Uyamenywa!
UMENYELWA phi? Umenywa ukuba uye kutyelela enye yeeofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova, ezibizwa ngokuba yiBheteli. Kukho iiofisi ezili-118 ezikumazwe awahlukahlukeneyo. Abantu abatyelela eBheteli badla ngokuchaza indlela abawuxabisa ngayo umsebenzi owenziwa apho.
Emva kokubona abasebenzi abazibhokoxa ngovuyo enkonzweni kaYehova kwiofisi yesebe yaseMexico, omnye umfundi weBhayibhile oselula wachukumiseka waza wabuza: “Ndifanele ndenze ntoni ukuze ndisebenze apha?” Kwathiwa kuye: “Okokuqala, ufanele ubhaptizwe. Emva koko, kunokuba kuhle ukuba ungaba nguvulindlela—umvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo.” Lo mfana wenza kanye ngaloo ndlela, yaye emva kweminyaka emibini wabizwa ukuba aze kukhonza kwiBheteli yaseMexico, ngoku sele eneminyaka engama-20 ekhonza apho.
Yintoni IBheteli?
Igama lesiHebhere elithi, ‘Bheteli’ lithetha “iNdlu kaThixo.” (Gen. 28:19) Izakhiwo zeofisi zamasebe zisetyenziselwa ukushicilela nokusasaza iiBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni nokunceda amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-100 000, asehlabathini lonke. Abasebenzi baseBheteli abamalunga nama-20 000—amadoda namabhinqa aneemvelaphi ezahlukahlukeneyo—ngokuzincama bakhonza uYehova nabazalwana noodadewabo bokomoya ixesha elizeleyo. Abo sele beneminyaka bekulo msebenzi wamaKristu basebenza kunye nolutsha olusenamandla. Ngeengokuhlwa nangeempelaveki, amalungu entsapho yaseBheteli aya kwiintlanganiso nakubulungiseleli bamaKristu kumabandla amaNgqina kaYehova akufuphi. Xa engasebenzi, aye afunde iBhayibhile, enze nezinye izinto zobuqu aze azihlaziye.
Amalungu entsapho yaseBheteli afumana ubugcwabalalana nyanga nganye. Afumana ukutya okusempilweni yaye ahlala kumagumbi acocekileyo namahle. Amakhaya aseBheteli akazozakhiwo ezimbejembeje. Sekunjalo akhiwe ngendlela efanelekileyo. Abo batyeleleyo abachukunyiswa kukucoceka nalulungelelwano kuphela, kodwa bachukunyiswa nangumoya wobubele nowentsebenziswano okhoyo eBheteli. Nakuba bonke abantu balapho besebenza ngenkuthalo, bayazinika ixesha lokubonakalisa ububele ebantwini. EBheteli, akukho kucalulana ngenxa yezikhundla yaye akukho bantu baziva bephakamile ngenxa yomsebenzi abawenzayo. Yonke imisebenzi ibalulekile, enoba kukucoca, ukusebenza egadini, ukupheka, ukushicilela okanye ukusebenza eofisini. Abasebenzi baseBheteli basebenza kunye njengeqela ukuze baxhase ubulungiseleli bamaNgqina kaYehova.—Kol. 3:23.
Yiva Oko Kuthethwa Ngabanye Abasebenzi BaseBheteli
Makhe sive oko kuthethwa ngabo bayinxalenye yezi ntsapho zabantu abavela kumazwe ngamazwe. Yintoni eyabangela ukuba bafune ukuya kukhonza eBheteli? Ngokomzekelo, cinga ngoMario. Ekuqaliseni kwakhe ukuba liNgqina likaYehova, uMario wayefumana umvuzo oncumisayo kwinkampani edumileyo yeemoto yaseJamani awayephangela kuyo yaye wayevulekelwe ngamathuba okuba ngusomaqhuzu. Kungekudala emva kokuba ebhaptiziwe, waya kusebenza kangangeveki kwiBheteli ekwilizwe ahlala kulo. Wanikwa umsebenzi kwicandelo lokushicilela. UMario wabona umahluko omkhulu phakathi kwabasebenzi baseBheteli nabo wayephangela nabo. Ngoko wafaka isicelo sokukhonza ixesha elizeleyo eBheteli. Nangona izalamane zakhe ezininzi nabo wayesebenza nabo babesithandabuza esi sigqibo sakhe, uMario wonwabile kwiBheteli yaseJamani.
Abaninzi baya eBheteli bengenamfundo ikhethekileyo okanye ubugcisa obuthile. Kunjalo nangoAbel, okhonze kwiBheteli yaseMexico kangangeminyaka eli-15. Uthi: “Izinto ezininzi ndizifunde apha eBheteli. Ndifunde ukusebenzisa oomatshini abakhulu bokushicilela abanobugocigoci. Ukuba bendingekho seBheteli, ndiyazi ukuba bendinokufumana imali eninzi gqitha ngenxa yolu lwazi ndinalo kodwa ndiqinisekile ukuba bendingenakusebenza ngoxolo nolonwabo yaye bendingenakwaneliseka kwiindawo zempangelo apho kukho ukungonwabi nomoya wokhuphiswano. Ndivakalelwa kukuba ndifumene eyona mfundo isemagqabini eye yandinceda ndakhula ngokomoya ndafumana nolwazi lwehlabathi. Bendingenakuzifumana ezi ngenelo zokomoya nditsho nakweyona yunivesithi isemagqabini.”
Ukutyelela IBheteli Kunokukukhuthaza
Ukutyelela iBheteli kunokumnceda umntu ngokomoya. Kwaba njalo ngo-Omar, waseMexico. Unina wamfundisa inyaniso yeBhayibhile. Kodwa xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uOmar wayeka ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nasentsimini. Ekugqibeleni wabambiseka kumgibe wokuthanda izinto eziphathekayo. Kamva, xa wayesebenza kwinkampani yezixhobo zonxibelelwano, uOmar waba ngomnye wabathunyelwa kwiBheteli yaseMexico ukuya kubonisa indlela ezisebenza ngayo ezinye zezo zixhobo. UOmar uthi: “Ukugqiba kwethu ukubabonisa ezo zixhobo, sakhenkethiswa kweso sakhiwo. Oko ndakubonayo apho nendlela endaphathwa ngayo ngobubele kwandenza ndacingisisa ngendlela endandiphila ngayo, ndandikude noYehova. Ngoko nangoko ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso nokufunda iBhayibhile. Kwiinyanga ezintandathu emva kokuba ndityelele eBheteli, ndabhaptizwa. Ndiyambulela uYehova ngokhuthazo endalufumanayo kolu tyelelo lwaseBheteli.”
NoMasahiko waseJapan wakhuliswa yintsapho engamaNgqina. Noko ke, wacinga ukuba ubomi bobuKristu bungqongqo gqitha. Wazixakekisa ngezinto zesikolo waza wayeka ukuya kwiintlanganiso nokushumayela. UMasahiko uthi: “Ngenye imini intsapho yasekhaya nabanye abahlobo abangamaKristu bagqiba kwelokuba batyelele eBheteli. Intsapho yam yandicenga ukuba nam ndihambe. Ukukhenketha eBheteli kwandikhuthaza gqitha. Ukunxulumana namanye amaKristu kolo hambo kwandenza ndonwaba ngendlela endandingaqhelanga konwaba ngayo xa ndikunye nabahlobo bam abangengomaNgqina. Ndaba nomdla wokuphila njengamaKristu ndaza ndagqiba kwelokuba ndicele ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.” UMasahiko ngoku ungumlungiseleli wexesha elizeleyo kwibandla akulo.
Elinye iNgqina laseFransi laya kusebenza eMoscow. Layeka ukunxulumana nabantu bakaYehova laza laba buthathaka ngokomoya. Lenza izinto eziphosakeleyo laza ekugqibeleni latshata nomntu ongeloNgqina. Latyelelwa ngomnye udade waseFransi baza batyelela kwiBheteli yaseSt. Petersburg, eRashiya. Lithi: “Samkelwa ngobubele eBheteli yaye oku kwandichukumisa. Kwakukho uxolo. Ndawuva umoya kaYehova. Ndabona ukuba bendenze impazamo enkulu ngokushiya intlangano kaYehova! Emva kokutyelela eBheteli, ndathandaza kuYehova ndicela ukuba andincede ndaza ndaqalisa ukufundisa abantwana bam iBhayibhile.” Phakathi kwezinto ezanceda eli Ngqina lalibuthathaka ngokomoya, kukutyelela eBheteli kuba emva koko lenza inkqubela.
Ukutyelela eBheteli kunokubanceda njani abo bangaqhelananga namaNgqina kaYehova? Ngowe-1988, uAlberto owayezithanda kakhulu ezopolitiko watyelela eBheteli yaseBrazil. Wachukunyiswa gqitha kukucoceka, ucwangco nokungenziwa kwezinto ngokufihlakeleyo. Ngaphambi kokuba atyelele eBheteli, uAlberto wayeye kwinkomfa apho usibali wakhe wayengumfundisi khona. UAlberto wawubona umahluko. UAlberto uthi: “Yonke into apho yayisenziwa ngokufihlakeleyo.” Emva kokuba etyelele eBheteli, wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, waziyeka ezopolitiko yaye ngoku ungumdala webandla.
Uyamenywa Ukuba Uze Kutyelela EBheteli!
Abaninzi baye benza umgudu wokutyelela iofisi yesebe ekwilizwe abahlala kulo. Ngokomzekelo, uPaulo noEugenia baseBrazil baqokelela imali kangangeminyaka emine ukuze bathabathe uhambo lweentsuku ezimbini ngebhasi baye kubona isakhiwo saseBheteli esikumgama weekhilomitha ezingama-3 000 kwilizwe labo. Bathi: “Asizisoli ngokwenza loo mgudu. Ngoku siyiqonda ngakumbi intlangano kaYehova. Maxa wambi xa sichazela izifundo zethu zeBhayibhile ngomsebenzi owenziwa eBheteli, ziye zisibuze, ‘Ngaba nina nakhe naya?’ Ngoku siza kukwazi ukuthi ewe.”
Ngaba ikho iofisi yesebe nekhaya laseBheteli kwilizwe ohlala kulo okanye elikufuphi nawe? Siyakukhuthaza ukuba uye kutyelela. Siyakuqinisekisa ukuba uya kwamkelwa ngobubele eBheteli yaye uya kubuya wakhekile ngokomoya.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UMario
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UAbel
[Umfanekiso okwiphepha 18]
EJamani
[Umfanekiso okwiphepha 18]
EJapan
[Umfanekiso okwiphepha 18]
EBrazil