IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 2 iphe. 10-iphe. 11 isiqe.¶ 1
  • UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Indoda Nomfazi Bokuqala
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Kutheni Sisaluphala Size Sife?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya Kutshitshiswa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ukufa Nokuvuswa KukaYesu—Kunokuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 2 iphe. 10-iphe. 11 isiqe.¶ 1
UAdam noEva egadini yase-Eden

ISIFUNDO 2

UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala

UYehova watyala igadi endaweni ebizwa ngokuba yiEden. Kuloo gadi kwakukho iintyatyambo, imithi nezilwanyana ezininzi. Emva koko wadala umntu wokuqala, uAdam, waza wamphefumlela ezimpumlweni. Uyazi ukuba kwenzeka ntoni emva koko? Loo mntu waphila! UYehova wathi uAdam makalungise loo gadi aze athiye izilwanyana amagama.

UYehova wanika uAdam umthetho. Wathi: ‘Ungatya kuyo yonke imithi ngaphandle komthi omnye. Ukuba utye kuwo uza kufa.’

Emva koko uYehova wathi: ‘UAdam ndiza kumenzela umntu oza kumnceda.’ Wamenza walala ubuthongo, waza wathatha enye yeembambo zakhe wamenzela umfazi. Igama laloo mfazi lalinguEva. UAdam noEva baba ngabantu bokuqala abatshatayo. Wathini uAdam xa wayeqala ukubona umfazi wakhe? Wavuya kakhulu wade wathi: ‘Khawubone umntu uYehova amenze ngenye yeembambo zam! Ekugqibeleni! Lo ngumntu ofana nam.’

UYehova wathi uAdam noEva mababe nabantwana abaza kuhlala kuwo wonke umhlaba. Wayefuna basebenze kunye bonwabile, benze umhlaba wonke ube yiparadesi, okanye ipaki entle efana negadi yase-Eden. Kodwa zange yenzeke loo nto. Kwakutheni? Siza kuva kwisahluko esilandelayo.

“Lowo wabadalayo wabadala baba yindoda nomfazi kwasekuqaleni.”—Mateyu 19:4

Imibuzo: UYehova wathi uAdam makenze ntoni? Kwakuza kwenzeka ntoni xa uAdam noEva betye kumthi awathi uThixo mabangatyi kuwo?

Genesis 1:27-31; 2:7-9, 15-23; INdumiso 115:16; Mateyu 19:4-6

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share