu abavuswa nguYehova. Siza kwamkela abantu abafana noAbheli, uNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uRute, uEstere noDavide. Sikunye nabo, siza kwenza umhlaba wonke ube yiparadesi. Siza kusoloko sisenza umsebenzi ovuyisayo.

UYehova ufuna ube lapho nawe. Uya kumazi ngeendlela ongazange uzicinge. Yonke imihla masiye sisondela ngakumbi kuye, ngoku nangonaphakade!

“Ufanele Yehova Thixo wethu onamandla, ukwamkela uzuko nembeko, kuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”—ISityhilelo 4:11

Imibuzo: UBukumkani bukaThixo buza kubutshintsha njani ubomi emhlabeni? Kubo bonke abantu ofunde ngabo kule ncwadi, ngubani ongathanda ukumbona eParadesi?

ISityhilelo 21:3, 4; Yobhi 33:25; IMizekeliso 2:21, 22; Isaya 11:2-10; 33:24; 65:21; Mateyu 6:9, 10; Yohane 5:28, 29; 17:3

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share