1 Tesalonika
5 Ke kaloku, bazalwana, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba.+ 2 Kuba nazi kakuhle ukuba imini kaYehova+ iza kanye njengesela ebusuku.+ 3 Xa besithi:+ “Luxolo+ nonqabiseko!” iya kwandula ke intshabalalo+ yequbuliso ibafikele ngephanyazo kanye njengenimba kumfazi omithiyo;+ yaye abasayi kuze basinde.+ 4 Kodwa nina, bazalwana, anikho bumnyameni,+ ukuba ingade loo mini iniqubule njengamasela,+ 5 kuba nonke nina ningoonyana bokukhanya+ noonyana bemini.+ Asingabobusuku okanye abobumnyama.+
6 Ngoko ke, masingalali+ njengoko abanye besenza,+ kodwa masihlale siphaphile,+ sithe qwa.+ 7 Kuba abo balalayo+ baqhele ukulala ebusuku,+ nabo banxilayo ngokuqhelekileyo banxila ebusuku. 8 Kodwa thina ke bangabemini, masithi qwa, sinxibe isigcina-sifuba+ sokholo+ nothando nesigcina-ntloko+ esilithemba losindiso;+ 9 ngenxa yokuba uThixo wasabela, kungekhona ingqumbo,+ kodwa ukuzuza usindiso+ ngeNkosi yethu uYesu Kristu.+ 10 Wasifela,+ ukuze, enoba sihlala siphaphile okanye silele, siphile ndawonye naye.+ 11 Ngoko ke hlalani nithuthuzelana yaye nisakhana,+ kanye njengokuba enyanisweni nisenza.+
12 Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibahlonele abo basebenza nzima phakathi kwenu, abanongamelayo+ eNkosini, abanilulekayo; 13 nikelani ingqalelo engakumbi ngokugqithiseleyo kubo ngothando ngenxa yomsebenzi wabo.+ Yibani noxolo omnye nomnye.+ 14 Kwelinye icala, siyanibongoza, bazalwana, balulekeni abangalungelelananga,+ yithuthuzeleni imiphefumlo edandathekileyo,+ baxhaseni ababuthathaka, nizeke kade umsindo+ kubo bonke. 15 Qinisekani ukuba akukho namnye ubuyisela ububi ngobubi nakubani na,+ kodwa hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye nakubo bonke abanye.+
16 Hlalani ninemihlali.+ 17 Thandazani ngokungapheziyo.+ 18 Ezintweni zonke bulelani.+ Kuba kukuthanda kukaThixo oko ngani njengoko nimanyene noKristu Yesu. 19 Musani ukuwucima umlilo womoya.+ 20 Musani ukukudelela ukuprofeta.+ 21 Qinisekani ngezinto zonke;+ nibambelele nkqi koko kuhle.+ 22 Khwebukani kulo lonke uhlobo lobungendawo.+
23 Wanga ke uThixo woxolo+ anganingcwalisa ngokupheleleyo.+ Wanga angawugcina uphilile umoya nomphefumlo nomzimba wenu bazalwana kuzo zonke iinkalo ukuze nibe ngabangenakusoleka ebudeni bobukho beNkosi yethu uYesu Kristu.+ 24 Uthembekile lowo unibizayo, yaye uya kukwenza oku.
25 Bazalwana, qhubekani nisithandazela.+
26 Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele.+
27 Ndiniyala ngokwaseNkosini ukuba le ncwadi niyifundele bonke abazalwana.+
28 Ububele obungasifanelanga+ beNkosi yethu uYesu Kristu mabube nani.