IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 4/1 iphe. 5-8
  • IArmagedon Imfazwe KaThixo Eya Kuphelisa Zonke Iimfazwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IArmagedon Imfazwe KaThixo Eya Kuphelisa Zonke Iimfazwe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimfazwe Zamandulo Ezazilwelwa Kufuphi NeMegido
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile NgeArmagedon
  • Kutheni Kuyimfuneko Ukuba Kuliwe IArmagedon?
  • IArmagedon Yinto Yokwenene
  • IArmagedon—Isiganeko Esikhokelela Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • IArmagedon—Iya Kuba Nini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Yintoni Imfazwe YeArmagedon?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba I-Armagedon Iza Kuqala KwaSirayeli?—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 4/1 iphe. 5-8

IArmagedon Imfazwe KaThixo Eya Kuphelisa Zonke Iimfazwe

“Abantu balapha bakujonga njengento embi ukubulala; ngenxa yoko, abasiqondi isizathu sokuba kuliwe imfazwe yaye abafuni nokuyibona, kulwimi lwabo abanalo igama lemfazwe.”—INDLELA ABACHAZWA NGAYO ABANTU BASEGREENLAND UFRIDTJ NANSEN UMATILOSHE WASENORWAY NGOWE-1888.

NGUBANI ongenakuthanda ukuphila kwindawo engenamfazwe apho abantu “bengasiqondi isizathu sokuba kuliwe imfazwe yaye bengafuni nokuyibona”? Ngubani ongakufuniyo ukuphila kwihlabathi elingenalo kwa igama elithi imfazwe ngenxa yokuba lingazange liviwe nasemdudweni? Isenokuvakala iliphupha lonto, ngakumbi ukuba sithembele ebantwini ukuze basinike elo hlabathi.

Noko ke, kwisiprofeto sikaIsaya, uThixo wathembisa ukuba uza kuzisa ihlabathi elinjalo, xa wathi: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.”—Isaya 2:4.

Licacile elokuba, njengokuba ihlabathi linamajoni azizigidi ezingama-20 yaye kusiliwa iimfazwe ezimalunga nama-20 ngoku sithethayo, kusekude engqinibeni. Akumangalisi ke ngoko ukuba uThixo usomandla, uYehova kuza kufuneka angenelele kwimicimbi yoluntu. Oku kungenelela kukaYehova kuya kukhokelela koko iBhayibhile ikubiza ngokuba yiArmagedon.—ISityhilelo 16:14, 16.

Nakuba igama elithi “Armagedon” liye labhekisela kwintlaselo yenyukliya, esinye isichazi-magama sichaza eyona ntsingiselo yeli gama ngolu hlobo: “Indawo ekuya kulwelwa imfazwe enkulu phakathi kwemikhosi elungileyo nengendawo.” Ngaba okulungileyo kuya kuze koyise ubungendawo, okanye ngaba le mfazwe liphupha nje?

Kuyathuthuzela ukuphawula ukuba iBhayibhile ithetha ngokuphindaphindiweyo ngokuphela kobungendawo. Umdumisi wathi: “Aboni baya kupheliswa emhlabeni; nabo ke bangendawo, abayi kuba sabakho.” (INdumiso 104:35) “Kuba abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”—IMizekeliso 2:21, 22.

IBhayibhile ikwasixelela ukuba abangendawo abayi kunikezela nje ngaphandle komlo; seso sizathu kanye esenza kube yimfuneko ngoThixo ukuba abuncothule neengcambu ubungendawo, kuquka ubungendawo obubangelwa yimfazwe. (INdumiso 2:2) Igama elisetyenziswa yiBhayibhile xa libhekisela kule mfazwe linentsingiselo enzulu.

Iimfazwe Zamandulo Ezazilwelwa Kufuphi NeMegido

Igama elithi “Armagedon” lithetha “Intaba YeMegido.” Isixeko samandulo iMegido kwiThafa laseYizereli, kudala kusiliwa amadabi angundaba-mlonyeni kuso. Umbhali-mbali uEric H. Cline kwincwadi yakhe ethi The Battles of Armageddon uthi: “Kuyo yonke imbali yaseMegido nakwiNtlambo yaseYizereli bekusoloko kuqhum’ uthuli ngamadabi aye aphumela kwimpucuko.”

Ngokutsho kukaCline, amadabi alwelwa kufuphi naseMegido aye anentsingiselo. Imikhosi kaMongol, eyayiqengq’ ugodo kwinkulungwane ye-13, yalaliswa ngophotho kule ntlambo. Kude kufuphi naseMegido, imikhosi yaseBritani eyayikhokelwa nguNjengele Edmund Allenby yanqunqel’ engoqweni imikhosi yaseTurkey kwimfazwe yehlabathi yokuqala. Umbhali-mbali wemikhosi uchaza uloyiso lukaAllenby “njengelona phulo likhawulezileyo nelona lalinentsingiselo kumadabi embali.”

Akho namadabi amaxesha okubhalwa kweBhayibhile awalwelwa kufuphi naseMegido. UMgwebi uBharaki woyisa umkhosi wamaKanana kaSisera. (Abagwebi 4:14-16; 5:19-21) UGidiyon, owayenomkhosi omncinane wamadoda angama-300, wawosela umkhosi omkhulu wamaMidiyane kulo mmandla. (Abagwebi 7:19-22) Ukumkani uSawule nonyana wakhe uYonathan bafela kufuphi neNtaba yaseGilbowa xa umkhosi wamaSirayeli wabhulelwa amasaka ngumkhosi wamaFilisti.—1 Samuweli 31:1-7.

Ngenxa yendawo emi kuyo, iMegido neentlambo ezikufuphi nayo kwaliwa amadabi amaninzi kwiminyaka engama-4 000 edluleyo. Omnye umbhali-mbali ubale amadabi angama-34!

Imbali yaseMegido nendlela emi ngayo le ndawo ngokuqinisekileyo inento yokwenza nentsingiselo yokomfuziselo yokusetyenziswa kwegama elithi “Armagedon.” Nakuba eli gama livela kube kanye kuphela eBhayibhileni, indlela ekuthethwa ngayo ngalo kwincwadi yeSityhilelo, kubonisa nakuthathatha ukuba iArmagedon iya kuchaphazela mntu ngamnye onyathela kweli gada.

Oko Kuthethwa YiBhayibhile NgeArmagedon

Nakuba iimfazwe eziye zalwelwa kufuphi naseMegido ziye zanentsingiselo, akukho nanye kuzo eye yaphelisa ubungendawo. Enyanisweni, akuzange kukhe kugagane imikhosi yobulungisa neyobungendawo. Kusengqiqweni ke ngoko ukucinga ukuba, loo mfazwe imele ukuba ivela kuThixo. Njengokuba uYesu watshoyo “akukho bani ulungileyo ngaphandle komnye, uThixo.” (Luka 18:19) Ngaphezu koko, iBhayibhile ibhekisela kwiArmagedon njengemfazwe kaThixo.

EBhayibhileni, incwadi yeSityhilelo ithi “ookumkani bomhlaba” bayakuhlanganiselwa “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.” (ISityhilelo 16:14) Le ngxelo yesiprofeto yalek’ umsundulu ngokuthi: “Yaye abahlanganisela ndawonye kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.”a (ISityhilelo 16:16) Kamva, iSityhilelo sicacisa ukuba “nookumkani bomhlaba nemikhosi yabo bahlanganisene ndawonye ukuba benze imfazwe nalowo uhleli ehasheni kunye nomkhosi wakhe.” (ISityhilelo 19:19) Lowo uhleli ehasheni nguYesu Kristu.—1 Timoti 6:14, 15; ISityhilelo 19:11, 12, 16.

Ezi ndinyana zenza sifikelele kwesiphi isigqibo? IArmagedon yimfazwe phakathi kukaThixo nemikhosi yoluntu olungathobeliyo. Yintoni enokwenza uYehova noNyana wakhe uYesu Kristu balwe imfazwe enjalo? Kaloku, iArmagedon iza ‘konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Ukongezelela, iza kuzisa uxolo emhlabeni, ‘umhlaba omtsha, ngokwesithembiso [sikaThixo], apho kumi ubulungisa.’—2 Petros 3:13.

Kutheni Kuyimfuneko Ukuba Kuliwe IArmagedon?

Ngaba ukufumanisa kunzima ukucinga ukuba uYehova, “uThixo wothando” unokuyalela uNyana wakhe “Inkosana Yoxolo” ukuba alwe imfazwe? (2 Korinte 13:11; Isaya 9:6) Ukwazi intsusa yoko kuya kukunceda. Incwadi yeeNdumiso ichaza uYesu njengegorha lomphumi-mkhosi. Yintoni le ingaka ayilwelayo? Umdumisi uthi, uKristu uphalisa “endleleni yenyaniso nentembeko nobulungisa.” Ulwa le mfazwe ngenxa yokuba uyabuthanda ubulungisa yaye ubuthiyile ubungendawo.—INdumiso 45:4, 7.

Ngokufanayo, iBhayibhile ichaza indlela uYehova avakalelwa ngayo ngenxa yokungabikho kokusesikweni ehlabathini namhlanje. “Wabona ke Inkosi, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni,” utsho uIsaya. “Wanxiba ubulungisa ngokwengubo yentsimbi, wanxiba isigcina-ntloko sosindiso entloko; ukwambatha wambatha iingubo zempindezelo, wazithi wambu ngekhwele, kwanga kungengubo yokwaleka.”—Isaya 59:15, 17; IBhayibhile YesiXhosa.

Ukuba abantu abangendawo basesegunyeni akunakwenzeka ukuba abantu abangamalungisa banandiphe uxolo nonqabiseko. (IMizekeliso 29:2; INtshumayeli 8:9) Abantu abanjalo abanakuze bahlukane nokurhwaphiliza nobungendawo. Ngoko, uxolo nokusesikweni okungunaphakade kuya kufumaneka kuphela xa abangendawo bengabonwa nangetshengele. USolomon wabhala wathi: “Ongendawo uyintlawulelo yelungisa.”—IMizekeliso 21:18.

Ekubeni uThixo enguMgwebi, sinokuqiniseka ukuba nasiphi na isigwebo nxamnye nabangendawo sesobulungisa. UAbraham wabuza: “UMgwebi womhlaba wonke akayi kwenza okulungileyo yini na?” UAbraham wafunda ukuba uYehova usoloko echanile! (Genesis 18:25) Ngaphezu koko, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uYehova akayoliswa kukutshabalalisa abangendawo; ukutshabalalisa kuye yinto yokugqibela.—Hezekile 18:32; 2 Petros 3:9.

IArmagedon Yinto Yokwenene

Siya kube sikweliphi icala thina kule mfazwe? Uninzi lwethu ngokuzenzekelayo lucinga ukuba luya kubetha ngesingqi esinye nomkhosi wobulungisa. Kodwa sinokuqiniseka njani? UZefaniya uyasibongoza: “Funani ubulungisa, funani ululamo.” (Zefaniya 2:3) Umpostile uPawulos uthi kukuthanda kukaThixo ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.”—1 Timoti 2:4.

Ukufunda inyaniso ngoYehova nenjongo yakhe yokucoca umhlaba kuze kuphele ubungendawo linyathelo lokuqala eliya entsindisweni. Inyathelo lesibini kukuqhelisela ubulungisa yaye kona kuya kusenza sikholeke kuThixo aze asikhusele.

Xa sichankcatha kula manyathelo, sinokukhangela phambili kwiArmagedon, imfazwe eya kuziphelisa nya iimfazwe zabantu. Xa loo mfazwe sele iphelile, abantu baya kujonga imfazwe njengento elizothe nenganyamezelekiyo. ‘Abasayi kuphinda bafunde imfazwe kwakhona.’—Isaya 2:4.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ubone enoba iArmagedon yindawo yokoqobo kusini na, funda inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi,” iphepha 31.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

Ukungenelela kukaThixo kwimicimbi yabantu kubizwa ngokuba yiArmagedon

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Megido

[Umfanekiso okwiphepha 6]

UGidiyon namadoda akhe baba noloyiso kwidabi elalikufuphi neMegido

[Umfanekiso okwiphepha 6, 7]

Emva kweArmagedon, abantu bazo zonke iindawo baya kuyijonga imfazwe njengento elizothe nenganyamezelekiyo

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Ukufunda inyaniso ngoYehova nenjongo yakhe kulinyathelo lokuqala ukuze usindiswe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share