IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb12 iphe. 56-86
  • Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
yb12 iphe. 56-86

Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke

KWAKUDE kudala, kumbono wesiprofeto umpostile uYohane wabona isihlwele esikhulu esingenakubaleka “siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.” Aba bantu kwakusithiwa basinde ‘kwimbandezelo enkulu’ yaye bangene kwihlabathi elitsha likaThixo. (ISityhi. 7:9, 14) Amanani namava akumaphepha alandelayo akabonisi nje ukuba kuhlanganiswa isihlwele esikhulu, kodwa akwabonisa nokuba siya sisanda ngakumbi. Ngaba le ngxelo ayikwenzi uqiniseke ukuba izithembiso zikaYehova ziyazaliseka?

EAFRIKA

AMAZWE 57

ABEMI 949 533 064

ABAVAKALISI 1 267 314

IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 2 819 310

WATHUTHUZELWA YILETA YAKHE. UIris, ohlala eMzantsi Afrika, uthanda ukubhalela abantu abafelweyo iileta ezithuthuzelayo. Kwiileta zakhe udla ngokufaka amaphecana athi Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela! nelithi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo? Kutshanje ufumene impendulo kuSidney, indoda efelwe ngumfazi wayo emva kweminyaka engama-38 betshatile. Kwileta yakhe uthi, “Nangona oogqirha bangazange bayifihle into yokuba uza kufa, ukufa kwakhe kwandishiya ndixhelekile yaye ndididekile. Ndimele ndiyibulele iNkosi ngokuba nabantu abafana nawe. Ndilixabisa ngokwenene ixesha nomgudu owenzayo unceda abantu ongabaziyo ngezithembiso zikaThixo, ndiya kuhlala ndicinga ngokholo olubonakalisayo ngamaxesha anzima endijongene nawo. Ukufunda iileta zakho kunye namaphecana owathumeleyo kuye kwazisa isiqabu yaye kundenze ndaphangalala.”

AKAZANGE AQHOMFE. Iselfowuni ka-Arnaud, ofunda eyunivesithi yakhala kanye xa eshunyayezwa ngudade oselula waseBenin, uGloria. Ngoko uArnaud wacela ukumshiya uGloria esithi umhlobo wakhe ufuna uncedo. Ngokukhawuleza uGloria wathi rhuthu iphephancwadi ebhegini, wamnika. UArnaud walithatha engakhange alijonge, wemka.

Kwakufowune umhlobo ka-Arnaud esithi, intombi athandana nayo ikhulelwe ibe ucinga ukuyinyanzela ukuba iqhomfe. Esendleleni eya kubona umhlobo wakhe, uArnaud walithi krwaqu eli phephancwadi. “Andizange ndikholelwe xa ndibona igama elithi ‘ukuqhomfa’ kwiphepha elingaphandle.” UGloria wayemnike uVukani! kaJuni 2009 onomxholo othi, “Ukuqhomfa—Kutheni Kuyimbambano Enkulu Kangaka?” Emva kokuba umhlobo ka-Arnaud efunde lo Vukani!, wayiyeka loo ngcinga wayenayo yokuqhomfa. Ekuhambeni kwexesha, isithandwa sakhe sazala usana oluhle oluyintombazana.

SASINGAMELE SILOYIKE IGQIRHA. UKing, onguvulindlela othe ngxi, wafudukela komnye ummandla waseZimbabwe apho kwakukho imfuneko enkulu yabavakalisi. Ngoxa wayekunye nabanye oodade entsimini, waya emzini wegqirha elidumileyo. Nangona aba dade babethandabuza ukuthetha neli bhinqa, uKing wagqiba ekubeni acele ukuliqhubela isifundo seBhayibhile. Lathi lakubabona lacinga ukuba ngabantu abeze kufuna uncedo laza lababuza ngento abaze kuyifuna. UKing walibonisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? waza wacela ukuliqhubela isifundo seBhayibhile. Lavuma. UKing uthi, “Samangala sakuva ukuba linemibuzo emininzi. Ngoko sacela ukubuya size kuliqhubela isifundo.” Kwiiveki ezintathu kamva balimemela ezintlanganisweni, ibe laya. Latshabalalisa zonke izinto zalo zokusebenzelana nemimoya laza lenza inkqubela ngokomoya. Emva kweenyanga ezimbalwa, labhaptizwa.

“NCEDA UTHANDAZELE UKUBA BAZE KUNDITYELELA!” Kwiminyaka elishumi edluleyo uPatrick wagqiba kwelokuba afuduke eAngola aye eUnited States. Waqhubeka efowunela unina uFelicidade. Kule mihla bancokola ubuso ngobuso kwividiyo besebenzisa i-Intanethi. Bathi besancokola, waqaphela ukuba kukho umntu ahleli naye waza wabuza ukuba ngubani. UFelicidade, oliNgqina likaYehova wathi: “Ngudade oze kundityelela endikunye naye ebandleni.”

UPatrick wathi: “Kutheni amaNgqina engezi nje kum? Sendineminyaka elishumi ndilapha, kodwa akukho nelinye elakha leza kum. Nceda uthandazele ukuba aze kundityelela!”

Bemangalisiwe, uFelicidade nodade awayekunye naye baphendula: “Siza kukuthandazela.”

Kwiintsuku ezintathu kamva, kwaPatrick kwankqonkqoza omnye wamaNgqina kaYehova. Oko kwammangalisa uPatrick, kuba wayecele unina ukuba afune umntu oza kumtyelela eUnited States, kodwa akazange akwenze oko. Wacinga ukuba le yimpendulo kaThixo, ngoko wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ngoko nangoko waqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso. Wathi xa ephinda encokola nonina kwividiyo, wambonisa isahluko akuso sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Wamxelela nokuba uthenge isuti aza kuyinxiba ezintlanganisweni.

ISICELO SOBHAPTIZO ESOTHUSAYO. Ekuqaleni kwendibano yesithili yowama-2010 umfana ogama linguEdvard waseBrazzaville, kwiRiphabliki yaseCongo, wathi ufuna ukubhaptizwa. Xa ebuzwa ibandla akulo, wathi: “Ndikwibandla laseMossaka.” Ekubeni kwakungekho maNgqina kuloo lali isemagqagaleni, abazalwana babezibuza ukuba ufikelele njani kwisigqibo sokufuna ukubhaptizwa.

UEdvard waxelela abadala ukuba ngoxa wayeseBrazzaville ngowama-2007, uyisemkhulu wayemfundele incwadana ethi Okufunwa NguThixo kunye nezahluko ezili-14 zencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Emva koko waya kuhlala nabazali bakhe eMossaka. Ekubeni kwakungekho maNgqina ashumayelayo apho, uEdvard wacela uyise ukuba amncede agqibezele incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Uyise wayembuza imibuzo, aze yena aphendule. UEdvard wayifunda wayigqiba le ncwadi. Emva koko walangazelela ukuxelela abanye ngenyaniso. Ngo-Oktobha 2009, waqalisa ukushumayela yedwa kwilali yaseMossaka esebenzisa incwadana ethi, Okufunwa nguThixo. Wayelibhala phantsi ixesha alichitha entsimini aze alithumele kuyisemkhulu oseBrazzaville. Kodwa uyisemkhulu akazange ayise ebandleni loo ngxelo.

Lingazi nto ngoEdvard, isebe lathumela oovulindlela abakhethekileyo eMossaka kangangeenyanga ezintathu. Kwiintsuku ezimbini ngaphambi kokuba aba vulindlela bakhethekileyo bokwexeshana bahambe, omnye wabo, uDaniel, wabona uEdvard eqhuba isifundo seBhayibhile kwincwadana ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ngoko uDaniel waya kuncokola noEdvard. UEdvard wathi kuye: “Ndiyashumayela. Ndingumvakalisi. Ungabuza notata.” UDaniel wadibana noyise kaEdvard, wafumanisa ukuba uEdvard ebenyanisile. Aba vulindlela basebenzisa ithutyana eliseleyo ababenalo ukuze baqeqeshe uEdvard kumsebenzi wokushumayela. Emva kokuba bemkile, uEdvard waqhubeka eshumayela ngenzondelelo, eqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kweshumi. Wazahlulela kuYehova.

Ekubeni babenale nkcazelo, kusuku lwangoLwesihlanu endibanweni ekhankanywe ekuqaleni, abadala ababini babuza uEdvard imibuzo yabo bahlolelwa ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Bothuswa ziimpendulo zakhe ezintle. Aba badala beva ngoovulindlela abakhethekileyo ukuba uEdvard ungumzekelo omhle, yaye nakuba ebengekahlolwa, ebesele eshumayela kangangeenyanga ezisithoba. Wamiselwa njengomvakalisi ongabhaptizwanga. Ekubeni kwakuza kubakho indibano yesithili yesiLingala kwiveki elandelayo, abadala balungiselela ukuba uEdvard abuzwe imibuzo yabo baza kubhaptizwa. Wayebonakala eyiqonda kakuhle inyaniso, waza wabhaptizwa kwindibano yesiLingala eyayingoJulayi 2010. Kwadlula nje iveki uEdvard engumvakalisi ongabhaptizwanga, abadala benza isaziso sokuba ngoku ungumvakalisi obhaptiziweyo.

Emva kokubhaptizwa kwakhe waba nguvulindlela ongumncedani kangangeenyanga ezimbini eBrazzaville. Abadala balungiselela ukuba afundelwe incwadi ethi, “Zigcineni Kuthando LukaThixo” waza wabuyela eMossaka. Kule ntsimi kusandul’ ukuthunyelwa uvulindlela okhethekileyo. NgoAprili, uEdvard— owayenguvulindlela ongumncedani ngelo xesha—ekunye nalo vulindlela ukhethekileyo bamkela abantu abanomdla abali-182 eSikhumbuzweni. UEdvard uqhuba izifundo ezili-16, ezisi-7 kuzo ziyeza kwiintlanganiso eziqhutywa ngaba bazalwana babini. Ngowama-2011, uEdvard ebeneminyaka eli-15 ubudala.

AMAZWE ASEMERIKA

AMAZWE 55

ABEMI 941,265,091

ABAVAKALISI 3 780 288

IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 4 139 793

‘ANDIPHAZAMANGA NGOKUKUFOWENELA.’ Kwakhala ifowuni ekhayeni lomnye udade onguSundie waseUnited States, waza wathetha nebhinqa elambuza umntu angamaziyo. Walixelela ukuba lifowunele kumzi ongenguwo. Eli bhinqa lathi aliboni yaye maxa wambi likhe licofe iinombolo ezingachananga. Lamxelela ukuba lalizama ukufowunela unyana walo lifuna ukumxelela iindaba ezingathandekiyo. Oogqirha baye bafumanisa ukuba linomhlaza. Eli bhinqa lalidandathekile yaye lidimazekile ngenxa yokuba uThixo evumele oku kwenzeke kulo. Ngoko nangoko uSundie waqonda ukuba umele alishumayeze. Emva komthandazo omfutshane ecela ukuba nesibindi, walichazela izibhalo ezimbalwa ezithuthuzelayo nezinika ithemba. Walixelela ukuba uThixo unalo igama waza walikhuthaza ukuba lilisebenzise xa lithandaza yaye lingqale. Eli bhinqa lambulela uSundie ngokuliphulaphula nokulikhuthaza. Lathi: “Andiphazamanga ngokukufowunela.”

Emva kokuba benikene iinombolo zefowuni, uSundie walithumelela incwadi erekhodiweyo ethi Okufundiswa YiBhayibhile, waza wacela omnye udade onguvulindlela ohlala kufutshane neli bhinqa ukuba alityelele. USundie uthi: “Ndiyambulela uYehova ngoqeqesho asinike lona ukuze sizazi iindlela zokuthuthuzela abantu abajamelene neengxaki ezahlukahlukeneyo.”

IPHECANA LAPHENDULA UMBUZO ABABENAWO. Ngokufuthi abanye oodade basasaza amaphephancwadi ngakwiziko lezonyango elikhulu lasePuerto Rico. Omnye wabo waya kumadoda amabini awayedlula engxamile esiya kwesinye sezi zibhedlele. Ebona indlela ayengxame ngayo, wawanika iphecana elithi Ngaba Unomoya Ongafiyo? Akaqhelanga kulihambisa eli phecana kumsebenzi wamaphephancwadi, kodwa yayililo lodwa awayenalo ngelo xesha. Kamva, la madoda mabini aya komnye waba dade aza amxelela ukuba anikwe eli phecana ngoxa ebesiya kubona elinye ilungu lentsapho yawo ebeligulela ukufa. Ayebuzana enoba umphefumlo uyaphila kusini na emva kokufa, ibe eli phecana liye lawaphendula. Athi liwancede kakhulu.

ILETA EYA KUYEHOVA. UJoshua oneminyaka esixhenxe ubudala ufunda eUnited States. NgoDisemba utitshala wakhe wathi abantwana beklasi yakhe mababhale ileta eya kuSanta Claus. UJoshua akazange avume ukubhalela uSanta Claus, waza utitshala wathi, “Ungabhalela nabani na ke.” Wagqiba kwelokuba abhalele uYehova. Wathi, “Enkosi ngokusithembisa ngeparadesi. Enkosi ngoNyana wakho onguYesu owanikela ngobomi bakhe. Enkosi ngokudala izinto esizithandayo. Ndiyakuthanda Yehova Thixo.” Le leta kunye nezabanye abantwana zafakwa kwiphephandaba lasekuhlaleni.

INTSAPHO YAKHE YABA NOMDLA. Omnye umzalwana waseColombia, uAlejandro, wayefuna ukushumayeza amalungu entsapho yakhe. Ngenxa yokuba wayengahlali nayo, wayibhalela ileta waza wayithumelela iiMboniselo nooVukani! Emva kokuba esinye isizalwana sakhe, uPablo, siwafundile la maphephancwadi nezibhalo ezikuwo, sabona ukuba iimfundiso zeCawa yamaKatolika zibubuxoki. Sivuya, saxelela nezinye izizalwana ngoko sikufundileyo, nazo zabona ukuba yinyaniso le ifundiswa ngala maphephancwadi, zatsho zayishiya icawa yamaKatolika.

Kungabanga thuba lide, busuku ngabunye amalungu ale ntsapho ali-15 ayedibana ukuze afundisise iBhayibhile ngoncedo lwala maphephancwadi. Efuna ukwazi okungakumbi, akhangela amaNgqina kwiidolophu ezikufuphi, kodwa akazange awafumane. Ngelo xesha, ayengayekanga ukuxelela abamelwane bawo ngezinto azifundileyo. Ekugqibeleni, afumanisa ukuba kwidolophu ekumgama omalunga neyure xa uhamba ngemoto kukho iHolo YoBukumkani. Ngaphandle kokulibazisa aya kuloo Holo aza acela ukuba abazalwana bawancede afunde okungakumbi.

Sithetha nje, omnye uvulindlela othe ngxi ufundela abantu abangama-26 kanye ngeveki—intsapho ka-Alejandro kunye nabanye abantu abanomdla abali-11. Baqesha imoto ukuze bakwazi ukuya kufumana intetho yesidlangalala neMboniselo.

BESITHUNYELWE KULE NDLU. Ngenye imini udade owayegula wacela amanye amaNgqina ukuba aye kuqhuba isifundo sakhe seBhayibhile kwilali yabantu abathetha isiQuichua e-Ecuador. Aba bazalwana babengayazi kakuhle indawo ehlala kuyo le ntsapho, ngoko bangena komnye umzi baza babuza enoba leyo yintsapho eqhutyelwa isifundo seBhayibhile kusini na. Bamkelwa kakuhle kulo mzi ngokungathi bebelindelwe. Abazalwana baqonda emva kokuba begqibile ukuqhuba isifundo ukuba le ntsapho ibiqala ukufundelwa! Kwacaca ukuba yona yayivuyela nje ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, ngoko kwaba ngathi kudal’ ifundelwa. Ngenxa yoko, ngoku kuqhutywa esinye isifundo seBhayibhile ukanti neso la maNgqina ayethunyelwe kuso ngudade siyaqhubeka.

ICUPCAKE YABANGELA UKUBA KUNIKELWE UBUNGQINA. UCaleb uneminyaka emithandathu ubudala. Ngosuku lwakhe lokuqala esikolweni eCanada, yayingumhla wokuzalwa komnye wabantwana afunda nabo, ngoko unina walo mfana, uNatalie wabaphathela iicupcakes. Ngentlonelo uCaleb akazange azithathe. UNatalie, wabuza uCaleb enoba iicupcakes ziyamgulisa kusini na. UCaleb wathi, “Hayi, azindigulisi, ndikhonza uYehova.”

Ukuphuma kwesikolo, uNatalie waya kunina kaCaleb wambuza, “Ngaba uliNgqina likaYehova?” Wathi akuthi ulilo, uNatalie akakwazi ukuzibamba luvuyo. Esekwishumi elivisayo wayefundelwa ngamaNgqina, kodwa wayekiswa yinkcaso ekrakra yamalungu entsapho. Akumbuza ukuba angathanda kusini na ukuphinda afundelwe iBhayibhile, uNatalie wavuma.

YAYINGEYONTANDO KATHIXO. ULaly ohlala ePeru wazalwa esisithulu. Xa ebuza unina ngento ebangele ukuba abe sisithulu, wathi yintando kaThixo. Oku kwamenza buhlungu uLaly waza wamzonda uThixo. Wazibuza oku, ‘Kodwa kutheni endenze le nto ibuhlungu kangaka?’

Kwadlula iminyaka, uLaly watshata nomfana osisithulu. Izibulo labo lazalwa lineDown syndrome. Exhalabile yaye ekhathazekile, waya kucela amacebiso kunina, wambuza, “Kutheni ndizele unyana onje?” Unina wasuka wamthumela kumfundisi. Lo mfundisi wamphendula ngala ndlela unina wayemphendule ngayo esithi, “Yintando kaThixo.”

Engekho zingqondweni, uLaly wathi, “Kutheni uThixo ekhohlakele kangaka? Ndiyavuma ukuba ndisisithulu; nokuba ndohlwaywa nguThixo, kodwa kutheni esohlwaya nonyana wam? Ebesandul’ ukuzalwa, ngoko sele enze siphi isono?” Ukususela ngoko wayengafuni nokuva ngoThixo, wayishiya necawa.

Emva kweminyaka embalwa, kwaLaly kwankqonkqoza omnye wamaNgqina kaYehova owazi intetho yezandla, waza wacela ukumqhubela isifundo seBhayibhile. Wala, esithi akakholelwa kuThixo. Enomonde, lo dade wamcacisela ukuba lo Thixo angafuni nokuva ngaye, igama lakhe nguYehova, nokuba ukulungele ukuvula iindlebe zakhe nokumenza athethe kwakhona. Engakukholelwa oko, uLaly wathi makeze nobungqina bokuba loo nto iza kwenzeka. Lo dade wamfundela uIsaya 35:5 othi: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu.” Oku kwamothusa uLaly waza wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, wada wabhaptizwa. Uhamba nonyana wakhe rhoqo xa esiya kwiintlanganiso, ibe naye ufunde intetho yezandla. Uya ezixabisa ngakumbi izithembiso zeBhayibhile yaye unguvulindlela othe ngxi.

EASIYA NOMBINDI MPUMA

AMAZWE 47

ABEMI 4 194 127 075

ABAVAKALISI 664 650

IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 629 729

IMIBUZO EMIBINI ENGAZANGE IPHENDULEKE. Kwelinye lamazwe aseAsia apho umsebenzi wethu uvaliweyo khona, umfana oneminyaka engama-24 ubudala wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ukuze angqine ukuba iimfundiso zamaKatolika zichanile kunezamaNgqina. Noko ke, wakhawuleza wabona ukuba amaNgqina kaYehova afundisa inyaniso.

Intsapho yakhe yathi yakufumanisa ukuba ufunda iBhayibhile, yambizela kwintlanganiso yentsapho yaza yamnyanzela ukuba abuyele kwiCawa yamaKatolika. Lo mfana akazange avume, ngoko intsapho yakhe yabiza zonke izihlobo ezikuloo lali ukuze zimyekise unqulo lwakhe olutsha ngenkani. Akazange avume nangona babembetha. Intsapho yakhe yaxelela umfundisi, waza yena wambizela kwibhunga lecawa. Lo mfana walixelela ibhunga ukuba uya kubuyela ecaweni kuphela xa umfundisi enokumphendula le mibuzo mibini: Ngubani igama likaThixo? Kutheni icawa ivumela amarhamente ayo atye igazi ngoxa iBhayibhile ikwalela oko? Kunokuba aphendule loo mibuzo, umfundisi wamqhwaba ngempama esithi “umkhuph’ idemon.” Yaphela kanjalo intlanganiso.

Emva koko, intsapho yakhe yabiza bonke abahlobo bakhe ukuze bamnyanzele ukuba aguqe phambi komfanekiso kaMariya. Baphinda bambetha, kodwa akazange agob’ uphondo. Ngoko intsapho yamfunela intombi emanz’ andonga ifuna imxelele ukuba ingatshata naye ukuba nje angabuyela ecaweni yakhe. Umfana wathi kule ntombi angabuyela ukuba inokuphendula imibuzo emibini ayibuze kumfundisi. Yemka ayaze iphinde ibuye. Ekugqibeleni, emva kweenyanga ezisixhenxe wakwazi ukuqhwesha waya kudibana nabazalwana esixekweni. Emva kwenyanga waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Wabhaptizwa kwindibano yesiphaluka ngoMatshi 2011.

IGOSA LENTOLONGO LIKHUSELA UDADE. Omnye udade onguvulindlela othe ngxi watyelela unyana wakhe owayebanjelwe ukungakhethi cala kwezopolitiko eMzantsi Korea. Ngoxa wayekwigumbi lokulinda, wanika indoda eyayihleli ecaleni kwakhe iphecana. Ithethela phezulu le ndoda yathi, “Kutheni nina bantu bale nkonzo ixokayo nishumayela nalapha?” Le ndoda yaviwa ziindwendwe ezingama-30 okanye ama-40 ezazikwelo gumbi. Igosa lentolongo layikhalimela lisithi: “Inkonzo yaba bantu yeyona ichanileyo, zonke ezinye ziyaxoka. Bendisoloko ndibabukele kuyo yonke le minyaka ndisebenza kule ntolongo, yaye ndifumanise ukuba ngabo kuphela abazenzayo izinto abazifundiswayo.” Loo ndoda yaba yinkukw’ esikw’ umlomo.

UMBHALO OSELUDONGENI. UHarindra waqala ukufundelwa iBhayibhile ehlala yedwa kangangeminyaka elishumi, esebenza kwisixeko esikhulu saseNepal ukuze ondle intsapho yakhe eyayisezilalini. Ekubeni le ndoda yayingakwazi ukufunda, elinye iNgqina layiqhubela isifundo seBhayibhile lisebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! Ekubeni le ncwadana yayingekho ngesiNepal, basebenzisa eyesiNgesi. Ngenye imini, yayize kubonwa ngumfazi wayo evela ezilalini. Wamangaliswa akubona umyeni wakhe efunda incwadana yesiNgesi. Ukongezelela, wayeyekile ukusela nokumbetha. Akuva ukuba olu tshintsho lubangelwe kukufunda kukaHarindra iBhayibhile, waqalisa ukufundelwa waza waya kwiintlanganiso elalini yakhe. UHarindra wayefuna ukufunda ngakumbi ngoYehova, ngoko wagqiba kwelokuba afunde ukulesa nokubhala. Wacela umntu owayemqhubela isifundo seBhayibhile ukuba abhale oonobumba besiNepal emaphepheni, waza loo maphepha wawaxhoma eludongeni lwegumbi lakhe de akwabikho ndawo. Wayeqhelisela ukufunda onke amagama noonobumba de ekugqibeleni wakwazi ukufunda. Ekuhambeni kwexesha, wabiza intsapho yakhe ukuba ize kuhlala naye esixekweni ukuze banqule uYehova kunye. Emva kweminyaka emibini, wabhaptizwa. Ngoku uHarindra nentsapho yakhe baya kunye ezintlanganisweni yaye wenza ufundo lweBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Uthi, “Siphila ubomi obubhetele ngenxa yokufundiswa nguYehova.”

WALA NAXA ETHENJISWA NGEE-R1 560 000. UZarkhanum ohlala eAzerbaijan, wayezifake zatshona iinzwane ekusebenzelaneni nemimoya. Kangangeminyaka eli-15 abantu babesithi unamandla angaphaya kwaqhelekileyo kwaye uyinkunkqele ekuxeleni ikamva. Babekholelwa nokuba uyakwazi ukuphilisa abantu abathakathiweyo. Akakho owayengamazi uZarkhanum, kangangokuba iziphathi-mandla ezazisiza namakhosikazi azo zazimhlawula iirandi ezili-15 000 ukusa kwezingama-31 000 xa zifuna ukuqhagamshelana nabakwelemimoya. Waphela esisityebi esingawothiyo. Nangona wayenala mandla, wayezibona ukuba akanalo ulwalamano noThixo, ibe wayenemibuzo emininzi eyayimkhathaza. Wayengonwabanga emtshatweni wakhe, kwaye wayephila ubomi obungenanjongo. Ngenye imini, wathi xa ephalaza imbilini yakhe kuThixo, weva kunkqonkqozwa. Ekuvuleni kwakhe, oodade ababini ababemi emnyango bamshumayeza. Amhlab’ entliziyweni amazwi ababewathetha okukholisa uThixo kungekhona nje ngamazwi kodwa nangezenzo. Wayesazi abantu abaninzi becawa ababesenza izinto ezingafunwayo nguThixo. Wayesazi kakuhle ukuba umsebenzi awenzayo awamkelekanga kuThixo. Wavuma ukuqhutyelwa isifundo. Ekuhambeni kwexesha, waqala ukusebenzisa igama likaYehova xa ethandaza, waza wabona indlela aphendulwa ngayo. Kwakunzima ukuyeka ukusebenzelana nemimoya—iidemon zazimhlupha zide zimbethe nokumbetha. Ekuhambeni kwexesha, uYehova wamnceda wahlukana needemon, waza watshabalalisa zonke izinto ezinokuthanani nemimoya nonqulo lobuxoki.

Kungekudala uZarkhanum waba ngumvakalisi okhutheleyo weendaba ezilungileyo, waza wabhaptizwa ngoMeyi 2011. Emva nje kokubhaptizwa kwakhe wafaka isicelo sokuba nguvulindlela ongumncedani. Wayengenangxaki nesisikelo sakhe seeyure, kuba ngaphambi kokuba abhaptizwe wayesele eshumayela iiyure ezingama-70 nangaphezulu, phezu kwayo nje impilo enkenenkene. Kwiinyanga ezimbini ngaphambi kokubhaptizwa kwakhe, wathenjiswa imali ezii-R1 560 000 ngumfazi wesinye isiphathi-mandla saseburhulumenteni ukuze amkhuphe imimoya emdaka. Eli bhinqa lalikholelwa ukuba yile mimoya ebangele ukuba ligule kude kufuneke ukuba linqunyulwe umlenze. UZarkhanum akazange avume, kunoko wathumela amaNgqina amabini esibhedlele ukuba aye kushumayeza eli bhinqa. Udade wethu okhutheleyo uyaqhubeka eshumayela kubantu ababekade besiza kuye ukuze abaphilise, ebaxelela ukuba le nto wayeyenza iphosakele emehlweni kaThixo. Ngenxa yoko, omnye wabo, kanye lo wamazisa kumfazi wegosa laseburhulumenteni, wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso.

UKUSHUMAYELA ENTOLONGWENI. Oodade ababini baseIndiya bagwetywa iintsuku ezintlanu entolongweni ngenxa yokushumayela. Omnye wabo ubalisa esithi: “Sathi sakuvalelwa, amapolisa afuna ukwazi ukuba sibanjelwe ntoni, safumana ithuba lokuwashumayeza. Ekubeni sabanjwa sisentsimini, sasiphethe amaphephancwadi namaphecana amaninzi. Sashumayela kumntu wonke saza sahambisa uncwadi oluninzi. Sakhuthazana, sathandaza kunye saza safunda iimpapasho esasiziphethe.

“Kamva, sasiwa kwenye intolongo. Ngoko nangoko, amanye amabanjwa ayesibuza ukuba sibanjelwe ntoni. Safumana ithuba lokubaxelela ngezinto esasishumayela ngazo, sazazisa njengamaNgqina kaYehova. Elinye ipolisakazi lasiva sithetha laza lathi, ‘Nibanjelwe ukushumayela ngaphandle, ngoku nishumayela ngaphakathi entolongweni!’” Aba dade baceba ukubuyela kuwo onke amabanjwa ayenomdla enyanisweni.

IPOLISA LAPHAWULA UTHANDO ABANALO. Abanye oodade ababini baseBethlehem babelungiselela ukushumayela ezivenkileni. Kwasuka kwafika amabhinqa amabini ebabuza ngeSpanish ukuba bangamaNgqina kaYehova kusini na. La mabhinqa ayengamaNgqina aseMexico awayehamba neqela elikhenkethele kwaSirayeli, kwaye abona iimpapasho ezaziphethwe ngaba dade. Bangana, baphuzana, bafota kunye baza banikana iiadresi. Emva koko, aba dade baseMexico babuyela kwiqela labo baza aba baseBethlehem baqhubeka nokushumayela ezivenkileni.

Kwiiyure ezimbalwa kamva, elinye ipolisa leza kubuza aba dade enoba ngabaseSpeyin kusini na. Bathi akunjalo. Lathi belibukele ngoxa bebedibana, lacinga ukuba ngabahlobo abazana kwakude kudala okanye bayazalana. Aba dade bathi bangamaNgqina kaYehova bobane yaye kwanaxa amaNgqina esuka kumazwe ahlukeneyo okanye engazani, kuba ngathi ngabantu bomzi omnye ngenxa yokuba ayathandana. Eli polisa layithanda kakhulu loo nto kangangokuba lathatha uncwadi laza labuza ukuba lingayifumana phi inkcazelo engakumbi ngolu nqulo lwabo. Kwenziwa amalungiselelo okuba kubuyelwe kulo.

“MHLAWUMBI ANGAKHO UMNTU.” UYusuke nguvulindlela oselula okhonza neqela elithetha isiNgesi eJapan. Ngenye imini weva ukuba kusuku olulandelayo kuza kufika inqanawa enabantu abavela kumazwe amaninzi. Ngoko wavuka kusasa waqhuba iiyure ezimbini kwizandyondyo zemvula esiya kwizibuko laseNagasaki. Xa wayemi kwindawo iinqanawa ezothulela kuyo abantu, abakhenkethi abaninzi babecinga ukuba uhambisa abakhenkethi baza baya kuye. Loo nto yabangela ukuba uYusuke ahambise amaphephancwadi angama-70 neencwadana ezinemifanekiso ezingama-50 ngeelwimi eziliqela kwisithuba nje sesiqingatha seyure.

Waya kulanda ezinye iimpapasho emotweni yakhe, yaye xa ebuya wabona omnye umfana emi yedwa. UYusuke waya kuthetha naye, waza lo mfana wambuza ngesiNgesi wathi: “UliNgqina likaYehova?” Wathi akuthi ulilo, lo mfana wasuka walila. UYusuke wangena naye evenkileni ukuze bancokole.

Lo mfana ogama linguJason wayeneminyaka engama-21 ubudala. Wathi abazali bakhe babekhuthele enyanisweni yaye ebengumvakalisi ongabhaptizwanga de wagqiba iminyaka yeshumi elivisayo. Kwiinyanga ezimalunga nezintandathu ngaphambili, waye waphola waza wahamba ngenqanawa ekhenkethela kumazwe amaninzi aseAsia, ecinga ukuba akazi kubona maNgqina kaYehova. Wakhathazwa sisisu, akakwazi ukwehla eThailand, eVietnam, naseTaiwan. Waqala ukwehla eJapan, yaye umntu wokuqala awathetha naye liNgqina likaYehova! Into eyathi qatha engqondweni kaJason kukuba, ‘Andinakuze ndimbaleke uYehova,’ yiloo nto eyabangela ukuba angakwazi ukuzibamba iinyembezi.

Kuloo venkile babekuyo, uYusuke wabonisa uJason ezinye iziqendu zencwadi ethi “Uthando LukaThixo” emqinisekisa ukuba uYehova usamthanda. Wamcenga ukuba angayishiyi intlangano. Okubuhlungu kukuba, babengenaxesha lingako. Inqanawa kaJason yemka kanye ngobo busuku isiya eInchon, eMzantsi Korea, apho uJason wayecebe ukukhenketha iintsuku eziliqela.

UYusuke wathi esazibuza enoba kukho okungakumbi anokumnceda ngako uJason, wakhumbula ukuba kukho umzalwana awadibana naye kwindibano yezizwe ngezizwe eMzantsi Korea. Loo mzalwana wayethetha isiNgesi, ehlala eInchon. Kanye ngobo busuku uYusuke wafowunela lo mzalwana. UJason wayengayazi yonke le nto. Njengoko uJason wayesehla enqanaweni ngentsasa elandelayo, wabona umbhalo omkhulu owawuphakanyiswe ngamaNgqina amahlanu ancumileyo othi, “Siyakwamkela eKorea Jason!” Wakubekela ecaleni konke ukukhenketha awayekucebile waza wachitha ixesha naba bazalwana. Ukuva amava abazalwana abangoontanga bakhe bevalelwa entolongweni ngenxa yeenkolelo zabo kwamchukumisa kakhulu. Wakwazi nokuya kwiSikhumbuzo apho.

UJason wabuyela eUnited States, waba ngumvakalisi okhutheleyo waza wacela abadala ukuba bamqhubele isifundo kane ngeveki. Wagqiba ukufunda incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile nethi “Uthando LukaThixo” waza wakufanelekela ukubhaptizwa. Wabhaptizwa kwiintsuku ezili-107 emva kokuba edibene noYusuke. Kwinyanga elandelayo waba nguvulindlela ongumncedani.

UYusuke ukhumbula ukuba ngalaa ntsasa yayiqhaqhazelisa amazinyo neyayinetha izantyalantyala zemvula, wayefuna ukuya eNagasaki, nakuba kwakungekho mntu anokuhamba naye. Wayezixelele oku, “Mhlawumbi angakho umntu oza kuphulaphula.”

EYUROPHU

AMAZWE 47

ABEMI 736 505 919

ABAVAKALISI 1 589 052

IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 843 405

BAFUMANA INTO EKHETHEKILEYO. Esuka eBulgaria, uAni waya kusebenza eHolland. Ngenye imini, edimazekile, wakha wema ecaleni kwendlela waza wathandaza kuThixo ukuba amthumelele abantu becawa yakhe. Esathandaza, kwadlula oodade ababini baza bamshumayeza. UAni wathi le yimpendulo yomthandazo wakhe, ngoko wabaphulaphula waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso. Nangona uAni wayengakwazi oko kwakusenzeka ezintlanganisweni, eyona nto wayeyibona luthando lwamaNgqina. Oku kwakwahluke kakhulu kwicawa yakhe yaseBulgaria eyayingamanyananga, kwaye wayeqinisekile ukuba ufumene into ekhethekileyo. Xa ebuyela eBulgaria, udade owayemqhubela isifundo eHolland wahamba naye waza wamdibanisa namaNgqina aseSofia. UAni wachukumiseka kakhulu koku, yaye waqonda ukuba ulufumene unqulo lokwenyaniso.

Kungekudala, uAni nomyeni wakhe uIvo, baqalisa ukufunda iBhayibhile nokuya ezintlanganisweni. Njengoko besiya befunda, kwakukho abantu ababesiza kuphulaphula. Enye indoda egama linguAssen yayingumfundisi wecawa. Yeza kwesi sifundo ngenjongo yokubonisa ukuba imfundiso yamaNgqina ayichananga, kodwa yafumanisa ukuba akunjalo. Yabuza imibuzo enzima yeBhayibhile. Ekugqibeleni yona nentsapho yayo baqhutyelwa isifundo seBhayibhile. UAssen waqhubeka necawa yakhe, kodwa ngoku wayefundisa izinto azifunda kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Kungekudala umdikoni wecawa yakhe, uDencho, wacela ukuqhutyelwa isifundo. Kungabanga thuba lide, iintsapho ezintathu zaloo cawa nazo zaziqhutyelwa isifundo. Ekubeni babebaninzi kangaka abantu bale cawa abafunda namaNgqina kaYehova, bagqiba kwelokuba bayiyeke icawa, baye ezintlanganisweni. UDencho waba ngumvakalisi ibe wayeqhubela iqela labahlobo bakhe isifundo. Ngoko, ngenxa ka-Ani ekwadityanwa naye eHolland, abantu abamalunga nama-30 baqhutyelwa isifundo baza baya ezintlanganisweni.

WAFUNDA IZIBHALO EZITHETHA NGOMTSHATO. Omnye umzalwana waseCzech Republic nomkakhe babeqhubela isibini esiselula saseMongolia isifundo seBhayibhile kwiHolo yoBukumkani. Nangona esi sibini singamaNgqina sasizama ukufunda isiMongolia, babengavani kakuhle. Sekunjalo, esi sibini saseMongolia sasinomonde yaye sasibonakala siyamkela inyaniso. Ngenye ingokuhlwa, eli bhinqa liselula lafika kwiintlanganiso zebandla lihamba lodwa. Lathi liza kwahlukana nomyeni walo kuba bengaboni ngasonye. Emva kwemizuzu embalwa, wafika umyeni walo, kodwa akazange afune nokulijonga. Kwakucacile ukuba le yayiyingxaki enkulu. Umzalwana wangena nalo myeni kwigumbi elinethala leHolo yoBukumkani ukuze baxubushe ngalo mba. Kodwa ngenxa yokuba engakwazi ukuthetha isiMongolia, wayengayazi into eyayiqhubeka kwesi sibini yaye engenakukwazi ukubacebisa ngokungqalileyo. Kunoko, wagqiba kwelokuba ayifundele iBhayibhile. Wafunda zonke izibhalo azikhumbulayo ezithetha ngomtshato nangokuncokolisana. Le ndoda yachukunyiswa zizo zonke ezi zibhalo. Yasuka yaphuma kweli gumbi yaya kumfazi wayo yaza yamphuza. Bathi xa bephuma eholweni, le ndoda yafuna ukuphathisa umfazi wayo ibhegi yakhe, ekubeni yayifunde ukuba imele imncedise.

Ngosuku olulandelayo yayingathi basandul’ ukutshata yaye bevuyile, babencokola ngendlela abamthanda ngayo uYehova nabawaxabisa ngayo amacebiso ezibhalo ngomtshato. Kamva, babuyela eMongolia beye kukhulisa abantwana babo ababini. Le ntsapho ihlala kwidolophu engenabandla. Umfazi wabhaptizwa ngo-Oktobha, kwaye umyeni usebenzela ukubhaptizwa.

“KWAKUTHENI UKUZE ENZE INTO ENJE?” Omnye udade onguvulindlela, uOlha, washumayela kumqhubi welori ohambisa ukutya eUkraine. Lo dade wambuza, “Ngaba ukho umntu esinokumthemba?”

Wathi, “Akukho namnye. Umfazi wam wemka nonyana wethu oneminyaka emibini. Wayefuna ntoni kanye kanye? Ndandibila ndisoma mihla le—ndisebenzela yena. Xa efuna umsesane ndandimnika, afune izihlangu, ndimnike. Afune i-necklace, ayifumane. Wayefumana yonke into ayifunayo, kwakutheni ukuze enze into enje?”

Lo dade wabuza le ndoda ukuba ibichitha ixesha elingakanani nomfazi nonyana wayo. Yathi: “Bendiza kulifumana phi ixesha xa ndisebenza kude kube sezinzulwini zobusuku? Ndibuyela emsebenzini ngentsimbi yesine kusasa. Ndide ndisebenze nangeempela-veki.”

UOlha wambonisa uVukani! kaOktobha 2009 onamanqaku akhethekileyo anomxholo othi, “Iimfihlelo Zokuphumelela Kwentsapho.” Wambonisa imfihlelo yokuqala, “Ukubeka Izinto Kwindawo Yazo.” Emva kokuxubusha ngalo mxholwana, le ndoda yathi: “Bendicinga ukuba imali yeyona nto izisa ulonwabo entsatsheni nokuba yonk’ enye into ayibalulekanga. Ngoku ndiyabona ukuba imali ayibalulekanga kwaye ndiyayibona into ebifunwa yinkosikazi yam.”

Emva kweveki uOlha waphinda wadibana nale ndoda yaza yamxelela ukuba ilifundile ela phephancwadi, yacingisisa ngemeko yayo yaza yabuyelana nomkayo. UOlha wayinika incwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho. Kwiveki elandelayo uOlha wabona ilori yale ndoda iqhutywa ngomnye umntu. Lo mqhubi wamxelela ukuba la ndoda iyekile emsebenzini yaza yafudukela kwenye indawo nentsapho yayo. Kodwa yamshiyela lo myalezo: “Ndiyakubulela Olha noThixo wakho uYehova, kuba nindincede andaphulukana nentsapho yam. Ukuba ndiphinde ndadibana namaNgqina kaYehova, ndiya kuwamkela.”

WAYEFUNA UMQONDISO OVELA KUTHIXO. Kwiminyaka emalunga neli-15 eyadlulayo, omnye umfana waseLatvia washunyayezwa ngamaNgqina waza wanomdla kwisigidimi seBhayibhile. Wayeyifunda manqaphanqapha iBhayibhile, kodwa akazange akholelwe ukuba incwadi engenamsebenzi njengayo inokumnceda amazi uThixo. Wayelindele ukumbona ngokobuqu uThixo, mhlawumbi ngokungummangaliso. Wayeka ukufunda iBhayibhile waza akaphinda adibane namaNgqina. Kwiminyaka kamva waba neengxaki ezininzi, wathandaza kuThixo ecela uncedo. Akuzange kwenzeke mmangaliso, kodwa wathi xa ejonga efestileni wabona oodade ababini beshumayela. Kwiiveki ezimbalwa kamva, wathandaza, wabona kwa-aba dade bedlula. Kwiveki emva koko wathi xa egqiba ukuthandaza wabona aba dade okwesithathu beshumayela. Wazixelela ukuba lo ngumqondiso ovela kuThixo! Wabaleka waya kubo, wabaxelela ukuba ufuna ukuphinda aqhutyelwe isifundo seBhayibhile awasiyeka kwiminyaka edluleyo. Ekugqibeleni wazilungisa iingxaki zakhe waza wasondela kuYehova. Njani? Wancedwa yiBhayibhile! Wabhaptizwa kwindibano yesithili yowama-2010.

NOONOPOTYI BANEENDLEBE. Eli qhalo laseDenmark, lithetha ukuba abantwana bafunda ngaphezu kokuba kucingwa kwincoko yabantu abadala. Malunga neminyaka eli-16 eyadlulayo, udade waseDenmark wayeqhuba isifundo seBhayibhile nebhinqa elalinoonyana abathathu. Babedla ngokubakho bonke kwesi sifundo, esasiqhutyelwa kwikhaya lalo dade nomyeni wakhe. Eli bhinqa layeka ukufunda xa unyana walo omncinane, uRonnie, wayeneminyaka esibhozo ubudala. URonnie wakhula eneengxaki ezininzi. Noko ke, ngenye imini yowama-2008 xa wayeneminyaka engama-22 ubudala, wabona amaphephancwadi ethu kowabo waza wanomdla wokuya kulaa maNgqina ayemfundela ngoxa wayesemncinane. Kwimizuzu eli-15 kamva, wankqonkqoza ekhayeni lesaa sibini singamaNgqina, yaye xa umzalwana evula emnyango, uRonnie watsho phakathi. Ekuqaleni lo mzalwana wayengazi ukuba nguRonnie, kodwa wathi akumbona wavuya kakhulu. URonnie wamkela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile waza wavuma ukuqhutyelwa isifundo, baqhubeka befunda kakuhle. Ekubeni uRonnie wayeyithanda kakhulu imidlalo yekhompyutha, eminye yayo inogonyamelo nobugqi, incoko yakhe yayisoloko ityekele kwezo zinto. Kodwa amaNgqina ambonisa ukuba izinto zokomoya azinanto yakwenza nemidlalo. URonnie waphulaphula waza wathi: “Ukuba ndikhe ndaphinda ndathetha ngezi zinto, nindinqande!” Ukususela ngoko, uye wenza inkqubela. Lo mfana oweva inyaniso okokuqala esemncinane xa kwakufundelwa unina, ngoku ungumvakalisi ongabhaptizwanga.

INTUTHUZELO EVELA EZIBHALWENI. EBritani, omnye umzalwana owayesemangcwabeni wabona indoda iguqe phambi kwengcwaba, ilila. Lo mzalwana wayibuza ukuba angayihlalisa na. Le ndoda egama linguAlf yavuma. UAlf wathi: “Ndisandul’ ukuswelekelwa yintombi yam. Ibineminyaka nje engama-42 ubudala. Ngoku umfazi wam nentombi bangcwatyelwe apha.” Wayecele uncedo koonontlalo-ntle kodwa bamxelela ukuba makalinde iinyanga ezintathu. UAlf waqhubeka esithi: “Ndinamashishini amaninzi, kodwa yonke loo nto ayithethi nto ngaphandle kwentsapho yam. Ndingancama nantoni na ukuze ibuyele kum.” UAlf wathi uyakholelwa kuThixo, uyayihlonela iBhayibhile yaye uyayihamba icawa, kodwa wayengenazo iimpendulo ezanelisayo. Xa ecela ukuthuthuzelwa ecaweni, wayexelelwa ukuba akhanyise ikhandlela okanye abhale ephepheni aze alixhome emthini. Walek’ umsundulo esithi: “Iphepha aliyanelanga yonke into endifuna ukuyithetha.” Lo mzalwana wamthuthuzela esebenzisa iZibhalo. Ngoku uAlf ufundelwa iBhayibhile.

EOCEANIA

AMAZWE 29

ABEMI 38 162 658

ABAVAKALISI 94 309

IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 58 465

BAMEMA UTAT’ EKHAYA. Omnye umzalwana waseNew Zealand uthi xa wayese umfazi wakhe kwelinye ibhinqa elinabantwana awayeliqhubela isifundo, baphawula ukuba ukhona utat’ ekhaya baza bammema ukuba naye abekho esifundweni. Wavuma yaye emva koko benza amalungiselelo okubafundela xa ekho. Yena nomfazi wakhe bavuma ukuya kwiintlanganiso zangeCawa, apho bamkelwa ngezandla ezishushu baza banandipha ukutya kokomoya. KwiCawa elandelayo, umyeni waphendula kwiSifundo seMboniselo. Inqaku elalifundwa lalikhuthaza unqulo lwentsapho, ngoko wafuna ukuqonda indlela yena anokusiqhuba ngayo esi sifundo nomfazi wakhe nonyana wabo oneminyaka emine ubudala. Wazimisela nokwenza izinto azifunde ezintlanganisweni. Esi sibini sisafundelwa iBhayibhile, siyaya ezintlanganisweni kwaye senza inkqubela. Umzalwana uthi, “Sanceda sammema utat’ ekhaya kwisifundo!”

KUDITYANWA KWISIQITHI ESISEMAGQAGALENI. Isiqithi saseReao sinabemi abangama-362 kwaye sabelwe kwiBandla laseVaiete, elinye kwali-18 eTahiti. IReao ikumgama omalunga neekhilomitha ezili-1 350 kwimpuma yeTahiti. Kwesi siqithi akuzange kwenziwe Sikhumbuzo, kwaye amaNgqina agqibela ukusityelela kwiminyaka engama-30 eyadlulayo. Umveleli wenkonzo webandla laseVaiete, uManoah, wayefuna ukuqokelela iqela lentsimi eliza kushumayela kwesi siqithi ngeveki yeSikhumbuzo baze basenzele apho. Ingxaki yayikukuba, amatikiti enqwelo-moya okuya eReao ayexabisa iifranc ezingama-65 000 (R5 700), babe bengenayo imal’ engako. Noko ke, kamva wafumana ibhonasi emsebenzini wakhe yeefranc ezingama-65 000! Ngoko nangoko bagqiba kwelokuba yintsikelelo kaYehova leyo. Ekugqibeleni kwaya abavakalisi abasixhenxe eReao, kweza abantu abangama-47 eSikhumbuzweni. Ngoku abavakalisi baseTahiti baqhubela abantu abanomdla baseReao izifundo zeBhayibhile ngefowuni.

ALIKHO NELOKUTYA ISIDLO SAKUSASA. Sifumana amava afanayo eVanuatu, apho ibandla lincedisa iqela labavakalisi abali-11 kwisiqithi esisemagqagaleni esibizwa ngokuba yiAmbrym. Abadala bebandla bacela abavakalisi abanamava ukuba khe bacingisise ngokuya kuncedisa iqela laseAmbrym kangangeentsuku ezimbalwa ngaphambi kweSikhumbuzo. Uvulindlela onamava nongutitshalakazi odla umhlala-phantsi, uMarinette, walixhakamfula elo thuba. Ekunye nabanye abavakalisi bazibekela usukelo lokuya kuqalisa izifundo zeBhayibhile. Emva kwexeshana alichithe entsimini, wamangaliswa kukufumanisa ukuba kunzima ukuphuma kwindlu awayehlala kuyo. UMarinette uthi: “Ndandingafumani nexesha eli lokuhlamba okanye lokutya kusasa, kuba abantu babesiba ngumkrozo ngaphandle belindele ukufundiswa iBhayibhile. Imini yonke ndandishumayela endlwini! Ngaloo veki ndaqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-31.” Eli qela lahlala iveki enye eAmbrym, lishumayela iindaba ezilungileyo, kwaye kweza abali-158 kwiSikhumbuzo. Kwaba buhlungu kweli qela xa kwafuneka ligodukile. UMarinette wathi, “Singayishiya njani indawo enje, enabantu abanxanelwe inyaniso yeBhayibhile?” Iofisi yesebe iye yalungiselela ukuba kuthunyelwe oovulindlela abakhethekileyo bexeshana ukuze bancede abo banomdla.

INQUNUNU YESIKOLO YASABELA KAKUHLE. Kwesinye isikolo samabanga aphezulu saseSolomon Islands, abafundi bayalelwa ukuba beme baze bacule iingoma zeCawa yaseTshetshi eseSouth Seas. Abanye oodade abaselula ababini, bacela inqununu yesikolo ukuba bangaculi, ekubeni ukucula ezo ngoma kukhubekisa izazela zabo. Inqununu yababulela kuba beye babonisa intlonelo ngokuqala bacele kuyo, yaza yathi akuyomfuneko ukuba bacule, kodwa bangahlala phantsi namanye amaNgqina.

Le nqununu yabacela ukuba beze nelungu lebandla ukuze lithethe nayo ngamaNgqina kaYehova nemfundo. Kweza umthunywa wevangeli, kwaye kangangeyure enesiqingatha, bathetha ngeenkolelo zamaNgqina nangeengxaki ezithwaxa abaselula. Le nqununu yathi iyakuthanda ukufunda ooVukani! kwaye idla ngokushiya iikopi kwigumbi lootitshala. Xa lo mthunywa wevangeli eyinika incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, yamcela ukuba ayinike zibe li-16 ezootitshala kunye nezingama-367 zabafundi. Kwaziswa iincwadi ezingama-400 zaza zasasazwa.

Inkalipho yaba dade babini abaselula yokuya kuthetha nenqununu yabangela ukuba kunikelwe ubungqina yaye abaninzi babaxelela indlela iincwadi abazifumanayo ezaba yingenelo ngayo. Enye intombazana enabazali abasandul’ ukwahlukana, yathi le ncwadi iye yafana neyeza kwiingxaki ebinazo. Aba dade babini baqhubeka bengoovulindlela abangabancedani yaye inqununu yona bayinika amaphephancwadi rhoqo.

UKUGCINA INGQIBELELO PHEZU KWAYO NJE INKCASO. Kwenye indawo yaseSolomon Islands, omnye umthunywa wevangeli wayefunda iBhayibhile nebhinqa esiza kulibiza ngokuba nguLisa. Lenza inkqubela nakubeni kwakufuneka lihambe umgama oziiyure ezimbini ukuya eHolweni yoBukumkani lifunqule amawele alo amabini angamakhwenkwe, lilandelwa ngamantombazana alo amabini. Kwafuneka linyamezele inkcaso eqatha yomyeni walo. Wayelibetha, etshisa impahla eliya ngayo kwiintlanganiso, iBhayibhile nezinye iimpapasho. Wayekrexeza nokukrexeza. Sekunjalo, uLisa akazange ayeke ukukhonza uYehova yaye wabhaptizwa.

Kunyak’ odluleyo, umyeni kaLisa wamangaliswa yindlela awayemphethe ngayo umkakhe phezu kwazo nje izinto awayemenza zona, wahlukana nekrexe lakhe waza wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Unokuba nombono wendlela udade wethu uLisa olwamvuyisa ngayo olu tshintsho. Okona kwamvuyisa nangakumbi kukuba kwabakho iqela elihlanganisana kufuphi nomzi wakhe, nto leyo eyabangela ukuba ahambe umgama ongaphantsi kweyure ukuya kwiintlanganiso. Ngenxa yenkxaso yomyeni wakhe, uyakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 66]

“Kutheni uThixo ekhohlakele kangaka? . . . Kutheni esohlwaya nonyana wam? Ebesandul’ ukuzalwa; sele enze siphi isono?”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 68]

Lo mfana walixelela ibhunga ukuba uya kubuyela ecaweni kuphela xa umfundisi enokumphendula imibuzo emibini

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 72]

“Nibanjelwe ukushumayela ngaphandle, ngoku nishumayela ngaphakathi entolongweni!”

[Umzobo/Imaphu ekwiphepha 84]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

ETahiti → → → Iikhilomitha ezili-1 350 → → → EReao

[Umfanekiso okwiphepha 56]

Ngasentla: Kuqhutywa isifundo seBhayibhile kwiRiphabliki yaseCongo (funda iphepha 59)

[Umfanekiso okwiphepha 61]

UEdvard (ngasekunene) ekunye noDaniel emarikeni

[Umfanekiso okwiphepha 64]

ISamaniego, eseNariño, eColombia

[Umfanekiso okwiphepha 67]

Ngoku iimpapasho zeNtetho Yezandla zifumaneka ngeelwimi ezingama-59

ESão Paulo, EBRAZIL

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share