IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 3/15 iphe. 32
  • “Sicela Usifote”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Sicela Usifote”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 3/15 iphe. 32

“Sicela Usifote”

Emva kosuku lwesibini lwendibano yesithili, uJosué, weBheteli yaseMexico, waya kubuka isixeko saseQuerétaro. Esinye isibini esitshatileyo esingabahambi abasuka eColombia uJavier noMaru, sacela uJosué ukuba asifote. Sibona indlela yena nabahlobo bakhe abangamaNgqina ababenxibe kakuhle ngayo befake neebheji zendibano, esi sibini sababuza enoba bavela kuthweso-zidanga okanye kwisiganeko esikhethekileyo kusini na. UJosué wasichazela ukuba bavela kwindibano yamaNgqina kaYehova waza wasimema esi sibini ukuba size kucwangciso lwangeCawa.

Saziva sineentloni kuba sasiqonda ukuba asinayo impahla eza kufanela esi sihlandlo. Sekunjalo, uJosué wasinika igama lakhe kunye nenombolo yefowuni yesebe elo asebenza kulo.

Emva kweenyanga ezine, uJosué engalindelanga wafowunelwa nguJavier. UJavier wamxelela ukuba baya ngeCawa endibanweni yaye ngoku bafuna ukutyelelwa ngamaNgqina kaYehova kwindawo abahlala kuyo kwisiXeko saseMexico. Kungekudala kwaqaliswa isifundo seBhayibhile noJavier noMaru yaye ngoko nangoko baqalisa ukuya ezintlanganisweni. Emva kweenyanga ezilishumi, baba ngabavakalisi. Nangona esi sibini kwafuneka sifudukele eToronto, eKhanada, saqhubeka sisenza inkqubela ngokomoya saza sabhaptizwa.

Kamva, uJosué wafumana ileta evela kuJavier, emchazela eyona nto eyabangela ukuba amkele inyaniso. “Ngaphambi kokuba siye endibanweni, mna nenkosikazi sasisandul’ ukuthetha ngokufuna kwethu ukukhokelwa nguThixo. Ngoko sathi sakubona indlela wena nabahlobo bakho enaninxibe kakuhle ngayo, saqonda ukuba inoba nivela kwesona siganeko sikhethekileyo. Endibanweni, sachukunyiswa yindlela yothando esancedwa ngayo ukuze sifumane indawo yokuhlala, sityhilelwa iBhayibhile ukuze sihambisane noko kufundwayo, nendlela ababeziphethe kakuhle ngayo abo babekho. Nangona sasinxibe njengabahambi akukho mntu wayehoye loo nto.”

Angqineka eyinyaniso ngenene amazwi esilumko esinguKumkani uSolomon kuJosué. USolomon wabhala wathi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.” (INtshu. 11:6) Ngaba ungakwazi ukuhlwayela imbewu usebenzisa naliphi na ithuba lokuxelela abanye ngendibano ezayo okanye ngentetho yesidlangalala? UYehova usenokukusebenzisa ukuze atsale abo balambele nabanxanelwe ukhokelo lokomoya, njengoJavier noMaru.—Isa. 55:1.

[Umfanekiso okwiphepha 32]

Ukusuka ekhohlo ukusa ekunene: NguAlejandro Voeguelin, uMaru Pineda, uAlejandro Pineda, uJavier Pineda, noJosué Ramírez kwisebe eliseMexico

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share