IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 1/15 iphe. 31-32
  • Nikela Ingqalelo Koko UYehova Asele Ekwenzele Kona

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nikela Ingqalelo Koko UYehova Asele Ekwenzele Kona
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Sivakalelwa Njani Xa Zingenzeki Izinto Esizilindeleyo?
  • Oko Kwenziwe NguYehova
  • Sifunda Ntoni Kwiintsuku Eziyi-40 Zokugqibela ZikaYesu Esemhlabeni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • UYesu Uyaphila!
    IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
  • ‘Hambani Niyokwenza Abafundi’
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • Incwadi YeBhayibhile 42—Luka
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 1/15 iphe. 31-32

Nikela Ingqalelo Koko UYehova Asele Ekwenzele Kona

EMVA kokuvuswa kukaYesu, abafundi bakhe ababini babesendleleni esuka eYerusalem besiya e-Emawusi. Ingxelo yeVangeli kaLuka ithi: “Njengoko babencokola yaye bexubusha uYesu wasondela waza wahamba nabo; kodwa amehlo abo ayebanjiwe ukuba bangamqondi.” Emva koko, uYesu wathi kubo: “‘Zizinto zini na ezi nihamba nixambulisana ngazo?’ Kwaye bema ngxi belusizi ebusweni.” Yintoni eyayibenza babe lusizi? Abafundi babenembono yokuba uYesu wayeza kuwahlangula ngelo xesha amaSirayeli kulawulo lweeNtlanga, kodwa ke lalingekafiki ixesha lokuhlangulwa kwawo. Kunoko, uYesu wabulawa. Yiloo nto eyayibenza babe lusizi.—Luka 24:15-21; IZe. 1:6.

UYesu waqalisa ukuqiqa nabafundi bakhe. “Eqalela kuMoses nakubaProfeti bonke wabatolikela izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.” Eneneni, zininzi iziganeko ezibalulekileyo nezomeleza ukholo ezenzeka ebudeni bobulungiseleli bukaYesu! Njengoko abafundi babephulaphule uYesu ebacacisela, bayeka ukuba lusizi baza bavuya. Kamva ngaloo ngokuhlwa, bathi: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?” (Luka 24:27, 32) Yintoni esinokuyifunda kwindlela abasabela ngayo abafundi bakaYesu?

Sivakalelwa Njani Xa Zingenzeki Izinto Esizilindeleyo?

Aba bafundi babini ababesendleleni eya e-Emawusi baba lusizi kuba iziganeko ababezilindele zingazange zenzeke. Bavakalelwa ngendlela echazwe kwiMizekeliso 13:12 ethi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.” Ngokufanayo, kusenokwenzeka ukuba abanye bethu abesele bekhonze uYehova kangangeminyaka, babenembono yokuba xa kungoku “imbandezelo enkulu” imele ukuba kudala yafika. (Mat. 24:21; ISityhi. 7:14) Kuyaqondakala ukuba, okwangoku, ekubeni ingekafiki le nto siyilindeleyo, sisenokuba lusizi.

Noko ke, khumbula ukuba abo bafundi babini baphinda bavuya emva kokuba uYesu ebancedile ukuba banikel’ ingqalelo kwiziprofeto ezazisele zizalisekile—ezinye zazo ezazaliseka ngexesha labo. Nathi sinako ukuhlala sivuya size simelane nokudana. Omnye umdala onamava ogama linguMichael wathi: “Musa ukunikel’ ingqalelo koko uYehova angekakwenzi. Kunoko, nikela ingqalelo koko sele ekwenzile.” Licebiso elihle ngokwenene elo!

Oko Kwenziwe NguYehova

Cinga ngezinye zezinto ezibalaseleyo asele ezenzile uYehova. UYesu wathi: “Lowo ubonisa ukholo kum, naye lowo uya kwenza imisebenzi endiyenzayo; yaye uya kwenza imisebenzi emikhulu kunale.” (Yoh. 14:12) Namhlanje, abakhonzi bakaThixo benza imisebenzi emikhulu kweyakha yenziwa ngamaKristu. Abantu abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe bajonge phambili ekusindeni kwimbandezelo enkulu. Khawufan’ ucinge nje, akuzange nanini na kubekho abakhonzi bakaYehova abaninzi kangaka abashumayela kumazwe amaninzi emhlabeni jikelele! UYehova uncede abakhonzi bakhe ukuba baphumeze “imisebenzi emikhulu kunale,” njengoko uYesu waprofetayo.

Yintoni enye esiyenzelwe nguYehova? Wenze ukuba bonke abo bantliziyo zinyanisekileyo bakwazi ukulishiya eli hlabathi lingendawo, baze beze kwiparadesi yokomoya ayidalileyo. (2 Kor. 12:1-4) Khawuziphe ixesha lokucinga ngezinto esizifumana kule paradesi. Ngokomzekelo, khawuqwalasele ithala lakho leencwadi okanye eloo likwiHolo yoBukumkani. Tyhila iWatch Tower Publications Index, okanye uvule iWatchtower Library. Phulaphula umdlalo weBhayibhile orekhodiweyo. Cinga ngoko ukubone waza wakuva kwindibano edluleyo. Ukongezelela koko, cinga ngolwalamano oluhle esilunandiphayo nabazalwana noodade wethu. Ngokwenene uYehova uye wasivula isandla sakhe waza wasilungiselela intabalala yokutya kokomoya nolwalamano oluhle nabazalwana bethu—iparadesi yokomoya!

Umdumisi uDavide wathi: “Zininzi izinto ozenzileyo, Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi.” (INdu. 40:5) Xa sinikel’ ingqalelo kwizinto ezimangalisayo uYehova asele esenzele zona naxa sicinga ngezinto ezintle asinqwenelela zona, siya kuba namandla okunyamezela ngokuthembeka ekukhonzeni uBawo wethu wasezulwini, uYehova.—Mat. 24:13.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

UYesu wanceda abafundi bakhe ukuba banikele ingqalelo kwizinto uYehova awayesele ebenzele zona

[Imifanekiso ekwiphepha 32]

Cinga ngoko ukubone waza wakuva kwindibano edluleyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share