IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 5 iphe. 18-iphe. 19 isiqe.¶ 5
  • Umkhombe KaNowa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umkhombe KaNowa
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • UNowa Wakha Umkhombe
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UMkhukula—Ngoobani Abaphulaphulayo? Ingoobani Abangazange Baphulaphule?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • “Wahamba NoThixo OyiNyaniso”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • “Wahamba NoThixo”
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 5 iphe. 18-iphe. 19 isiqe.¶ 5
UNowa nentsapho yakhe bakha umkhombe

ISIFUNDO 5

Umkhombe KaNowa

Ekuhambeni kwexesha, kwaye kwabakho abantu abaninzi emhlabeni. Abaninzi babesenza izinto ezimbi. Kwanasezulwini, ezinye iingelosi zaye zenza izinto ezimbi. Zemka ezulwini zeza emhlabeni. Uyayazi ukuba zazifuna ntoni emhlabeni? Zazifuna ukuba ngabantu zize zitshate.

Ezi ngelosi kunye nabafazi bazo zaba noonyana. Abo nyana bakhula bazizigantsontso ezibaphatha kakubi abantu. UYehova wayengayithandi loo nto. Ngoko wababulala bonke aba bantu benza izinto ezimbi ngemvula enkulu ebizwa ngokuba ziZikhukula.

UNowa nentsapho yakhe bakha umkhombe, balungisa nokutya

Kwakukho umntu owayengafani nabo bantu, yena wayemthanda uYehova. Igama lakhe yayinguNowa. Wayenomfazi noonyana abathathu, uShem, uHam noYafete, ibe noonyana bakhe babenabafazi. UYehova wathi kuNowa makakhe umkhombe omkhulu, ukuze yena nentsapho yakhe basinde kuloo mvula inkulu. Umkhombe yibhokisi enkulu engatshoniyo emanzini. Waphinda wamxelela ukuba afake izilwanyana kulo mkhombe ukuze nazo zisinde.

UNowa wakhawuleza waqalisa ukwakha umkhombe. Wawakha nentsapho yakhe iminyaka ephantse ibe yi-50. Bawakha kanye ngale ndlela uYehova wayethe mabawakhe ngayo. Ngelo xesha, uNowa wayebaxelela nabanye abantu ngale mvula inkulu. Kodwa akukho nomnye umntu owammamelayo.

Ekugqibeleni, kwade kwathiwa makungenwe emkhombeni. Masive ukuba kwenzeka ntoni emva koko.

“Ubukho boNyana womntu buza kuba njengemihla kaNowa.”—Mateyu 24:37

Imibuzo: Kwakutheni ukuze uYehova azise imvula enkulu? Ziintoni uYehova awathi uNowa makazenze?

Genesis 6:1-22; Mateyu 24:37-41; 2 Petros 2:5; Yude 6

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share