Imfihlelo 5
Yanelisa Intswelo Yakho Yokomoya
IFUNDISA NTONI IBHAYIBHILE? “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.”—Mateyu 5:3.
YINTONI INGXAKI? Kukho amawakawaka eenkonzo ezahlukahlukeneyo yaye uninzi lwazo luyanelisa ngeemfundiso ezahlukeneyo intswelo yokomoya. Unokuyibona njani inkonzo efundisa inyaniso nekholisa uThixo? Abanye ababhali abadumileyo bathi ukukholwa nokunqula uThixo akunangqondo yaye kuyingozi. Iphephancwadi likaMaclean lizishwankathela kanje izimvo zomnye umntu odumileyo nongakholelwayo kubukho bukaThixo: “Into efundiswa ngamaKristu yokuba kukho nto ithile esingenakuyibona . . . yenza ubomi esibuphilayo bungabi naxabiso yaye isenza sithande ubundlobongela.”
YINTONI ONOKUYENZA? Hlola ubungqina obubonisa ukuba ukho uThixo. (Roma 1:20; Hebhere 3:4) Musa ukuvumela abanye bakutyhafise ekufuneni iimpendulo kwimibuzo ebalulekileyo njengethi: Kutheni silapha nje? Ngaba bukho ubomi emva kokufa? Kutheni kukho ukubandezeleka okungaka nje? Ufuna ndenze ntoni uThixo? Ukufumana iimpendulo ezanelisayo zale mibuzo kubalulekile ukuze ufumane ulwaneliseko oluhlala luhleli.
Noko ke, musa ukuyamkela yonke into oyixelelwayo. ILizwi likaThixo likukhuthaza ukuba usebenzise ‘amandla akho engqiqo’ ukuze uzibonele ngokwakho oko kwamkelekileyo kuThixo. (Roma 12:1, 2) Imigudu yakho iya kuvuzwa. Ukuba uzinika ixesha lokufunda iBhayibhile nokusebenzisa icebiso layo uya kuziphepha iingxaki namaxhala uze wonwabe. Elo asilothemba elililize. Izigidi zabantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo ziye zancedwa kukufunda inyaniso ngoThixo neenjongo zakhe. Ngokomzekelo, funda oko kubaliswa ngabantu kwiphepha 18 ukusa kwelama-21 leli phephancwadi.
Uya kuzinikela nangakumbi kuThixo njengoko uzuza kwisiluleko seBhayibhile sobulumko. Kutheni ungafundi iBhayibhile namaNgqina kaYehova? Ukuba wenjenjalo, mhlawumbi uya kuvumelana nompostile uPawulos owabhala wathi: “Uzinikelo lobuthixo kunye nokwanela, kuyinzuzo enkulu.”—1 Timoti 6:6.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Kungqine ngokwakho oko kwamkelekileyo kuThixo