Intshayelelo Yecandelo 8
UYehova wamsikelela ngokumnika ubulumko nelungelo lokwakha itempile uSolomon, kodwa kancinci kancinci wamshiya uYehova. Ukuba ungumzali, cacisela umntwana wakho indlela unqulo lobuxoki olwamenza wamshiya ngayo uThixo. Ubukumkani bohlukana futhi ookumkani ababi benza uhlanga lwawexuka laza lakhonza nezithixo. Kanye ngelo xesha, abaprofeti bakaYehova abaninzi batshutshiswa baza babulawa. Ukumkanikazi uIzebhele wenza ukuba ubukumkani basemntla buwexuke kakhulu. Yayilixesha lobumnyama kwimbali yamaSirayeli. Sekunjalo, kwakusekho abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo, abanjengoKumkani uYehoshafati nomprofeti uEliya.