IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 4/1 iphe. 11
  • UYesu Kristu—Oko Kuthethwa Sisigidimi Sakhe Kuwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Kristu—Oko Kuthethwa Sisigidimi Sakhe Kuwe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Esona Sipho Sizodlula Zonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Isipho Esikhulu SikaThixo​—⁠Kutheni Sixabisekile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 4/1 iphe. 11

UYesu Kristu—Oko Kuthethwa Sisigidimi Sakhe Kuwe

“Ndizele ukuba zibe nobomi yaye zibe nabo ngokuyintabalala.”—YOHANE 10:10.

EYONA nto yayizelwe nguYesu Kristu ehlabathini kukupha kungekhona ukuphiwa. Ngokushumayela kwakhe wapha abantu isipho esixabisekileyo—isigidimi esasityhila inyaniso ngoThixo nangentando yakhe. Abo basamkelayo esi sigidimi banokunandipha ubomi obubhetele kwanangoku, njengokuba oko siye sakubona kusenzeka kwizigidi zamaKristu okwenyaniso.a Kodwa esona sipho sixabisekileyo awasipha sona uYesu bubomi bakhe obugqibeleleyo awanikela ngabo. Ukufumana kwethu ubomi obungunaphakade kuxhomekeke kwindlela esiyamkela ngayo le nkalo ibalulekileyo yesigidimi sakhe.

Oko uThixo noKristu basinike kona UYesu wayesazi ukuba wayeza kubulawa kabuhlungu ziintshaba zakhe. (Mateyu 20:17-19) Kodwa ke, kumazwi akhe adumileyo akuYohane 3:16 wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” Waphinda wathi wayezele “ukuze anikele ngomphefumlo wakhe [okanye ubomi] ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Kwakutheni ukuze athi ubomi bakhe babuza kunikelwa kunokuba buthatyathwe?

Ngenxa yothando olungenakulinganiswa nanto, uThixo walungiselela ukuba abantu bahlangulwe kwisono abasizuza ilifa nakwimiphumo yaso ekukungafezeki nokufa. Oku wakwenza ngokuthumela emhlabeni uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ukuze afe njengedini. UYesu wavuma ukunikela ngobomi bakhe obufezekileyo ngenxa yethu. Eli lungiselelo, nelibizwa ngokuba yintlawulelo sesona sipho sikaThixo sibalaseleyo kuluntu.b Sisipho esinokunceda abantu bafumane ubomi obungunaphakade.

Oko ufanele ukwenze Ngaba intlawulelo isisipho nakuwe? Loo nto ixhomekeke kuwe. Ukwenza umzekelo: Masithi umntu othile ukunika isipho esisebhokisini. Eso sipho asinakuba sesakho de ube usamkele. Ngendlela efanayo, uYehova ukulungiselele intlawulelo kodwa ke ayinakuba sisipho kuwe de uyamkele. Njani?

UYesu wathi ngabo “babonisa ukholo” kuye abaya kufumana ubomi obungunaphakade. Ukholo lubandakanya indlela ophila ngayo. (Yakobi 2:26) Ukuba nokholo kuYesu kuthetha ukwenza izinto awazifundisayo nawazenzayo. Loo nto ifuna ukuba umazi kakuhle uYesu noYise. UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

Kwiminyaka emalunga nama-2 000 eyadlulayo, uYesu Kristu washumayeza abantu isigidimi esiye satshintsha ubomi bezigidi emhlabeni wonke. Ngaba uyafuna ukwazi okungakumbi ngeso sigidimi nendlela esinokuninceda ngayo wena nezihlobo zakho, kungekhona nje ngoku kodwa nangonaphakade? AmaNgqina kaYehova angathanda ukukunceda.

Amanqaku alandelayo aza kukufundisa ngakumbi ngoYesu Kristu, indoda eyashumayela isigidimi esinokutshintsha ubomi bakho ngonaphakade.

[Imibhalo esemazantsi]

a Asinguye wonke umntu othi ungumKristu ongumlandeli wokwenene kaKristu. Abalandeli bakaYesu bokwenene baphila ngokuvisisana nenyaniso awayifundisa ngoThixo nentando yakhe.—Mateyu 7:21-23.

b Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngoko kufundiswa ziZibhalo ngentlawulelo, funda isahluko 5 esinomxholo othi, “Intlawulelo—Esona Sipho Sibalaseleyo SikaThixo,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share