Ngaba Nyhani Kukunganyaniseki?
“Xa uye wafumana ingozi musa ukuchaza yonke into ukuze izinto zikuhambele kakuhle.”
“Akuyomfuneko ukuwaxelela yonke into amagosa erhafu.”
“Undoqo kukuba ungabhaqwa.”
“Uyithengela ntoni into xa ikhona indlela yokuyifumana simahla?”
USENOKUCETYISWA ngale ndlela xa ufuna amacebiso ngemibandela ephathele imali. Abanye abantu babonakala benezicombululo ezikrelekrele zayo yonke into. Umbuzo kukuba, Ngaba loo macebiso anyanisekile?
Ngendlela okuxhaphake ngayo ukunganyaniseki namhlanje, abantu bakujonga njengento eyamkelekileyo ukuxoka, ukuqhatha nobusela ukuze baphephe isohlwayo okanye ukuze bahambele phambili. Nabantu abadumileyo badla ngokunganyaniseki. Kwelinye ilizwe laseYurophu, amatyala okuqhatha nokwehlisa imali ngomlenze antinga aya ngaphaya kwama-85 ekhulwini ukususela ngowama-2005 ukuya kowama-2006. Loo manani ayengawaquki amatyala amancinane amaninzi okunganyaniseki. Akumangalisi ke ngoko ukuba iinkokeli zalapho eziphambili kwezorhwebo nakwipolitiki zibe zasebenzisa izatifiketi zomgunyathi ukuze zihambele phambili.
Nangona ihlabathi linembono egqwethekileyo ngokunyaniseka, abantu abaninzi bafuna ukwenza into elungileyo. Mhlawumbi nawe ungomnye wabo. Kusenokwenzeka ukuba ufuna ukwenza okulungileyo emehlweni kaThixo kuba umthanda. (1 Yohane 5:3) Usenokuvakalelwa njengompostile uPawulos owathi: “Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Ngenxa yoko sicela ukuba ufunde ngezinye zeemeko ezinokuvavanya ukuzimisela komntu ‘ukunyaniseka kwizinto zonke.’ Kwakhona siza kuqwalasela imigaqo yeBhayibhile enokuba luncedo kwiimeko ezilolo hlobo.
Ngubani Omele Ahlawule Umonakalo?
Ngenye imini intombazana ekuthiwa nguLisaa yayiqhuba imoto yayo yaza yatshayisana nenye. Akukho mntu wenzakalayo kodwa zombini ezo moto zonakala. Kwilizwe layo, abaqhubi abaselula bahlawula imali eninzi kwi-inshorensi yaye loo mali iyenyuka rhoqo benze ingozi. Omnye umhlobo kaLisa wamcebisa ukuba athi imoto yayiqhutywa ngumzala wakhe uGregor ekubeni naye wayekho kuloo moto yaye emdala kunaye. Loo nto yayiza kunceda uLisa angahlawuli imali yeinshorensi eninzi. Elo cebiso lalibonakala lilihle. Wayeza kwenza ntoni?
Iinkampani zeinshorensi zisebenzisa imali ehlawulwa ngabantu ababhalise kuzo ukuze zihlawule iindleko. Ngenxa yoko, ukuba uLisa wayeza kusebenzisa icebiso lomhlobo wakhe wayeza kuba unyanzela abanye abantu ababhalise kuloo nkampani ukuba bahlawule imali engakumbi ukuze kuhlawulwe iindleko zakhe. Wayengazukuba uyaxoka nje kuphela kodwa wayeza kuba uyeba. Kunjalo naxa umntu eqhatha inkampani yeinshorensi ukuba ihlawule umonakalo ongaphezu kwalowo wenzekileyo.
Ukuhlawuliswa kwabantu ababanjwa besenza izinto ezinjalo kusenokubenza abantu bakoyike ukuqhatha. Kodwa ke isizathu sokuphepha ukunganyaniseki esibaluleke nangakumbi sifumaneka kwiLizwi likaThixo. Omnye weMithetho Elishumi uthi: “Uze ungebi.” (Eksodus 20:15) Umpostile uPawulos wawuphinda loo mthetho kumaKristu xa wathi: “Lowo ubayo makangabi seba.” (Efese 4:28) Ukuba uyamthobela uThixo kwimiba ephathelele i-inshorensi uya kukuphepha ukwenza into angayifuniyo. Kwakhona uya kuba ubonisa indlela owuthanda nowuhlonela ngayo umthetho kaThixo kunye nabamelwane bakho.—INdumiso 119:97.
“Izinto ZikaKesare KuKesare”
UPeter ngusomashishini. Umgcini zimali wakhe umcebisa ukuba axoke kumagosa erhafu esithi uthenge iikhompyutha ezibiza imali eninzi ukuze ehliselwe irhafu. Yinto eqhelekileyo ukuba ishishini elifana nelikaPeter lithenge izinto ngale ndlela. Nangona uPeter engakhange azithenge ezi khompyutha, urhulumente akanakufane aphande ukuze aqinisekise ukuba zithengwe nyhani. Ukuncitshiswa kwerhafu kuza kumongela imali eninzi. Ufanele enze ntoni? Yintoni enokumnceda ukuze enze esi sigqibo?
Umpostile uPawulos wathi kumaKristu omhla wakhe: “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo . . . Nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu; lowo kufuneka unikelo kuye, mnikeni unikelo.” (Roma 13:1, 7) Abantu abafuna ukuthandwa nguThixo bayazihlawula zonke iirhafu abafanele bazihlawule. Kwelinye icala ukuba umthetho welizwe ubanciphisela irhafu abantu abathile okanye amashishini, akukho nto iphosakeleyo ngokufaka isicelo sokuyincitshiselwa ukuba kufanelekile ngokwasemthethweni.
Nantsi enye imeko ebandakanya ukuhlawulwa kwerhafu. UDavid ngumchweli kwinkampani yasekuhlaleni. Ucelwa ngabahlobo nangabamelwane bakhe ukuba abenzele ifanitshala emva kokuba etshayisile emsebenzini. Bamthembisa imali engaphezu kwaleyo ayihlawulwa emsebenzini wakhe kodwa bafuna angabenzeli iirisithi. Ekubeni kungazukubakho zirisithi akukho mntu uza kuhlawula irhafu. Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba akukho nto iphosakeleyo kuloo nto, ekubeni kuzuza wonke umntu obandakanyekileyo. Ekubeni uDavide efuna ukukholisa uThixo, ufanele akujonge njani ukwenza umsebenzi aze angayichazi kwabasemagunyeni imali ayifumeneyo?
Nangona umntu osebenza ngaloo ndlela esenokungabhaqwa, akayihlawuli irhafu afanele ayihlawule kurhulumente. UYesu wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Mateyu 22:17-21) UYesu wawathetha la mazwi kuba efuna ukulungisa indlela ababekujonga ngayo ukuhlawula irhafu abo wayethetha nabo. Urhulumente uYesu ambiza ngokuba nguKesare uyigqala imali yerhafu njengemfanelo yakhe. Ngenxa yoko, abalandeli bakaKristu bakugqala njengomyalelo weZibhalo ukuhlawula irhafu.
Ukukopa Esikolweni
UMarta ofunda kwisikolo samabanga aphakamileyo ulungiselela iimviwo zokuphela konyaka. Uchithe ixesha elininzi efunda kuba ukufumana kwakhe umsebenzi ofanelekileyo kuxhomekeke kwindlela aphumelela ngayo esikolweni. Nabanye abantwana afunda nabo baye bazilungiselela iimviwo, kodwa ke ngendlela eyahlukileyo. Baza kukopa besebenzisa iiselifowuni nezinye izinto. Ngaba noMarta ufanele enze njengabanye abantwana ukuze apase kakuhle?
Ekubeni ukukopa kuxhaphakile abantu abaninzi ababoni nto iphosakeleyo ngako. Bathi “into ebalulekileyo kukuba ungabhaqwa,” kodwa ke loo ndlela yokucinga ayamkelekanga kumaKristu okwenyaniso. Nangona utitshala esenokungababoni abantwana abakopayo, ukho obabonayo. UYehova uThixo uyazazi izinto esizenzayo yaye uza kusigweba ngenxa yazo. UPawulos wabhala wathi: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe, kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Ukwazi ukuba uThixo ujongile kuba enomdla kwinto esiyenzayo kufanele kusenze sifune ukunyaniseka xa sibhala iimviwo.
Uza Kwenza Ntoni?
ULisa, uGregor, uPeter, uDavid, noMarta babubona ubunzulu bemeko ababekuyo. Bagqiba ekubeni banyaniseke yaza loo nto yabanceda banesazela esicocekileyo baza bagcina nemilinganiselo yabo. Uza kwenza ntoni wena xa ukwimeko efanayo?
Abantu osebenza nabo, ofunda nabo nabamelwane basenokungabi nangxaki ngokuxoka, ukuqhatha okanye ukuba. Basenokude bahlekise ngawe ukuze bakunyanzele ukuba ubathelele. Yintoni enokukunceda wenze isigqibo esifanelekileyo nangona usenokulingeka ukuba unganyaniseki?
Ukhumbule ukuba ukwenza ukuthanda kukaThixo kukwenza ube nesazela esimsulwa uze uthandwe nguThixo. UKumkani uDavide wathi: “Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho? Ngubani na oya kuhlala entabeni yakho engcwele? Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso eqhelisela ubulungisa yaye ethetha inyaniso ngentliziyo yakhe. . . . Lowo wenza ezi zinto akasayi kuze agungqiswe.” (INdumiso 15:1-5) Isazela esicocekileyo nobuhlobo noThixo wamazulu zibaluleke ngaphezu kokufumana izinto ngamaqhinga.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
“Lowo ubayo makangabi seba.”
Ukuhlonela umthetho kaThixo nokuthanda ummelwane kusenza sinyaniseke kwi-inshorensi
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
“Nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu.”
Ukuze sithandwe nguThixo kufuneka sihlawule zonke iirhafu ezifunwa ngurhulumente
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
“Zonke izinto . . . zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.”
Nangona sisenokungabhaqwa ngootitshala xa sikopa sifuna ukunyaniseka kuThixo
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 14]
Ubusela “Obungabonakaliyo”
Masithi umhlobo wakho uthenge inkqubo entsha yekhompyutha yaye nawe uyayifuna. Uthi angakukopela yona simahla. Ngaba oko kukunganyaniseki?
Xa umntu ethenga inkqubo yekhomputha uye avume ukuba uza kuyithobela yonke imithetho elawula loo nkqubo. Kusenokwenzeka ukuba uvumeleke ukuba ayisebenzise kwikhompyutha yakhe kuphela. Xa kunjalo ukuyikopela omnye umntu akukho mthethweni. (Roma 13:4) Kwakhona bubusela lonto kuba umntu owenze loo nkqubo akayifumani imali ebeza kuyifumana xa eyithengisa.—Efese 4:28.
Abanye basenokuthi, ‘Akukho mntu uza kuyazi loo nto.’ Kodwa ke nokuba kunjalo sifanele sikhumbule amazwi kaYesu athi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Sonke siye sivuye xa siye sahlawulwa ngomsebenzi wethu yaye sifuna abanye bazihloniphe izinto zethu. Nathi sifanele sibaphathe ngendlela efanayo nabanye. Siyabuphepha ubusela “obungabonakaliyo” njengokuba izinto eziqanjwe ngabanye abantub nezingezozethu.—Eksodus 22:7-9.
[Umbhalo osemazantsi]
b Izinto eziqanjwe ngabanye abantu ziquka izinto ezinjengomculo, iincwadi iinkqubo zekhompyutha enokuba ziziincwadi okanye zigcinwe kwikhompyutha. Amagama eenkampani, iimvume zokuthengisa, iimfihlo zorhwebo namalungelo okusasaza nazo ziqukiwe kolu luhlu.