IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w22 Disemba iphe. 28-30
  • Ngaba Sowulindele Ukuba Umhlaba ‘Ube Lilifa Lakho’?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Sowulindele Ukuba Umhlaba ‘Ube Lilifa Lakho’?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • NGABA SOWULINDELE UKWENZA UMHLABA UBE YIPARADESI?
  • NGABA SOWULINDE UKUNCEDA ABANTU ABAVUSIWEYO?
  • NGABA SOWULINDELE UKUFUNDISA ABANTU ABAVUSIWEYO?
  • Abantu Abaswelekileyo Baza Kuvuswa!
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngoobani Abaza Kuvuswa? Baza Kuhlala Phi?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Icandelo 10
    Mamela UThixo
  • Yintoni Uvuko?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
w22 Disemba iphe. 28-30
Abantu benza umhlaba ube yiParadesi. Abanye bayaklina, abanye bakha izindlu kanti abanye bayalima.

Ngaba Sowulindele Ukuba Umhlaba ‘Ube Lilifa Lakho’?

SONKE sikhangele phambili kwinto eyathenjiswa nguYesu esithi: “Bonwabile abo balulamileyo, kuba umhlaba uza kuba lilifa labo.” (Mat. 5:5) Abantu abaza kuphila ezulwini baza kufumana ilifa labo elingumhlaba ngokuba ngookumkani kunye noYesu ezulwini. (ISityhi. 5:10; 20:6) Amanye amaKristu okwenyaniso aza kulifumana eli lifa ngokuphila ngonaphakade emhlabeni eseluxolweni, engenasono futhi onwabile. Ukuze yenzeke kakuhle loo nto, kukho imisebenzi ebalulekileyo ekuza kufuneka ayenze. Nantsi eminye yayo: Ukwenza umhlaba ube yiparadesi, ukunceda abantu abavusiweyo ngezinto abazidingayo nokubafundisa. Khawucinge ngento onokuyenza kwangoku ukuze ubonise ukuba nawe ufuna nyhani ukuyenza le misebenzi kwihlabathi elitsha.

NGABA SOWULINDELE UKWENZA UMHLABA UBE YIPARADESI?

Xa uYehova wayalela abantu ukuba ‘bagcwalise umhlaba bawoyise,’ wayebonisa ukuba ekugqibeleni wonke umhlaba wawuza kuba yiparadesi. (Gen. 1:28) Abantu abaza kuphila ngonaphakade kuza kufuneka bathobele lo myalelo. Ekuqaleni umhlaba awuzukuba yiparadesi kuba ayisekho igadi yase-Eden. Emva kweArmagedon, mninzi umsebenzi oza kwenziwa ukuze kuklinwe umhlaba. Ngokuqinisekileyo ayizukuba ngumsebenzi olula lowo.

Le nto isikhumbuza umsebenzi ekwafuneka awenze amaSirayeli xa ayebuya eBhabhiloni. Iminyaka eyi-70 kwakungahlali mntu kwilizwe lawo. Kodwa uIsaya wayeprofetile esithi uYehova wayeza kuwanceda alenze liphinde libe lihle. Lo mprofeti wathi: “Intlango yayo ayenze ibe njenge-Eden, ibe njengomyezo kaYehova.” (Isa. 51:3) Nyhani uYehova wawanceda akwazi ukulenza laphinda laba lihle ilizwe lawo. Nabantu oza kuba lilifa labo umhlaba, uYehova uza kubanceda bakwazi ukuwenza ube yiparadesi. Eli lixesha lokuba ubonise ukuba nawe uyafuna ukuwenza lo msebenzi.

Enye indlela onokubonisa ngayo kukuzama ukugcina ikhaya lakho liklini. Ungayenza le nto nokuba abamelwane bakho abayenzi. Enye into onokuyenza kukuncedisa xa kuklinwa naxa kulungiswa iholo yenu yoBukumkani neyeNdibano. Ukuba iimeko ziyavuma, unokufaka isicelo sokuba livolontiya lasekuhlaleni ukuze ukwazi ukunceda xa kukho intlekele. Loo nto ibonisa ukuba uyafuna ukunceda abazalwana noodade. Khawuzibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ukhona umsebenzi endinokufundela ukuba lichule lawo ukuze ndiwenze xa uYehova endenze ndaphila emhlabeni ngonaphakade?’

Abazalwana noodade balungisa baze bakline iHolo YoBukumkani.

NGABA SOWULINDE UKUNCEDA ABANTU ABAVUSIWEYO?

Akugqib’ ukuvusa intombi kaYayiro, uYesu wathi mayinikwe ukutya. (Marko 5:42, 43) Yayingengomsebenzi unzima ukunceda loo mntwana wayeneminyaka eyi-12. Khawucinge ngomsebenzi ekuza kufuneka siwenze xa kusenzeka into eyathenjiswa nguYesu esithi “bonke abasemangcwabeni baza kuliva ilizwi lakhe, baze bavuke.” (Yoh. 5:28, 29) Nangona iBhayibhile ingayicacisi kakhulu into eza kwenzeka ngelo xesha, kodwa sinokuyicinga into yokuba abantu abavusiweyo kuza kufuneka sibancede ngokutya, indawo yokuhlala nempahla. Ngaba ungabonisa kwangoku ukuba uyafuna ukubanceda? Nantsi imibuzo onokuzibuza yona.

Yintoni onokuyenza ngoku ebonisa ukuba sowulinde ukuba umhlaba ube lilifa lakho?

Abazalwana noodade abonwabileyo baseairport ukuze bamkele amaKristu aze kwindibano yezizwe ngezizwe eParis.

Xa ebandleni lakho kusenziwa isaziso sokuba kuza kufika umveleli wesiphaluka, ngaba uba ngomnye wabantu abaza kummema? Xa umzalwana okanye udade osebenza eBheteli ethunyelwa entsimini okanye umveleli wesiphaluka eyeka umsebenzi wesiphaluka, ngaba ungabanceda ubafunele indawo yokuhlala? Xa indibano yengingqi okanye ekhethekileyo ikwindawo ohlala kuyo, ngaba ungancedisa kumsebenzi owenziwa ngaphambi kokuba iqale okanye xa iphelile okanye ube ngomnye wabantu abaza kwamkela iindwendwe?

NGABA SOWULINDELE UKUFUNDISA ABANTU ABAVUSIWEYO?

Into ethethwa kwiZenzo 24:15 isenza silindele ukuba baninzi abantu abaza kuvuswa. Abaninzi kubo ngabo basweleke bengamazi uYehova. Baza kufundiswa ngaye emva kokuba bevusiwe.a Abakhonzi abathembekileyo bakaThixo nabanamava baza kuncedisa kulo msebenzi. (Isa. 11:9) Ingathi alisafiki elo xesha kuCharlotte oshumayele eYurophu, eMzantsi Merika naseAfrika. Uthi: “Ndikhangele phambili ekufundiseni abantu abavusiweyo. Xa ndifunda ngomntu wakudala ndihlala ndicinga le nto: ‘Ukuba lo mntu wayemazi uYehova wayengazukuphila ubomi obunje.’ Ingathi alisafiki ixesha lokuba ndixelele abantu abavusiweyo ngoYehova nokuba ubomi babo babuza kuba bhetele ukuba babeye bamkhonza.” Yonke le nto uyithetha evuya.

Nabakhonzi bakaYehova abathembekileyo ababephila ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni baza kufunda izinto ezininzi. Khawucinge indlela ekuza kuba mnandi ngayo ukubalisela uDaniyeli indlela ezenzeka ngayo iziprofeto awazibhalayo kodwa engaziqondi. (Dan. 12:8) Khawucinge nendlela ekuza kuba mnandi ngayo ukunceda uRute noNahomi bazi ukuba uMesiya waphuma kwinzala yabo. Kuza kuba mnandi ukufundisa abantu emhlabeni ngelo xesha, kungasekho zingxaki nezinto eziphazamisayo ezikhoyo kweli hlabathi libi.

Udade okwindawo ekuhlanjwa kuyo impahla unika elinye ibhinqa iphecana.

Yintoni onokuyenza ngoku ebonisa ukuba ukulungele ukunceda kumsebenzi wokufundisa abantu abavusiweyo? Enye into onokuyenza kukusebenzela ukufundisa bhetele kunokuba usenza nokushumayela qho. (Mat. 24:14) Nokuba awukwazi ukushumayela ngendlela obufuna ngayo ngenxa yeminyaka nezinye izizathu, ungabonisa ukuba ukufuna nyhani ukufundisa abantu abavusiweyo ngokushumayela ngamandla akho onke khona ngoku.

Nantsi imibuzo ebalulekileyo ekufuneka ucinge ngayo: Ngaba nyhani uthi ingathi alisafiki ixesha laxa lo mhlaba ulilifa lakho? Ngaba iyakuvuyisa into yokuba uza kwenza lo mhlaba ube yiparadesi, uncede uze ufundise abantu abavusiweyo? Ungabonisa ukuba sowukulungele ukwenza ezi zinto ngokuncedisa kwimisebenzi eyenziwayo ngoku efana naleyo uza kuyenza xa lo mhlaba ulilifa lakho.

a Funda inqaku elithi “Ukwenza Abantu Abaninzi Babe Ngamalungisa” kwiMboniselo kaSeptemba 2022.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share