Yoshuwa
16 Umhlaba owanikwa+ inzala kaYosefu+ wawusuka kwiYordan eYeriko uyokutsho kumanzi akwimpuma yeYeriko, uze uhambe ngentlango usuka eYeriko uyokutsho kummandla weentaba eBheteli.+ 2 Ukusuka eBheteli yaseLuzi wawudlulela kumda wama-Arki eAtaroti, 3 uze wehlele ngasentshona kumda wamaYafeleti uyokutsho kumda weBhete-horon Esezantsi+ neGezere,+ uphele elwandle.
4 Inzala kaYosefu,+ uManase noEfrayim, bafumana ilifa labo.+ 5 Nanku umda wamaEfrayim ngokweentsapho zawo: umda wawo ongasempuma wawuyiAtaroti-adare+ ukuyokutsho eBhete-horon Engasentla,+ 6 yaye lo mda wawudlulela elwandle. IMikematati+ yayingasentla, yaye lo mda wawujikela ngasempuma kweTahanati-shilo, uze udlulele empuma kweYanowa. 7 Emva koko wawusehla usuka eYanowa uyokutsho eAtaroti naseNahara, uyokufika eYeriko+ uze udlulele eYordan. 8 Ukusuka eTapuwa+ umda wawuqhubeka uye ngasentshona kwiNtlambo YaseKana, uze uyokuphela elwandle.+ Elo ke lilifa lesizwe sakwaEfrayim ngokweentsapho zaso. 9 Inzala kaEfrayim yayinazo nezinye izixeko ezikumhlaba wakwaManase,+ zonke izixeko neelali zazo.
10 Kodwa inzala kaEfrayim ayizange iwagxothe amaKanan awayehlala eGezere,+ ngoko amaKanan asahlala nenzala kaEfrayim nanamhlanje,+ yaye asetyenziswa ngenkani.+