IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 35 iphe. 86-iphe. 87 isiqe.¶ 1
  • UHana Uthandazela Ukuba Nonyana

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UHana Uthandazela Ukuba Nonyana
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Wakhuphela Imbilini Yakhe KuThixo Ngomthandazo
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Waphalaz’ imbilini Yakhe KuThixo Ngomthandazo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Indlela UHana Awafumana Ngayo Uxolo Lwengqondo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • UYehova Angakuthuthuzela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 35 iphe. 86-iphe. 87 isiqe.¶ 1
UHana kwintente engcwele, unika uEli inkwenkwana enguSamuweli

ISIFUNDO 35

UHana Uthandazela Ukuba Nonyana

UmSirayeli onguElikana wayenabafazi ababini, uHana noPenina, kodwa oyena wayemthanda kakhulu yayinguHana. UPenina wayesoloko ehlekisa ngoHana kuba wayengenabantwana, ibe yena wayenabantwana abaninzi. Nyaka ngamnye uElikana wayehamba nentsapho yakhe beyokhonza kwintente engcwele eseShilo. Ngenye imini belapho, wabona uHana amthandayo ekhathazekile. Wathi: ‘Ungakhali Hana. Ndikhona. Ndiyakuthanda.’

Emva koko, uHana waya kuthandaza. Ekhala wacela uYehova ukuba amncede. Wamthembisa esithi: ‘Yehova, ukuba undinika unyana, ndiza kumnikela kuwe ukuze akukhonze ubomi bakhe bonke.’

UMbingeleli Omkhulu uEli ubona uHana elila njengoko ethandaza

UMbingeleli Omkhulu, uEli, wabona uHana elila, wacinga ukuba unxilile. UHana wathi: ‘Hayi nkosi yam, andinxilanga. Ndixelela uYehova ngengxaki enkulu endinayo.’ UEli wazisola waza wathi: ‘Akwaba uThixo angakunika into oyicelayo.’ UHana waziva exolile waza wahamba. Ungekapheli nonyaka, waba nonyana, waza wamthiya igama elinguSamuweli. Umele ukuba wavuya nyhani uHana.

UHana akazange ayilibale into awayemthembise yona uYehova. Akukhula uSamuweli, wamsa kwintente engcwele ukuze akhonze uYehova. Wathi kuEli: ‘Lo ngumntwana endandimthandazela. Ndibolekise ngaye kuYehova ubomi bakhe bonke.’ Nyaka ngamnye uElikana noHana babesiya kumbona, bamphathele into yokombatha entsha engenamikhono. UYehova wampha abanye oonyana abayi-3 neentombi eziyi-2 uHana.

“Qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana.”—Mateyu 7:7

Imibuzo: Yintoni eyayikhathaza uHana? UYehova wamsikelela ngantoni?

1 Samuweli 1:1–2:11, 18-21

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share