Inqaku Labaselula
Indlela Yokufumana Abahlobo Abanyanisekileyo
Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zingezantsi kwindawo ongazukuphazanyiswa kuyo. Njengoko ufunda zibone nawe ulapho. Yiba ngathi uyayibona into eyenzekayo. Beve bethetha abantu abalapho. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abantu ekuthethwa ngabo.
Abalinganiswa abaphambili: UYonatan, uDavide kunye noSawule
Into eyenzeka kweli bali: UYonatan uba ngumhlobo kaDavide osenyongweni emva kokuba uDavide ebulele uGoliyati.
1 HLALUTY ESI SIGANEKO.—FUNDA EYOKU-1 KASAMUWELI 17:57–18:11; 19:1; 20:1-17, 41, 42.
Chaza indlela ocinga ukuba wayekhangeleka ngayo uSawule. (Funda eyoku-1 kaSamuweli 10:20-23.)
․․․․․
Kusenokwenzeka ukuba uDavide wayeselula xa wadibana noYonatan. Ucinga ukuba wayekhangeleka njani? (Funda eyoku-1 kuSamuweli 16:12, 13.)
․․․․․
Ucinga ukuba babevakalelwa njani uDavide noYonatan njengoko babesahlukana ekupheleni kweyoku-1 kaSamuweli isahluko 20?
․․․․․
2 CINGISISA.
Eli bali lithi “umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide”—okanye “uDavide noYonatan baba ngabahlobo abasenyongweni” ngokutsho kweContemporary English Version. (1 Samuweli 18:1) Ziziphi iimpawu zikaDavide ekusenokwenzeka ukuba zamenza wathandwa nguYonatan? (Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:45, 46.)
․․․․․
UDavide noYonatan babeshiyana ngeminyaka emalunga nama-30 ubudala. Ucinga ukuba yintoni eyabenza baba “ngabahlobo abasenyongweni” nangona babeshiyana ngeminyaka emininzi kangako?
․․․․․
Ziziphi ezinye zezinto obubonakala ngazo ubuhlobo benene njengoko ziboniswe kweli bali? (Funda IMizekeliso 17:17.)
․․․․․
Kwakutheni ukuze uYonatan anyaniseke kuDavide kunokuba anyaniseke kuyise?
․․․․․
3 ZISEBENZISE IZINTO OZIFUNDILEYO. BHALA IZINTO OZIFUNDILEYO . . .
Ngobuhlobo.
․․․․․
Ngokunyaniseka.
․․․․․
Ngokuba ngumhlobo wabantu abadala
․․․․․
Unokuba nguye njani umhlobo wabantu abalungileyo?
․․․․․
4 YIYIPHI INXALENYE YELI BALI OYITHANDILEYO, YAYE NGOBA?
․․․․․
UKUBA AWUNAYO IBHAYIBHILE CELA AMANGQINA KAYEHOVA AKUPHATHELE OKANYE UYIFUNDE KWI-INTERNET www.watchtower.org