IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb17 iphe. 84-88
  • Amagqabantshintshi NgeGeorgia

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amagqabantshintshi NgeGeorgia
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
yb17 iphe. 84-88
Indawo ekummandla waseMntla Svaneti eGeorgia

KuMntla Svaneti

EGEORGIA

Amagqabantshintshi NgeGeorgia

Indoda ephethe ibhaskithi yeediliya; nezinye iidiliya esandleni

Kuba mnandi kakhulu xa kuvunwa iidiliya

Ukuma komhlaba IGeorgia yaziwa ngeentaba zayo ezingoorhec’ izulu nezihlala zinekhephu, ezinye zide zibe nobude obuzimitha eziyi-4 500. Eli lizwe lahlulwe laziinxalenye ezimbini—impuma nentshona Georgia, ibe nxalenye nganye inemimandla, imozulu, amasiko, umculo, umdaniso, nokutya kwayo.

Abantu Abaninzi kubantu balapho abazizigidi eziyi-3.7 ngabohlanga lwalapho.

Unqulo Abantu abaninzi balapho bathi bahamba iCawa yobuOthodoki. Abamalunga ne-10 pesenti ngamaSilamsi.

Ulwimi Ulwimi lwaseGeorgia aluhlobenanga neelwimi zamazwe aselumelwaneni. Imbali ibonisa ukuba onobumba baseGeorgia benziwa ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo.

Indlela Abantu Abazixhasa Ngayo Abantu abaninzi balapho baphila ngokulima. Kutshanje, ukukhenketha nako bekungenisa imali eninzi kweli lizwe.

Imozulu Impuma yeli lizwe inemozulu epholileyo. Unxweme loLwandle Olumnyama olusentshona Georgia, lunemozulu eshushu ehlotyeni ize iphole ebusika, ibe kukho intabalala yeziqhamo.

Abantu bavuna iidiliya

Ukuvunwa kweediliya kummandla waseKakheti

Ukutya EGeorgia ukutya asikokutya ngaphandle kwesonka. Isonka salapho sibhakwa kwioveni eyenziwe ngodongwe. Okona kutya kuthandwayo sisityu esingqumbululu esiqholiweyo size sityiwe namagqabi aluhlaza. Kudala ke bayenza iwayini. Iwayini iyayekwa itsale ize igcinwe kwimiphanda yodongwe. Iintsapho ezininzi zilima iidiliya zize zizenzele ngokwazo iwayini. IGeorgia ineentlobo eziyi-500 zeediliya.

Ibhinqa elenza isonka

Ukwenziwa kwesonka

UKUMA KOMHLABA (izkwe khilomitha)

26 900

ABEMI

3 720 400

ABAVAKALISI NGO-2016

18 619

UMLINGANISELO WOMVAKALISI KUBEMI

200

KWISIKHUMBUZO NGO-2016

32 216

Imaphu yaseGeorgia
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share