IiNdumiso
Ingoma emnandi. Ingoma yokunikezelwa kwendlu. EkaDavide.
30 Ndiza kukudumisa Yehova, kuba undiphakamisile;*
Khange uvumele iintshaba zam zonwatyiswe yintlungu yam.+
2 Owu Yehova Thixo wam, ndikhalele uncedo kuwe, wandiphilisa.+
3 Owu Yehova, undikhuphe engcwabeni.*+
Undigcine ndiphila; undisindise ekutshoneni emngxunyeni.*+
4 Dumisani* uYehova ngengoma, nina bathembekileyo kuye,+
Bulelani igama lakhe elingcwele;*+
5 Kuba umsindo wakhe ngowomzuzwana,+
Kodwa kona ukuthandwa nguye kuhlala ngonaphakade.+
Nokuba kungakhalwa ngokuhlwa, ekuseni kuyavuywa.+
6 Xa ndandonwabile, ndathi:
“Soze ndigungqiswe.”*
7 Owu Yehova, xa wawundithanda wandenza ndomelela okwentaba.+
Kodwa xa wabufihlayo ubuso bakho kum, ndasuka ndoyika.+
9 Kuza kunceda ngantoni ukufa kwam,* ukwehlela kwam emngxunyeni?*+
Luza kukudumisa na uthuli?+ Luza kubaxelela na abantu ngokuthembeka kwakho?+
10 Owu yhini Yehova, khawundive uze undenzele ububele.+
Yiba ngumncedi wam, yhini Yehova.+
11 Ukuzila kwam ukutshintshe kwaba kukudanisa;
Ulikhulule ilaphu lokwenza ingxowa ebendilinxibile, waza wandinxibisa uvuyo,
Owu Yehova Thixo wam, ndiza kukudumisa ngonaphakade.