IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb17 iphe. 169-170
  • AmaKurd Amkela Inyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • AmaKurd Amkela Inyaniso
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
yb17 iphe. 169-170
Udade ufunda nebhinqa ngolwimi lwesiKurd

EGEORGIA

AmaKurd Amkela Inyaniso

UGULIZAR uthi: “Xa ndithandaza ndandidla ngokuxelela uYehova indlela endinombulelo ngayo ngokuva ngaye ngolwimi lwam lweenkobe.”

UGulizar wayenxulumana namaNgqina KaYehova kangangeminyaka esibhozo kodwa wabhaptizwa kuphela emva kokuya kwiintlanganiso zolwimi lwakhe lweenkobe, isiKurd. Ngomnye wamaKurd amaninzi amkele inyaniso kule minyaka yakutshanje eGeorgia. Kodwa angoobani amaKurd?

AmaKurd ebehlala kuMbindi Mpuma kangangeenkulungwane. Abanye abafundi bacinga ukuba ayinzalelwane yamaMedi ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. (2 Kum. 18:11; IZe. 2:9) Ulwimi lwawo lolunye lweelwimi zaseIran.

Namhlanje, amawaka amaKurd ahlala kumazwe aliqela aquka iArmenia, Iran, i-Iraq, iSiriya, neTurkey. Amalunga ne-20 000 amaKurd ahlala eGeorgia. Ngokuqhelekileyo, angabantu aboyika uThixo kwaye ayazihlonela izinto zakhe.

Ngoku kukho abavakalisi abayi-500 abangamaKurd eGeorgia, namabandla amathathu athetha isiKurd. Ngo-2014, bavuyiswa kukubakho kwendibano yengingqi yokuqala yesiKurd eTbilisi, inabantu abasuka eArmenia, eJamani, eTurkey, naseUkraine.

Abantwana bamaKurd bayazithanda iividiyo zikaSihle noAvela
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share