Qalisa Ukufunda IBhayibhile
Kunokuba mnandi ukufunda iBhayibhile! Apha, kukho ezinye izinto onokuzenza ezinokukunceda uqalise ukuyifunda. Khetha umxholo ofuna ukufunda ngawo, uze ufunde izibhalo ezibhalwe ecaleni kwawo.
Amabali Nabantu Abadumileyo
UNowa noMkhukula: Genesis 6:9–9:19
UMoses kuLwandle Olubomvu: Eksodus 13:17–14:31
URute noNahomi: Rute isahluko 1-4
UDavide noGoliyati: 1 Samuweli isahluko 17
UAbhigali: 1 Samuweli 25:2-35
UDaniyeli emngxunyeni weengonyama: Daniyeli isahluko 6
UElizabhete noMariya: Luka isahluko 1-2
Ubulumko Onokubusebenzisa Yonke Imihla
Ubomi Bentsapho: Efese 5:28, 29, 33; 6:1-4
Abahlobo: IMizekeliso 13:20; 17:17; 27:17
Umthandazo: INdumiso 55:22; 62:8; 1 Yohane 5:14
Intshumayelo YaseNtabeni: Mateyu isahluko 5-7
Umsebenzi: IMizekeliso 14:23; INtshumayeli 3:12, 13; 4:6
Xa Udinga Uncedo Kuba . . .
Utyhafile: INdumiso 23; Isaya 41:10
Usentlungwini: 2 Korinte 1:3, 4; 1 Petros 5:7
Unetyala: INdumiso 86:5; Hezekile 18:21, 22
Into Ethethwa YiBhayibhile . . .
Ngemihla yokugqibela: Mateyu 24:3-14; 2 Timoti 3:1-5
Enika Ithemba Ngekamva: INdumiso 37:10, 11, 29; ISityhilelo 21:3, 4
ICEBISO: Ukuze ubone eyona nto kuthethwa ngayo kwezi zibhalo zingasentla, funda zonke izahluko ezinezo vesi. Sebenzisa itshathi ethi “Ufundo Lwakho LweBhayibhile” esekugqibeleni kule ncwadi, ukuze qho xa ufunda isahluko ukrwelele kuyo. Zimisele ukufunda iBhayibhile yonke imihla.