ISIFUNDO 26
Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi Nezibuhlungu?
Xa kusenzeka into ebuhlungu, kuqhelekile ukuba umntu athi: “Kutheni kusenzeka le nto?” Into evuyisayo kukuba iBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo.
1. Yintoni eye yenziwa nguSathana eyenza ukuba ngoku kwenzeke izinto ezibuhlungu?
USathana uMtyholi wamjikela uThixo. Wayefuna ibe nguye olawula abantu, waza wafuna ukuba uAdam noEva nabo bamjikele uThixo. Waqhatha uEva. (Genesis 3:1-5) Wamenza wacinga ukuba ikhona le nto intle uYehova amvimba yona. Kwakungathi uthi, ukuba abantu banokungamthobeli uThixo, baza konwaba kakhulu. USathana waqala ukuxoka xa wathi kuEva akazokufa. Yiloo nto iBhayibhile isithi uSathana “ulixoki ibe ubuxoki beza ngaye.”—Yohane 8:44.
2. UAdam noEva baye bakhetha ukwenza ntoni?
Akhonto uYehova angazange abaphe yona uAdam noEva. Wathi bangatya kuyo yonke imithi eyayisemyezweni wase-Eden. Mnye qha lo mthi babengamele batye kuwo. (Genesis 2:15-17) Kodwa bakhetha ukutya kanye kulo mthi kuthiwe mabangatyi kuwo. UEva “wakha isiqhamo sawo waza watya. Emva koko . . . nendoda yakhe . . . yatya.” (Genesis 3:6) Bobabini zange bamthobele uThixo. Kuba uAdam noEva babengenasono, kwakungekho nzima kubo ukuba bathobele. Xa bakhetha ukungamthobeli uThixo, bona baza babonisa ukuba abafun’ ukulawulwa nguye. Loo nto yabenza behlelwa zizinto ezibuhlungu kakhulu.—Genesis 3:16-19.
3. Kwenzeke ntoni kuthi ngenxa yesigqibo esenziwa nguAdam noEva?
Xa uAdam noEva bonayo, baba nesono, baza bonke abantwana babo nabo banesono. Ithi iBhayibhile xa ithetha ngoAdam: “Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu.”—Roma 5:12.
Sehlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yezizathu ezininzi. Ngamanye amaxesha, kungenxa yezigqibo ezingalunganga ezenziwa sithi okanye ngabanye abantu. Kanti ngamanye amaxesha, kungenxa yendawo ebesikuyo nangexesha ebesikuyo ngalo.—Funda iNtshumayeli 9:11.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Funda ukuba kutheni ingengoThixo obangela ukuba kwenzeke izinto ezibuhlungu, uve nokuba uziva njani xa kusenzeka izinto ezibuhlungu kuthi.
4. Oyena mntu ubangela izinto ezibuhlungu
Abantu abaninzi bacinga ukuba nguThixo olawula ihlabathi. Yinyani leyo? Dlala IVIDIYO.
Funda uYakobi 1:13 no-1 Yohane 5:19, nize nincokole ngalo mbuzo:
NguThixo obangela ukuba kwenzeke izinto ezimbi nezibuhlungu?
5. Izinto ezenzekayo xa kulawula uSathana
Funda iGenesis 3:1-6, nize nincokole ngale mibuzo:
USathana waxoka wathini?—Jonga ivesi 4, no-5.
USathana wenza ngathi uYehova ubavimba into entle abantu. Wayenza njani loo nto?
Yintoni eyathethwa nguSathana eyenza kwangathi abantu abadingi ukulawulwa nguThixo ukuze bonwabe?
Funda iNtshumayeli 8:9, nize nincokole ngalo mbuzo:
Ziintoni ezenzekileyo ngeli xesha ingengoYehova olawulayo?
UAdam noEva babengenasono, behlala eParadesi. Kodwa bamamela uSathana baza bajikela uYehova
Emva kokuba uSathana enze uAdam noEva bajikela uYehova, ihlabathi lagcwala isono, kwenzeka izinto ezibuhlungu kwaza kwasweleka abantu
UYehova uza kusiphelisa isono, izinto ezibuhlungu nokusweleka kwabantu. Abantu baza kuphinda baphile ubomi obugqibeleleyo eParadesi
6. UYehova uziva njani xa kusenzeka izinto ezibuhlungu kuthi?
Ngaba uThixo akayikhathalelanga into yokuba kusenzeka izinto ezibuhlungu kuthi? Yiva ukuba uKumkani uDavide nompostile uPetros bathini. Funda iNdumiso 31:7 no-1 Petros 5:7, nize nincokole ngalo mbuzo:
Ukwazi ukuba uYehova uyazibona izinto ezenzekayo kuthi nokuba usikhathalele, kukwenza uziva njani?
7. UThixo uza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu ezenzekayo
Funda uIsaya 65:17 neSityhilelo 21:3, 4, nize nincokole ngalo mbuzo:
Kutheni kukuthuthuzela ukwazi ukuba uYehova uza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu ezikhe zenzeka kuthi?
Ngaba ubuyazi?
Xa uSathana waxoka okokuqala, wangcolisa igama likaYehova. Wenza ukuba abantu bamjonge kakubi, kuba wayesithi uYehova akalawuli kakuhle ibe akabathandi abantu. UYehova seza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu ezenzekayo. Xa eziphelisa, uza kucoca negama lakhe. Loo nto ithetha ukuba, uza kusenza sibone ukuba ungoyena mntu umele alawule. Ukucocwa kwegama likaYehova, yeyona nto ibalulekileyo kwindalo yonke.—Mateyu 6:9, 10.
ABANYE ABANTU BATHI: “UThixo usenza sehlelwe zizinto ezibuhlungu kuba ufuna ukubona ukuba lunjani ukholo lwethu.”
Uthini wena?
UFUNDE NTONI?
USathana uMtyholi, uAdam noEva ngabona bantu benza ukuba kubekho izinto ezibuhlungu ezenzekayo. UYehova ukhathazeka kakhulu xa kusenzeka izinto ezibuhlungu kuthi, ibe seza kuziphelisa.
Khawutsho
USathana uMtyholi waxoka wathini kuEva?
Kwenzeke ntoni kuthi ngenxa yesigqibo esenziwa nguAdam noEva?
Sazi njani ukuba uYehova akavuyi xa kusenzeka izinto ezibuhlungu kuthi?
JONGA NEZI ZINTO
Yiva ukuba iBhayibhile ithi yintoni isono.
Phinda ufunde ngento eyathethwa nguSathana uMtyholi kumyezo wase-Eden.
“Kutheni UThixo Evumela Izinto Ezibuhlungu Zenzeke?” (IMboniselo, Januwari 1, 2014)
Yiva iimpendulo ezithuthuzelayo zombuzo onzima odla ngokubuzwa ngabantu.
Bukela ukuba yintoni eyafundwa yenye indoda ngezinto ezibuhlungu eyayizibona zisenzeka.