IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 32 iphe. 80-iphe. 81 isiqe.¶ 2
  • Inkokheli Entsha Nabafazi Abayi-2 Abanesibindi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inkokheli Entsha Nabafazi Abayi-2 Abanesibindi
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngokholo, UBharaki Wawuphanzisa Umkhosi Onamandla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Abafazi Ababini Abakhaliphileyo
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • “Ndaphakama Njengomama KwaSirayeli”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ngamana UYehova Angadunyiswa Ngomoya Wokuzinikela Onawo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 32 iphe. 80-iphe. 81 isiqe.¶ 2
UBharaki ucenga uDebhora ukuba ahambe naye

ISIFUNDO 32

Inkokheli Entsha Nabafazi Abayi-2 Abanesibindi

Emva kokukhokela abantu bakaYehova iminyaka emininzi, uYoshuwa wasweleka eneminyaka eyi-110. Esaphila, amaSirayeli ayekhonza uYehova. Kwathi nje emva kokufa kwakhe, akhonza izithixo zamaKanan. Ngenxa yokuba engazange amthobele uYehova, wavumela ukumkani wamaKanan uYabhin ukuba awangcungcuthekise. Acela uncedo kuYehova. Ngoko uYehova wawanika inkokheli entsha, uBharaki. Wayeza kuwanceda abuyele kuYehova.

UDebhora, umprofetikazi wathumela ukuba kubizwe uBharaki. Wayenalo myalezo uvela kuYehova: ‘Thatha amajoni ayi-10 000, niye kudibana nomkhosi kaYabhin kumlambo waseKishon. Aza kumoyisa uSisera, intloko yomkhosi kaYabhin.’ UBharaki wathi kuDebhora: ‘Ukuba uza kuhamba nam ndiza kuya.’ UDebhora wathi: ‘Ndiza kuhamba nawe. Kodwa asinguwe oza kubulala uSisera. UYehova uthe, uza kubulawa ngumfazi.’

UDebhora wahamba nomkhosi kaBharaki besiya kwiNtaba YaseTabhore ukuze balungele ukulwa. Akuva ngezi ndaba uSisera, wabizela umkhosi wakhe neenqwelo zokulwa kumlambo ongezantsi. UDebhora wathi kuBharaki: ‘Namhlanje uYehova uza kukunceda woyise.’ UBharaki namajoni akhe ayi-10 000 behla besiya kudibana nomkhosi omkhulu kaSisera.

UYehova wenza umlambo waseKishon wazala. Iinqwelo zokulwa zikaSisera zaxinga eludakeni. USisera wazishiya apho waza wabaleka. UBharaki nomkhosi wakhe bawoyisa umkhosi kaSisera, kodwa yena uSisera wabaleka! Wazimela kwintente yomfazi onguYaheli. Wamnika ubisi wasela, wamambathisa ngengubo. Eli joni lalidiniwe labiwa bubuthongo lalala. UYaheli wachwechwa waza wabethelela isikhonkwane sentente entlokweni yalo. Lafa.

UBharaki noDebhora badumisa uYehova ngengoma

UBharaki wafika ekhangela uSisera. UYaheli waphuma ententeni waza wathi: ‘Ngena. Ndiza kukubonisa le ndoda uyikhangelayo.’ UBharaki wangena waza wabona uSisera ethe natya phantsi efile. UBharaki noDebhora babulela uYehova ngengoma ngenxa yokunceda amaSirayeli oyisa iintshaba zawo. Iminyaka eyi-40 eyalandelayo, kwabakho uxolo kumaSirayeli.

“Abafazi abashumayela iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.”—INdumiso 68:11

Imibuzo: Wawanceda njani uDebhora amaSirayeli? Wasibonisa njani isibindi uYaheli?

ABagwebi 4:1–5:31

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share