Umjonga Njani UYesu?
Ngaba umjonga njengosana olubomvu, indoda efayo okanye njengoKumkani ophakanyisiweyo?
IBhayibhile ibonisa ukuba uYesu nguKumkani onamandla. Kodwa kuthetha ntoni oku kuwe?
Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uYesu wabafela. Noko ke, inokwenzeka njani into yokuba umntu owafa phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo ukufa kwakhe kuthethe ubomi kwabanye abantu namhlanje?
Umenywa ngokufudumeleyo ukuba uzivele iimpendulo zeZibhalo zale mibuzo. Le mibuzo iza kuphendulwa xa amaNgqina kaYehova ekhumbula ukufa kuka Yesu. Kulo nyaka esi sikhumbuzo siza kuba ngoLwesine, ngoAprili 5, emva kokutshona kwelanga.
Sicela ubuze kumaNgqina kaYehova asekuhlaleni ngexesha nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo.
Kwimpela veki eya kulandela leyo yesikhumbuzo sokufa kuka Yesu, amaNgqina kaYehova aza kuba nentetho yesidlangalala esekelwe eBhayibhileni enomxholo othi “Ngaba Isiphelo Sikufuphi Kunokuba Ucinga?”Le ntetho iya kuba yenye yeembalasane kumgudu owenziwa ehlabathini lonke wokufikelela bonke abantu abathanda inyaniso nabafuna ukufunda okungakumbi ngoYesu. Uyamenywa ukuba ubekho.