IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb17 iphe. 171
  • Uthando Lugqitha Ngaphaya Kwemida Yabantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthando Lugqitha Ngaphaya Kwemida Yabantu
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
yb17 iphe. 171

EGEORGIA

Uthando Lugqitha Ngaphaya Kwemida Yabantu

KWANGAPHAMBI kokuba uSanel azalwe, oogqirha baxelela abazali bakhe ukuba uzelwe esaphila wayeza kuba nempilo enkene-nkene. Kwafuneka atyandwe kwakusuku lokuzalwa kwakhe. Abazali bakhe, ababehlala eAbkhazia​​—⁠ummandla owazimela geqe kwiGeorgia⁠​—⁠babengamfumani ugqirha owayeza kutyanda uSanel ngaphandle kokumtha igazi.

Abazali bakhe bathetha neKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele.a Kwathi xibilili, xa abazalwana bale komiti bakhawuleza bamfumana ugqirha owayenokutyanda ngaphandle kwegazi eTbilisi, kwikomkhulu laseGeorgia. Ingxaki ke ngoku kukuba umama kaSanel wayengekaphili kakuhle emva kokubeleka, ngoko wayengazokukwazi ukuhamba. Ngoko kwagqitywa kwelokuba oomakhulu bakaSanel abangamaNgqina, base olu sana eTbilisi.

EGeorgia, abadala abakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele basebenzisana kakuhle noogqirha abangaphezu kwe-250 abavumayo ukwenza utyando ngaphandle kwegazi.

Olu tyando lwenziwa ngempumelelo. Kungekudala emva koko, oomakhulu bakaSanel babhala: “Sahlala esibhedlele kangangeentsuku ezingaphezu kweziyi-20. Ngalo lonke elo xesha, abazalwana noodade baseGeorgia babesityelela kwaye befuna ukusinceda. Abanye babonisa uvelwano. Kudala sisiva kusithiwa abazalwana banothando, kodwa ngoku sizibonele ngawethu.”

a EGeorgia, abadala abakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele basebenzisana kakuhle noogqirha abangaphezu kwe-250 abavumayo ukwenza utyando ngaphandle kwegazi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share