Ngaba Asisakhathazeki Xa Senze Isono?
PHAMBILI phayaa, amarhamente ayedla ngokuphulaphula umfundisi eshumayela “ngezono ezisixhenxe eziyingozi”—inkanuko, ubudlakudla, ukunyoluka, ubuvila, umsindo, umona nekratshi. Izihlandlo ezininzi umfundisi wayedla ngokuchaza imiphumo eyingozi yesono aze abongoze amarhamente ukuba aguquke. Kodwa omnye umbhali uthi: “Ngoku iintshumayelo ezininzi zasecaweni azisathethi kangako ngesono, kunoko kushunyayelwa ngezinto ezithandwa ngamarhamente.”
Nababhali bemihlathi yamaphepha-ndaba baye baphawula into efanayo. Nazi ezinye zezinto eziye zathethwa kumaphepha-ndaba:
▪ “Namhlanje akusathethwa ngesono, ukuguquka kunye nosindiso kodwa konwaywa iindlebe zamarhamente ngeentshumayelo eziwakhuthaza ukuba azithembe aze azithande.”—Star Beacon, Ashtabula, Ohio.
▪ “Abantu abasakhathazeki xa benze isono.”—Newsweek.
▪ “Asisathi ‘Yintoni uThixo ayifunayo kum?’ kunoko sithi ‘Yintoni aza kundenzela yona mna uThixo?’”—Chicago Sun-Times.
Kweli hlabathi linabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo nelikhuthaza uvula zibhuqe, abantu abakuthandi ukugweba kwizinto ezinokuthanani nemilinganiselo yokuziphatha. Kuthiwa akukho mntu unelungelo lokugweba abanye. Kubonakala ngathi ukugweba abanye sesona sono sinzulu. Ngoko ke kuye kuthiwe: ‘Into oyikholelwayo kusenokwenzeka ukuba iyakunceda kodwa musa ukuyinyanzela kwabanye abantu. Abantu banamhlanje baphila ngemilinganiselo eyahlukahlukeneyo. Akakho umntu onegunya lokubekela abanye imilinganiselo. Ungacingi ukuba nguwe wedwa okwazi ukuziphatha.’
Le ndlela yokucinga iye yayitshintsha indlela abathetha ngayo abantu. Igama elithi “isono” alisafane lisetyenziswe. Abaninzi bahlekisa ngalo. Abantu abahlalisanayo akusathiwa “bahleli esonweni” kunoko kuthiwa “bahlala kunye.” Akusathiwa “ngabakrexezi” kodwa kuthiwa “bayahambisana.” Akusathiwa “ngamafanasini” kodwa kuthiwa “baphila ngendlela nje eyahlukileyo.”
Kuyacaca ukuba itshintshile indlela abantu abayijonga ngayo into “eyamkelekileyo” “nesisono.” Zitshintshwe yintoni izimo zengqondo zabantu? Kwenzeka ntoni kwisono? Ngaba ibalulekile indlela osijonga ngayo isono?