IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lff isifu. 23
  • Kubalulekile Ukubhaptizwa!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kubalulekile Ukubhaptizwa!
  • Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • FUNDA NEZINYE IZINTO
  • UFUNDE NTONI?
  • JONGA NEZI ZINTO
  • Kufuneka Ubhaptizwe Ukuze Ube NgumKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Ngaba Ukulungele Ukubhaptizwa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Ubhaptizo Nolwalamano Lwakho NoThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Izinto Ezenza Ubani Afanelekele Ukubhaptizwa NjengomKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
lff isifu. 23
Isifundo 23. Ibhinqa liyabhaptizwa ngokutshoniswa emanzini ukuze libe liNgqina LikaYehova.

ISIFUNDO 23

Kubalulekile Ukubhaptizwa!

Printed Edition
Printed Edition
Printed Edition

UYesu wathi amaKristu amele abhaptizwe. (Funda uMateyu 28:19, 20.) Kodwa kuthetha ukuthini ukubhaptizwa? Yintoni amele ayenze umntu ukuze abhaptizwe?

1. Umntu umele abhaptizwe njani?

Igama elithi “ukubhaptiza” lisuka kwigama lesiGrike elithetha “ukutshoniswa” emanzini. Xa uYesu wayebhaptizwa, watshoniswa kuMlambo iYordan, waza ‘waphuma emanzini.’ (Marko 1:9, 10) NjengoYesu, xa amaKristu okwenene ebhaptizwa ayatshoniswa emanzini.

2. Xa umntu ebhaptizwa ubonisa ntoni?

Xa umntu ebhaptizwa ubonisa ukuba uzinikele kuYehova uThixo. Umntu uzinikela njani? Ngaphambi kokuba abhaptizwe, xa eyedwa, uxelela uYehova ukuba ufuna ukukhonza yena ubomi bakhe bonke. Uyamthembisa ukuba uza kukhonza yena yedwa nokuba ukwenza ukuthanda kwakhe kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe. ‘Uyazincama aze aqhubeke elandela’ izinto ezifundiswa nguYesu nendlela awayezenza ngayo izinto. (Mateyu 16:24) Xa ezinikele waza wabhaptizwa, uyakwazi ukusondela kuYehova nakwabanye abakhonzi bakhe.

3. Yintoni amele ayenze umntu ngaphambi kokuba abhaptizwe?

Ngaphambi kokuba ubhaptizwe, umele ufunde ngoYehova uze ube nokholo oluqinileyo kuye. (Funda amaHebhere 11:6.) Xa usiya ufunda ngoYehova, nokholo lwakho luqina, uza kuya umthanda. Loo nto iza kukwenza ufune ukuthetha ngaye uze uphile ngendlela ayifunayo. (2 Timoti 4:2; 1 Yohane 5:3) Xa umntu esenza izinto ‘ngendlela uYehova afuna ngayo aze amvuyise ngokupheleleyo,’ usenokufuna ukuzinikela kuye aze abhaptizwe.​—Kolose 1:9, 10.a

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga ukuba yintoni esinokuyifunda kwindlela ethi iBhayibhile uYesu wabhaptizwa ngayo, nokuba yintoni amele ayenze umntu ukuze alungiselele ukubhaptizwa.

4. Yintoni esinokuyifunda kwindlela ethi iBhayibhile uYesu wabhaptizwa ngayo?

Funda uMateyu 3:13-17 uve ukuba kwakusenzeka ntoni xa uYesu wayebhaptizwa. Emva koko, ncokolani ngale mibuzo:

  • Wayelusana uYesu xa wayebhaptizwa?

  • Wabhaptizwa njani? Wafefwa ngamanzi?

Emva kokuba ebhaptiziwe, uYesu waqalisa umsebenzi uThixo awayethe makawenze apha emhlabeni. Funda uLuka 3:21-23 noYohane 6:38, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, ngowuphi owona msebenzi wawubalulekile ebomini bakhe?

5. Nawe ungabhaptizwa

Usenokoyika ekuqaleni xa ucinga ngokuzinikela nangokubhaptizwa. Kodwa ekuhambeni kwexesha, usenokude ube nesibindi sokusenza eso sigqibo sibalulekileyo. Ukuze ubone abanye abantu abaye basenza, dlala IVIDIYO.

IVIDIYO: Unokuba Nguye Njani Umhlobo KaYehova? (1:11)

Funda uYohane 17:3 noYakobi 1:5, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni enokunceda umntu ade akwazi ukubhaptizwa?

A. Ibhinqa liyathandaza ukuze lizinikele kuYehova. B. Eli bhinqa liyabhaptizwa ngokutshoniswa emanzini ukuze libe liNgqina LikaYehova.
  1. Sizinikela kuYehova ngokumxelela ukuba sifuna ukukhonza yena ubomi bethu bonke

  2. Xa sibhaptizwa, sibonisa abantu abakhoyo ukuba sizinikele kuThixo

6. Xa sibhaptizwa siba kwintsapho kaYehova

Xa sibhaptizwa, siba kwintsapho kaYehova emanyeneyo esemhlabeni wonke. Nokuba sisuka phi okanye sikhule njani, sikholelwa izinto ezifanayo, ibe siziphethe ngendlela efanayo. Funda iNdumiso 25:14, no-1 Petros 2:17, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Xa ubhaptiziwe buba njani ubuhlobo bakho noYehova nabanye abamkhonzayo?

Imifanekiso: Udade obhaptiziweyo ucinga ngabahlobo anabo ebandleni. 1. Ubalisela udade into eyimfihlo. 2. Unceda udade osele ekhulile xa ehamba. 3. Utya nabahlobo abangalinganiyo. 4. Ushumayela kwenye indoda kunye nodade ahamba naye. 5. Ufota kunye namaNgqina amabini ohlanga olungafaniyo endibanweni.

ABANYE ABANTU BATHI: “Ndiyafuna ukubhaptizwa, kodwa hayi ngoku.”

  • Uthini wena, ucinga ukuba ngenye imini ungaze ubhaptizwe?

UFUNDE NTONI?

UYesu wathi amaKristu amele abhaptizwe. Ngaphambi kokuba umntu abhaptizwe, kufuneka abe nokholo oluqinileyo kuYehova, aphile ngendlela uYehova afuna ngayo aze azinikele kuye.

Khawutsho

  • Umntu umele abhaptizwe njani, ibe kutheni kubalulekile ukubhaptizwa?

  • Xa umntu ebhaptizwa ubonisa ntoni?

  • Yintoni amele ayenze umntu ngaphambi kokuba abhaptizwe?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda inyani nobuxoki ngobhaptizo.

“Yintoni Ubhaptizo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ngezinto umntu anokuzenza ngaphambi kokuba abhaptizwe.

“Uza Kufuna Ukubhaptizwa Kuba Umthanda UYehova” (IMboniselo, Matshi 2020)

Yiva ngezizathu ezenza enye indoda yafuna ukubhaptizwa.

“Babefuna Ndizibonele Ngokwam Oko Kufundiswa YiBhayibhile” (IMboniselo, Februwari 1, 2013)

Yiva ukuba kutheni umele uzimisele ukubhaptizwa, nezinto onokuzenza ngaphambi kokuba ubhaptizwe.

“Ngaba Ndifanele Ndibhaptizwe?” (Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, isahluko 37)

a Ukuba umntu wakha wabhaptizwa kwenye inkonzo, kuza kufuneka aphinde abhaptizwe. Ngoba? Kuba loo nkonzo ibingafundisi inyaniso eseBhayibhileni.​—Jonga iZenzo 19:1-5 neSifundo 13.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share