Intetho Yesidlangalala Ekhethekileyo
Ngubani Okufanelekelayo Ukulawula Abantu?
Nguwuphi umlawuli
• onokucombulula imeko yezoqoqosho, aqiniseke ukuba abantu banokutya okwaneleyo nezindlu ezisemgangathweni?
• onokuthintela iintlekele zemvelo, ukuze abantu bangabi namava abuhlungu abangelwa ziitsunami, iinkanyamba okanye iinyikima?
• onokuzisiphula neengcambu izifo, abuyisele nabantu abakhulileyo emihleni yamandla obutsha?
• onokuphelisa iimfazwe nto leyo eya kwenza ukuba abantu ababaphetheyo babe seluxolweni baze banqabiseke?
• oya kubuyisela indalo kwimeko egqibeleleyo, eguqula umhlaba ube yiparadesi?
Mnye kuphela uMlawuli onokuzisa ezi ntsikelelo. Ngubani lo Mlawuli? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwintetho yesidlangalala enomxholo othi, “Ngubani Okufanelekelayo Ukulawula Abantu? Le ntetho yeBhayibhile kulungiselelwe ukuba inikelwe kumazwe angama-230 ehlabathini lonke. Kwiindawo ezininzi iza kube inikelwa eHolweni YoBukumkani yamaNgqina kaYehova yasekuhlaleni ngeCawa, umhla ka-Aprili 6, 2008. AmaNgqina akummandla okuwo angakuvuyela ukukuchazela ixesha neadresi yendawo ekuyo. Umenywa ngokufudumeleyo ukuba ubekho kule ntetho.