IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 10/1 iphe. 4
  • Sabakho Njani Apha?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sabakho Njani Apha?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Kwakutheni Ukuze UThixo Adale Abantu?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Abantu Baphulukana Nomhlaba OyiParadesi
    IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
  • Isizathu Sokuba Busekho Ubungendawo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi Nezibuhlungu?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 10/1 iphe. 4

INQAKU ELINGUMXHOLO | ITHETHA NGANTONI IBHAYIBHILE?

Sabakho Njani Apha?

Ngamazwi nje amafutshane, incwadi yokuqala yeBhayibhile, iGenesis, ichaza indlela eyaqala ngayo indalo yonke: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Emva kokuba uThixo edale izityalo nezilwanyana, wadala abantu bokuqala, uAdam noEva. Bona babengafani nezilwanyana kuba abantu banomlinganiselo weempawu zikaThixo, kuquka inkululeko yokuzikhethela. Ngoko, babeza kuphendula ngezenzo zabo. Ukuba babethobele imiyalelo kaThixo, babeza kuba ngabazali bokuqala bentsapho yabantu eyayiza kuphila ngoxolo emhlabeni yaye ifezekile ngonaphakade.

Noko ke, enye ingelosi, okanye isidalwa somoya, sabasebenzisela injongo yaso engafanelekanga. Saba nguSathana, gama elo elithetha “Umchasi.” Esebenzisa inyoka, uSathana wakhohlisa uEva emxelela ukuba angonwaba ngakumbi ngaphandle kokwalathiswa nguThixo. UAdam noEva balandela uSathana, bamshiya uMenzi wabo. Ngenxa yolo khetho lwabo lungafanelekanga, abazali bethu bokuqala baphulukana nobomi obungunaphakade baza badlulisela isono, ukungafezeki nokufa kuyo yonke inzala yabo.

Ngoko nangoko, uThixo wavakalisa injongo yakhe yokulungisa lo monakalo waza wavulela inzala ka-Adam indlela yokufumana ubomi obungunaphakade. Wathi ‘imbewu’—umntu okhethekileyo—ekugqibeleni yayiza kumtshabalalisa uSathana ize iphelise zonke iintlungu ezibangelwe nguSathana, uAdam noEva. (Genesis 3:15) Yayiza kuba ngubani ke loo ‘mbewu’? Yayiza kuvela ekuhambeni kwexesha.

Ngoxa ibisalindelwe, uSathana ebesoloko ezama ukuyithintela loo njongo kaThixo intle. Isono nobungendawo banda okomlilo wedobo. UThixo wazimisela ukubatshabalalisa abo bangendawo ngomkhukula. Wayalela uNowa olilungisa ukuba akhe umkhombe—ibhokisi enkulu edada emanzini—ukuze asindise yena nentsapho yakhe, kunye nezilwanyana awamyalela ukuba azifake kuloo mkhombe.

Kwisithuba esingangonyaka emva kokuqalisa koMkhukula, uNowa nentsapho yakhe baphuma emkhombeni sele ucociwe umhlaba. Kodwa yona ‘imbewu’ yayingekabikho.

—Lithatyathwe kwiGenesis isahluko 1-11; Yude 6, 14, 15; ISityhilelo 12:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share