IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 2/1 iphe. 5
  • Ngaba UThixo Ngumntu Wokwenene?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Ngumntu Wokwenene?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?
    Vukani!—2005
  • Indlela Esinokumazi Ngayo uThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ungubani UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ngaba Umoya Oyingcwele Ngumntu?
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 2/1 iphe. 5

Ngaba UThixo Ngumntu Wokwenene?

Izinto Ezidla Ngokuthethwa Ngabantu:

◼ “Ukuyo yonk’ indawo, kuzo zonke izinto. Unjengomoya.”

◼ “Akachazeki, ungamandla akrelekrele kodwa angengomntu.”

Wathini yena uYesu?

◼ “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala.” (Yohane 14:2) UYesu wathi uThixo unendlu yomfuziselo, okanye indawo yokuhlala.

◼ “Ndaphuma kuBawo ndeza ehlabathini. Ngokubhekele phaya, ndiyalishiya ihlabathi yaye ndiyemka ndiya kuBawo.” (Yohane 16:28) UYesu wayekholelwa ukuba uThixo unguMntu wokwenene ohlala kwindawo ethile.

UYESU akazange achaze uThixo njengamandla angengomntu. Kunoko, wathetha Naye waza wathandaza kuye. Wayedla ngokubiza uYehova ngokuthi nguYise osemazulwini, binzana elo lisikrobisa kubuhlobo obusondeleyo obukhoyo phakathi kwakhe noThixo.—Mateyu 6:14, 26, 32.

Kuyinyaniso ukuba “akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha” nokuba “uThixo unguMoya.” (Yohane 1:18; 4:24) Kodwa loo nto ayithethi kuthi akanalo naluphi na uhlobo lomzimba, okanye isiqu. IBhayibhile ithi: “Ukuba kukho umzimba wenyama, kukwakho nowomoya.” (1 Korinte 15:44) Ngoko ke, ngaba uYehova unawo umzimba womoya?

Ewe. Xa uYesu wavuswayo, “wangena . . . ezulwini ngokwalo, ukuze ngoku abonakale phambi koThixo ngenkqu ngenxa yethu.” (Hebhere 9:24) Loo nto isifundisa izinto ezimbini ezibalulekileyo ngoThixo. Okokuqala, unendawo ahlala kuyo. Okwesibini, unguMntu, hayi amandla angachazekiyo ahlala kuyo yonke indawo.

Kwenzeka njani ke ukuba akwazi ukulawula izinto kuyo yonke indawo? UThixo uyakwazi ukuthuma umoya wakhe oyingcwele, okanye amandla akhe asebenzayo, ukuba aye naphi na kwindalo yakhe. Njengotata othuthuzela aze axhase abantwana bakhe, uThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze aphumeze injongo yakhe.—INdumiso 104:30; 139:7.

Ngenxa yokuba uThixo enguMntu, ukwanabo nobuntu, kwaye unezinto azithandayo nangazithandiyo—nkqu neemvakalelo unazo. IBhayibhile isixelela ukuba uyabathanda abantu bakhe, uyawuthanda umsebenzi wakhe, uluthiyile unqulo-zithixo kwaye uyakhathazeka xa kusenziwa ubungendawo. (Genesis 6:6; Duteronomi 16:22; 1 Kumkani 10:9; INdumiso 104:31) Kweyoku-1 kuTimoti 1:11, kuthiwa ‘nguThixo onoyolo.’ Yiloo nto uYesu wathi sinako ukumthanda loThixo ngentliziyo yethu iphela!—Marko 12:30.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo enabayo kulo mba, bona isahluko soku-1 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

Njengotata owolula ingalo yakhe, uThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze aphumeze injongo yakhe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share