EGEORGIA
Umyeni Wam Wayengayibeki Phantsi!
UMarina Kopaliani
WAZALWA Ngo-1957
WABHAPTIZWA Ngo-1990
IBALI LOBOMI UMarina nomyeni wakhe, uBadri, baba ngabavakalisi abazimiseleyo, ngoxa bekhulisa oonyana ababini. Kamva uBadri wakhonza kwiKomiti YeLizwe waza wahlala ethembekile de wasweleka ngo-2010.
NGO-1989, mna nomyeni wam sadibana namaNgqina kwammelwane. UMzalwana uGivi Barnadze, owayefunda iBhayibhile nommelwane wethu, wayengenayo iBhayibhile, kuba kwakunzima ukuzifumana eGeorgia ngeloo xesha.
Sakuthanda oko sakuvayo saza sanqwenela ukufumana iBhayibhile. Xa umyeni wam wadibana nomntakwabo, wamxelela ukuba ufuna iBhayibhile. Wothuka xa umntakwabo wathi usandul’ ukuthenga inguqulelo entsha yeBhayibhile yesiGeorgia kwaye angampha yona.
Xa uBadri wafika endlini, wahlala etafileni waza wayifunda de kwahlwa. Nangosuku olulandelayo wavukela kuyo. Ukubuya kwam emsebenzini, ndafika ehleli etafileni, esafunda iZibhalo. Wayengayibeki phantsi! Ngoko ndamcebisa ukuba athathe iintsuku ezimbalwa emsebenzini ukuze ayigqibezele. Kungekudala wayifunda wayigqiba.
Xa saqala ukufunda incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade noMzalwana uBarnadze, sakuvuyela ukuba neyethu iBhayibhile. Thina sasingenayo incwadi wabe utitshala wethu engenayo iBhayibhile! Emva konyaka sabhaptizwa.