Impinda YeSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo yempinda yeSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo iza kuxutyushwa kwiveki ka- Agasti 25 2014.
ILevitikus 18:3 inokusinceda njani singakugqwethi okulungileyo nokuphosakeleyo? (Efe. 4:17-19) [Jul. 7, w02 2/1 iphe. 29 isiqe. 4]
Umyalelo okwiLevitikus 19:2 usifundisa ntoni, yaye kutheni sifanele sizame ukuwuthobela? [Jul. 7, w09 7/1 iphe. 9 isiqe. 5]
Umgaqo owawusekelwe kuwo umthetho wokubhikica usifundisa ntoni thina namhlanje? (Lev. 19:9, 10) [Jul. 7, w06 6/15 iphe. 22-23 isiqe. 13]
Kutheni kunokuthiwa umthetho ‘weliso ngeliso’ wawungakhuthazi ukuziphindezela? (Lev. 24:19, 20) [Jul. 14, w09 9/1 iphe. 22 isiqe. 3-4]
Yayiziziphi iimeko apho umSirayeli kwakungavumelekanga ukuba abize inzala, kodwa kwakunini apho kwakuvumelekile ukuyibiza? (Lev. 25:35-37) [Jul. 21, w04 5/15 iphe. 24 isiqe. 3]
Kutheni kusoloko kuthethwa ngezizwe eziyi-12 zakwaSirayeli ngoxa zaziyi-13? (Num. 1:49, 50) [Jul. 28, w08 7/1 iphe. 21]
Sisiphi isifundo esinokusifunda ngokuba nolwazelelo ngabantu abadala kwingxelo yenkonzo eyayisenziwa ngabaLevi kwiNumeri 8:25, 26? [Aga. 11, w04 8/1 iphe. 25 isiqe. 1]
Emva kokuba amaSirayeli ekhululwe ngemimangaliso eYiputa, kwakutheni ukuze aqalise ukukhalaza, yaye sisiphi isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kweli bali? (Num. 11:4-6) [Aga. 18, w95 3/1 iphe. 15-16 isiqe. 10]
Yintoni esinokuyifunda kwindlela awasabela ngayo uMoses xa u-Eldadi noMedadi baqalisa ukuprofeta? (Num. 11:27-29) [Aga. 18, w04 8/1 iphe. 26 isiqe. 4]
Nguwuphi umgaqo obalulekileyo esinokuwufunda kumyalelo owanikwa amaSirayeli wokuba ‘mawazenzele imiphetho emasondweni ezambatho zabo’? (Num. 15:37-39) [Aga. 25, w04 8/1 iphe. 26 isiqe. 7]