IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 6/1 iphe. 16-17
  • “Ngabantu Abatheni Aba Bemise Kule Ndawo?”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ngabantu Abatheni Aba Bemise Kule Ndawo?”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Akukho Bani Unokukhonza Iinkosi Ezimbini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 6/1 iphe. 16-17

Ileta Evela EMzantsi Afrika

“Ngabantu Abatheni Aba Bemise Kule Ndawo?”

“LO NGUMMANDLA OYINGOZI KAKHULU—LUMKELA OOTSOTSI NOONONGOGO,” kubhalwe loo magama kuphawu olusecaleni kwendlela. Simisa ecaleni kwendlela nezinye iimoto ezisilinde ngaphantsi kwebhodi enkulu yentengiso ebonisa indlela eya kwihotele yodidi kunye nendawo yokungcakaza. Kudlula iminyobo yeemoto zala maxesha yaye babonakala bemangalisiwe mhlawumbi bezibuza ukuba ‘Ngabantu abatheni aba bemise kule ndawo?’

Siyaphuma emotweni yethu size sime neqela labantu elinxibe kakuhle nelime emthunzini wale bhodi. Iqela lethu linabantu abavela kwiintlanga nezizwe ezahlukahlukeneyo, nto leyo engekaqheleki ncam eMzantsi Afrika. Size kule ndawo ekwiikhilomitha ezili-100 kumntla ntshona weRhawuti ngethemba lokuba siza kufundisa abantu balapha iBhayibhile.

Sifunda ivesi yeBhayibhile size sicebisane ngendlela esiza kushumayela ngayo. Senza umthandazo size sibuyele ezimotweni. Qelele phaya kuthe xhonkxosholo izindlu namatyotyombe. Azibonakali kakuhle ngenxa yeendunduma zemigodi. Kuyasimangalisa ukubona indlela abahlwempuzeke ngayo abantu balapha nangona kukho imigodi.

Mna nomfazi wam kunye nenye indoda yaseJamani nomfazi wayo siqalisa intsasa yethu ngokushumayela kwindlu ngendlu. Inkoliso yabantu bale ndawo abasebenzi ngoko imizi yabo ayinabunewunewu. Imizi emininzi ngamatyotyombe akhiwe ngayo nantoni na efumanekayo ekunokwakhiwa ngayo.

Xa sifika kwikhaya ngalinye sibulisa sisesesangweni yaye amaxesha amaninzi samkelwa ngabafazi. Abantu esithetha nabo banomdla wokuva into esiyizeleyo yaye basiphatha njengeendwendwe ezibekekileyo. Abantu abasingenisi ezindlwini kuba amatyotyombe ayatshisa emini ngenxa yoko abantwana beza nezitulo size sihlale phantsi kwemithi.

Abantu abadala bahlala phantsi kunye nathi. Nabantwana abancinane bayabizwa ukuba beze kuphulaphula. Sifunda iivesi zeBhayibhile size sicele abantwana besikolo ukuba bafunde iincwadi zethu ezithetha ngeBhayibhile. Phantse wonke umntu esidibana naye uyaluthabatha uncwadi lwethu yaye bayasicela ukuba siphinde sibuye.

Emini emaqanda sithi xha ukuze sifumane into esiwa phantsi kwempumlo nesiselo, ngaphambi kokuba sibuyele kwabo sasikhe sabatyelela ngaphambili. Siqala ngokuya kubona uJimmy, indoda yaseMalawi esebenza emgodini. Sele iziinyanga simfundisa iBhayibhile. UJimmy unomdla wokufunda iBhayibhile yaye sele kulixesha simfundisa. UJimmy utshate nomTswanakazi yaye banabantwana ababini. Khange simfumane kutyelelo oludluleyo ngoko ke sikhangele phambili ekwazini ukuba unjani.

Xa sifika kwakhe siyabona ukuba ikho into engahambi kakuhle. Ingca ayichetywanga eyadini, igadi ayilinywanga yaye neenkukhu zakhe azikho. Umnyango utshixwe ngetyathanga elikhulu. Ummelwane wakhe uza kuthi ukuze aqonde ukuba sifuna bani. Siyambuza ukuba uphi na uJimmy. Usixelela umphanga: UJimmy uswelekile yaye umfazi uthathe abantwana wabuyela ekhaya.

Nangona abantu balapha bengathandi ukombiwa ngeendaba zabo sibuza le nkosikazi ukuba ubulewe yintoni uJimmy. Ithi kuthi: “UJimmy ebegula waza wafa. Zininzi izifo ezibulala abantu namhlanje.” Nangona engachazi ukuba uJimmy ubulewe yintoni, sicingela ukuba ubulewe nguGawulayo. Nangona abantu befundiswa ngesi sifo, abantu abanaso abamkelwa ncam yaye kude kurhanelwe ukuba bathakathiwe. Akufane kuthethwe ngeso nangona kukho amangcwaba amaninzi kule lali angqina ubukho baso kunye nobunyaniso bamazwi ale nkosikazi. Sincokola nayo ngethemba lovuko size sidlulele kwindlu elandelayo nangona iintliziyo zethu zilihlwili.

Singena kwenye ilali size siye kwizindlu ezisecaleni kweendunduma. Sifika esiphelweni sesinye isitrato kubhalwe elityeni kwathiwa “Ukuzilazila lisela lexesha yaye umgulukudu ekusebenza nawo kukurhuq’ iinyawo.” Sifika uDavida obhale la mazwi elungisa imoto yakhe. Ujonga ilanga njengoko lisiya kunina aze atsho ngoncumo oluhle oluveza amazinyo akhe egolide njengoko esibona. Wosula izandla zakhe aze asibulise.

Uyasibulisa aze athi “Benikade niphi?” Siyavuya xa simbona esaphila. Uyangxengxeza esithi akanakukwazi ukuchitha ixesha elininzi kunye nathi kuba ufumene umsebenzi emgodini yaye sele elungiselela ukuya kungena. UDavid usoloko encumile njengoko sincokola naye. Uthi: “Ubomi bam batshintsha ukususela laa mini endadibana ngayo nani. Andazi ukuba ngendiphi namhlanje ukuba naningafikanga.”

Simshiya noko sichulumancile uDavid. Njengoko ilanga lisiya kutshona nathi sibhekisa amabombo ekhaya. Njengoko sijonga le ndawo okukugqibela siyazibuza ukuba aba bantu baya kuziva njani iindaba ezilungileyo. Sitsho siwaqonde kakuhle amazwi kaYesu athi: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa.”—Luka 10:2.

[Umbhalo osemazantsi]

a Amanye amagama atshintshiwe.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 17]

Kind permission given by the South African Post Office

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share