IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 81 iphe. 190-iphe. 191 isiqe.¶ 2
  • INtshumayelo Yasentabeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • INtshumayelo Yasentabeni
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba UYesu Abe NguMfundisi Omkhulu
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Qhubekani Nisenza Okulungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • “Ndinibiza Abahlobo Bam”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Kufuneka Ufunde NgoThixo
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 81 iphe. 190-iphe. 191 isiqe.¶ 2
UYesu ushumayela entabeni

ISIFUNDO 81

INtshumayelo Yasentabeni

Emva kokuba ekhethe abapostile abayi-12, uYesu wehla entabeni waya apho babehlanganisene khona abantu. Babesuka eGalili, kwaYuda, eTire, eSidon, eSiriya naseYordan. Babezise abantu ababenezifo nababeneedemon. UYesu wabaphilisa bonke. Wahlala ngasentabeni waza washumayela. Wachaza into esimele siyenze ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo. Simele sikhumbule ukuba siyamdinga uYehova kwaye simele simthande. Kodwa asinakumthanda uThixo ukuba asibathandi abanye abantu. Simele sibe nobubele size sithande wonke umntu, nkqu neentshaba zethu.

UYesu wathi: ‘Asimele sithande abahlobo kuphela. Simele sithande neentshaba zethu size sibaxolele ngokusuka entliziyweni abantu. Ukuba kukho umntu omkhathazileyo, umele uxolise ngokukhawuleza. Baphathe abanye ngendlela ofuna bakuphathe ngayo.’

UYesu ushumayela entabeni

UYesu waphinda wanika abantu ababemphulaphule icebiso elihle ngezinto eziphathekayo. Wathi: ‘Ukuba ngumhlobo kaYehova kubaluleke ngaphezu kokuba nemali eninzi. Isela lingayiba imali yakho, kodwa akukho mntu unokuba ubuhlobo bakho noYehova. Yeka ukuba nexhala lokuba uza kutya, usele okanye unxibe ntoni. Jonga iintaka. UThixo uyaqiniseka ukuba ziyatya. Ixhala alizi kubongeza ubomi bakho. Khumbula ukuba uYehova uyayazi into oyidingayo.’

Abantu ababemphulaphule abazange bamva umntu othetha njengoYesu. Iinkokeli zenkonzo zabo azizange zibafundise ngolu hlobo. Kwakutheni ukuze uYesu abe ngumfundisi obalasele ngolo hlobo? Ngenxa yokuba yonke into awayeyifundisa yayivela kuYehova.

“Thathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndizolile, ndithobekile, ibe niza kuhlaziyeka.”—Mateyu 11:29

Imibuzo: Simele senze ntoni ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova? UYehova ufuna ubaphathe njani abanye?

Mateyu 4:24–5:48; 6:19-34; 7:28, 29; Luka 6:17-31

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share