Yohane
15 “Mna ndingumdiliya wenyaniso,+ yaye uBawo ngumlimi.+ 2 Onke amasebe akum angathwali siqhamo uyawasusa,+ yaye onke lawo athwala isiqhamo uyawathena,+ ukuze athwale isiqhamo esingakumbi.+ 3 Nina senihlambulukile ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.+ 4 Hlalani nimanyene nam, nam ndimanyene nani.+ Kanye njengoko isebe lingenakuzithwalela isiqhamo ngokwalo ngaphandle kokuba lihlale emdiliyeni, ngokufanayo nani aninako, ngaphandle kokuba nihlala nimanyene nam.+ 5 Mna ndingumdiliya, nina ningamasebe. Lowo uhlala emanyene nam, nam ndimanyene naye, yena uthwala isiqhamo esininzi;+ ngenxa yokuba ngaphandle kwam aninakwenza nto konke konke. 6 Nabani na ongahlali emanyene nam, ulahlelwa phandle njengesebe ibe uyoma; yaye abantu bayawahlanganisa loo masebe baze bawaphose emlilweni atshe.+ 7 Ukuba nihlala nimanyene nam nawo amazwi am ahlale kuni, celani nakuphi na enikunqwenelayo yaye kuya kwenzeka ngenxa yenu.+ 8 UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.+ 9 Kanye njengoko uBawo endithandile nam+ ndinithandile, hlalani eluthandweni lwam. 10 Ukuba niyayigcina imiyalelo yam,+ niya kuhlala eluthandweni lwam, kanye njengoko nam ndiyigcinile imiyalelo kaBawo+ ndaza ndahlala eluthandweni lwakhe.
11 “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam lube kuni novuyo lwenu luzaliswe.+ 12 Nguwo lo umyalelo wam, wokuba nithandane kanye njengoko ndinithandileyo.+ 13 Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.+ 14 Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela+ kona. 15 Andisanibizi ngokuthi ningamakhoboka, ngenxa yokuba ikhoboka alikwazi okwenziwa yinkosi yalo. Kodwa ndinibize ngokuthi ningabahlobo,+ ngenxa yokuba zonke izinto endizive kuBawo ndinazisile.+ 16 Asinini enanyula mna, kodwa ndim owanyula nina, kwaye ndanimisela ukuba niqhubeke nize nihlale nithwala isiqhamo+ nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko nikucelayo kuBawo egameni lam aninike.+
17 “Ndiniyalela ezi zinto, ukuze nithandane.+ 18 Ukuba ihlabathi linithiyile, niyazi ukuba liye lathiya mna ngaphambi kokuba lithiye nina.+ 19 Ukuba beniyinxalenye yehlabathi, ihlabathi beliya kukuthanda oko kukokwalo.+ Ke ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi,+ kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.+ 20 Likhumbuleni ilizwi endalitsho kuni ndisithi, Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani;+ ukuba baligcinile ilizwi lam, baya kuligcina nelenu. 21 Kodwa baya kuzenza zonke ezi zinto ngokunxamnye nani ngenxa yegama lam, kuba bengamazi lowo undithumileyo.+ 22 Ukuba bendingezanga ndaza ndathetha kubo, ngebengenasono;+ kodwa ngoku abanasingxengxezo ngesono sabo.+ 23 Lowo undithiyileyo mna umthiyile noBawo.+ 24 Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi ekungekho bani ongomnye oyenzileyo,+ ngebengenasono;+ kodwa ngoku baye babona baza bandithiya mna kwakunye noBawo.+ 25 Kodwa oku kukuze lizalisekiswe ilizwi elibhaliweyo eMthethweni wabo elithi, ‘Bandithiya ngaphandle kwesizathu.’+ 26 Akufika umncedi endiya kunithumelela yena evela kuBawo,+ umoya wenyaniso, ophuma kuBawo, yena uya kunikela ubungqina ngam;+ 27 nize nani ninikele ubungqina,+ ngenxa yokuba beninam kwasekuqaleni.