Imibuzo Yabafundi
Liza Kulwelwa Phi Idabi LeArmagedon?
Idabi leArmagedon akukho apho liza kulwelwa khona. Kunoko, liza kulwelwa emhlabeni wonke. Ngoba kutheni? Kuba la macala mabini aza kube esilwa makhulu kakhulu kangangokuba akanakuba sendaweni ethile.
Kwakhona iArmagedon okanye iHar–Magedon yaziwa ngokuba ‘yimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ UYehova uThixo uya kusebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu ukuba ahlanganise umkhosi wasezulwini ukuze ulwe nxamnye nemikhosi yabalawuli abangendawo bomhlaba.—ISityhilelo 16:14; 19:11-16.
Iintlanga zirhwetyeshwa yimikhosi kaSathana ukuze ziye kweli dabi. IBhayibhile ithetha “ngamazwi aphefumlelwe ziidemon” aya “kookumkani [abalawuli] bomhlaba omiweyo uphela, ukubahlanganisela . . . kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.”—ISityhilelo 16:14-16.
Ngokungafaniyo nenye incwadi eseBhayibhileni, iSityhilelo senze abantu abaninzi abafunda iBhayibhile bacinge. Abantu abaninzi abasifundayo nabavakalelwa kukuba okuqulethwe yile ncwadi kwenzeka ngokoqobo bayayalatha indawo eliza kulwelwa kuyo eli dabi yaye bajonge naziphi na iziganeko ezenzekayo kulo mmandla. Ingcamango yokuba iArmagedon iza kulwelwa kwindawo ethile iyafumaneka nangoku kwiGreek commentary on Revelation eyabhalwa nguOeconomus kwinkulungwane yesithandathu yeXesha Eliqhelekileyo.
Ephinda ingcamango eqhelekileyo umfundisi wobufandamentali uJohn F. Walvoord owayesakuba ngumongameli weDallas Theological Seminary uthi iArmagedon “lidabi lokugqibela lehlabathi ekungekho themba lokuba ihlabathi liyakusinda kulo liza kube lilwelwa kuMbindi Mpuma.” UWalvoord uchaza eyona ngongoma ngeli dabi liza kusitshayela kuthi tu isixeko samandulo esiyiMegido, apho induli iphakame kangengeemitha ezingama-20 kufutshane nethafa elalilapho.
Noko ke, incwadi yeSityhilelo asiyomaphu esichazela ukuba indawoni indawo ebizwa ngokuba yiArmagedon. Amazwi okuqala ale ngxelo abonisa ukuba le ncwadi ‘inemiqondiso.’ (ISityhilelo 1:1) AmaNgqina kaYehova akha athi kwimpapasho yawo ethi Studies in the Scriptures, Volume IV ithi: “Akuzukuhlanganisana abantu ngokoqobo kwiNtaba yaseMegido.”
Okwenzeka eMegido kumela imeko engaphephekiyo eziza kube zikuyo iintshaba zikaThixo. NgeArmagedon uThixo uya kuqinisekisa ukuba konke ukonakala nobungendawo, kungakhathaliseki ukuba buphi na aph’ emhlabeni ubusiphula neengcambu.—ISityhilelo 21:8.
Abo bathanda uYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu akuyomfuneko ukuba bayoyike iArmagedon. Idabi likaThixo lijoliswe ngokukhethekileyo kubantu uThixo abagweba kuba beqaqadekile. Imfazwe yakhe ayizukunqunqel’ egoqweni wonk’ umntu. IBhayibhile ithi: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.” (2 Petros 2:9) IBhayibhile inethemba elichukumisayo kwiNdumiso 37:34, ithi: “Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe, uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba. Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.”