IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 10/1 iphe. 5
  • UThixo Uza Kukhulula Uluntu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UThixo Uza Kukhulula Uluntu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • UMesiya! Ilungiselelo LikaThixo Lokusindisa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • “Simfumene UMesiya”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Babelindele UMesiya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • UMesiya Uyafika
    IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 10/1 iphe. 5

INQAKU ELINGUMXHOLO | ITHETHA NGANTONI IBHAYIBHILE?

UThixo Uza Kulukhulula Uluntu

UThixo wathembisa uAbraham othembekileyo ukuba ‘imbewu’ ekwaprofetwa ngayo yayiza kuphuma kwinzala yakhe. Abantu bazo “zonke iintlanga” babeza kusikelelwa ngaloo mbewu. (Genesis 22:18) Ekuhambeni kwexesha umzukulwana ka-Abraham, uYakobi, wafudukela eYiputa, apho intsapho yakhe yakhula yaba luhlanga lukaSirayeli wamandulo.

EYiputa, uFaro okhohlakeleyo wawakhobokisa amaSirayeli de uThixo wamisela umprofeti uMoses, owakhokela olo hlanga xa lwaluphuma kwelo lizwe, ngommangaliso esahlula phakathi amanzi oLwandle Olubomvu. Emva koko, uThixo wanika amaSirayeli imithetho, eyayiquka iMithetho Elishumi, eyayiza kuwakhokela ize iwakhusele. Loo mithetho yachaza iminikelo yokuxolelwa kwezono. Ephefumlelwe nguThixo, uMoses waxelela amaSirayeli ukuba uThixo wayeza kuwathumelela omnye umprofeti. Loo mprofeti wayeza kuba ‘yimbewu’ eyayithenjisiwe.

Kwiminyaka engaphezu kweyi-400 kamva, uThixo wathembisa uKumkani uDavide ukuba lowo uzayo, ‘imbewu’ ekwaprofetwa ngayo e-Eden, wayeza kuba ngumlawuli wobukumkani obabuza kubakho ngonaphakade. Lowo yayiza kuba nguMesiya, uMhlanguli owamiselwa nguThixo ukuba asindise uluntu aze abuyisele iParadesi emhlabeni.

Esebenzisa uDavide nabanye abaprofeti, ngokuthe ngcembe uThixo wathetha okuninzi ngoMesiya. Bathi wayeza kuthobeka, abe nobubele, yaye xa elawula, indlala, okungekho sikweni neemfazwe ziya kuphela. Lonke uluntu luya kuhlalisana ngoxolo, nkqu nezilwanyana. Ukugula, iintlungu nokufa—ezazingeyonjongo kaThixo—aziyi kubakho, yaye abafileyo baya kuvuswa.

Esebenzisa umprofeti uMika, uThixo wathi uMesiya wayeza kuzalelwa eBhetelehem, waza waprofeta nangoDaniyeli esithi wayeza kubulawa. Kodwa uThixo wayeza kumvusa aze ammisele njengoKumkani wasezulwini. Kwakhona uDaniyeli waprofeta esithi, ekugqibeleni uBukumkani obungoMesiya babuza kubasusa bonke oorhulumente abakhoyo buze bona bume ngonaphakade. Ngaba ngokwenene uMesiya wafika njengoko kwakuprofetiwe?

—Lithatyathwe kwiGenesis isahluko 22-50, nakwiEksodus, kwiDuteronomi, kweyesi-2 kaSamuweli, kwiNdumiso, kuIsaya, kuDaniyeli, kuMika nakuZekariya 9:9.

IGAMA LIKATHIXO ELINGCWELE

Igama elithi Yehova liqala ukuvela eBhayibhileni kwiGenesis 2:4. Eli gama livela izihlandlo eziyi-7 000 kwimibhalo-ngqangi yolwimi lwamandulo yeZibhalo Ezingcwele. Intsingiselo yalo—“Ubangela Kubekho”—isiqinisekisa ukuba uThixo uya kuyiphumeza injongo yakhe yaye uya kukwenza oko akuthembisileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share