Ngubani UThixo?
UBUYA kuthini xa uphendula lo mbuzo? Bakho abantu abathi bona bamazi kakuhle uThixo—bathi ungumhlobo wabo osenyongweni. Ukanti kwabanye, uThixo unjengesihlobo abangazalani kangako naso. Bayakholelwa kona ukuba ukho, kodwa ke akukho nto ingako abayaziyo ngaye. Ukuba uyakholelwa kuThixo, ubuya kuthini xa uphendula le mibuzo ilandelayo?
1. Ngaba uThixo ngumntu wokwenene?
2. Ngaba unalo igama?
3. Ngaba uYesu nguThixo uSomandla?
4. Ngaba uThixo undikhathalele mna?
5. Ngaba wamkela kwanto nje ilunqulo?
Ukuba unokucela abanye abantu ukuba baphendule le mibuzo, usenokufumana iimpendulo ezahlukene ngendlela eyothusayo. Yiyo loo nto ziye zanda kangaka iintsomi neengcamango eziphosakeleyo ngoThixo.
Isizathu Sokuba Iimpendulo Zibaluleke
Xa uYesu Kristu wayencokola nebhinqa elalikholelwa kuThixo ngasequleni, wayenza yacaca into yokuba kubalulekile ukwazi inyaniso ngoThixo. Lo mSamariyakazi wayeyamkela into yokuba uYesu wayengumprofeti. Kodwa kukho nto ithile eyayimkhathaza. Unqulo lukaYesu lwalungafani nolwakhe. Wathi akuyichaza loo nto, uYesu wamphendula ngokuphandle esithi: “Nina ninqula eningakwaziyo.” (Yohane 4:19-22) Kucacile ukuba uYesu wayevakalelwa kukuba asingabo bonke abantu abakhonzayo abamazi ngokwenene uThixo.
Ngaba la mazwi kaYesu atheth’ ukuba akakho umntu onokuze amazi ngokwenene uThixo? Akunjalo. Kaloku walek’ umsundulo esithi kweli bhinqa: “Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.” (Yohane 4:23) Ngaba nawe ungomnye wabo banqula uThixo “ngomoya nenyaniso”?
Kubaluleke kakhulu ukuba uqiniseke ngempendulo yakho kulo mbuzo. Ngoba? UYesu wabethelela ukubaluleka kokuba nolwazi oluchanileyo xa wathandaza esithi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ewe, ikamva lakho linxibelelene kakhulu nokwazi kwakho inyaniso ngoThixo!
Ngaba yinto enokwenzeka ngokwenene ukwazi inyaniso ngoThixo? Ewe inokwenzeka! Unokuyifumana njani ke? Xa uYesu wayezichaza, wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Waphinda wathi: “Kungekho nabani umaziyo uBawo ngaphandle kukaNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.”—Luka 10:22.
Ngoko ukuze simazi uThixo, kufuneka siye kwiimfundiso zikaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Kaloku uYesu ude athembise athi: “Ukuba niyabambelela kwimfundiso yam, ngokwenene ningabafundi bam. Niya kuthi ke niyazi inyaniso, nenyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:31, 32, The Holy Bible—New International Version.
Ebeya kuthini ke uYesu xa ephendula le mibuzo mihlanu siyibuze ekuqaleni?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngaba unqula uThixo ongamazi nakangako?