IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp19 No. 1 iphe. 3
  • Ngubani UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani UThixo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokuba Nguye Njani Umhlobo KaThixo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba Uyamazi UBawo Wakho Wasezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngubani UThixo?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
wp19 No. 1 iphe. 3
Indoda ibuka indalo

Ngubani UThixo?

Baninzi abantu abathi ukhona uThixo. Kodwa xa ubabuza ukuba ungubani, baphendula ngeendlela ezingafaniyo. Abanye bathi uThixo ungumgwebi okhohlakeleyo, ohlalele nje ukohlwaya abantu abenza izinto ezimbi. Abanye bathi usoloko ebathanda abantu ibe ebaxolela enoba benza ntoni na. Kukho nabathi uThixo ukude kakhulu ibe akanamdla ebantwini. Ngenxa yokuba kuthethwa izinto ezingafaniyo kangaka ngoThixo, abaninzi basenokuthi asinakumazi ukuba ungubani.

Kubalulekile ukumazi? Ewe kubalulekile. Xa umazi kakuhle uThixo, uza kutsho ube nento oyiphilelayo. (IZenzo 17:26-28) Xa usiya usondela kuThixo, uza kukuthanda aze akuncede nangakumbi. (Yakobi 4:8) Ekugqibeleni, ukumazi kakuhle uThixo kunokusinceda siphile ubomi obungunaphakade.—Yohane 17:3.

Unokumazi njani uThixo? Khawucinge ngomntu omazi kakuhle, njengomhlobo osondeleyo. Baqala njani ubuhlobo benu? Kusenokwenzeka ukuba waqala wazi igama lakhe, uhlobo lomntu anguye, izinto azithandayo nangazithandiyo, izinto azenzileyo nafuna ukuzenza, nezinye izinto. Zezo zinto ezakutsalayo kuloo mntu, wamfunda.

Ngendlela efanayo, sinokumazi uThixo ngokufunda ngale mibuzo:

  • NGUBANI IGAMA LIKATHIXO?

  • UNJANI?

  • ZIINTONI AZENZILEYO?

  • ZIINTONI AZA KUZENZA?

  • KUNGAKUNCEDA NJANI UKWAZI UTHIXO?

Le magazini yenzelwe ukuphendula le mibuzo ngeBhayibhile. Iza kukunceda wazi ukuba uThixo ungubani, wazi nokuba kuza kukunceda njani ukusondela kuye.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share