Inqaku Labaselula
Luphephe Unxulumano Oluyingozi!
Imiyalelo: Funda ezi ndinyana zeBhayibhile kwindawo ongazukuphazanyiswa kuyo. Njengoko ufunda, yiba ngathi ulapho nawe. Yiba ngathi uyayibona into eyenzekayo. Beve ngathi bayathetha abantu abalapho. Vakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abantu abalapho.
Abalinganiswa abaphambili: UDina, uShekem, uYakobi, uSimeyon noLevi
Into eyenzeka kweli bali: UDina udlwengulwa nguShekem, emva koko abantakwabo abanomsindo bafuna ukuphindezela.
1 HLALUTYA ESI SIGANEKO.—FUNDA IGENESIS 34:1-31.
Ucinga ukuba zintoni uDina awayezenza neetshomi zakhe kwaKanan?
․․․․․
Ucinga ukuba uShekem wasebenzisa waphi amaqhinga xa “wathetha ngokweyisayo” noDina?
․․․․․
Ucinga ukuba wayevakalelwa njani uYakobi xa wayekhalimela uSimeyon noLevi kwivesi 30?
․․․․․
2 PHANDA.
Ucinga ukuba yintoni eyayisenza uDina asoloko esiya kubuthela iintombi zamaKanan? (Ngokomzekelo, yintoni ekusenokwenzeka ukuba yayimdibanisa nazo? Inokuba yintoni le wayeyifumana kubantu bamaKanan awayengayifumani kowabo?)
․․․․․
Inoba ziziphi iimpawu ezintle uDina awazithandayo kuShekem? (Phinda ufunde ivesi 3, 12, 19.)
․․․․․
IBhayibhile ibonisa njani ukuba uDina wayengafuni ukwabelana ngesondo noShekem? (Phinda ufunde ivesi 2.)
․․․․․
Ngaba ucinga ukuba uSimeyon noLevi babenelungelo lokufuna impindezelo ngokubulala abemi besixeko sakuloShekem? Kutheni usitsho?
․․․․․
3 ZISEBENZISE IZINTO OZIFUNDILEYO. BHALA IZINTO OZIFUNDILEYO . . .
Ukubaluleka kokukhetha abahlobo ngobulumko.
․․․․․
Ukubaluleka kokuzeyisa, kwanaxa kufanelekile ukuba nomsindo.
․․․․․
EZINYE IINDLELA ONOKUZISEBENZISA NGAZO EZI NGXELO.
Zintoni onokuzenza ukuze uphephe ukuxhatshazwa ngokwesini ngabantu abangayinanziyo imilinganiselo kaThixo yokuziphatha?
․․․․․
4 YINTONI OYITHANDILEYO KWELI BALI YAYE KUTHENI UYITHANDA NJE?
․․․․․
Ukuba awunayo iBhayibhile cela amaNgqina kaYehova akuphathele okanye uyifunde kwi-Internet www.watchtower.org