19 Nabani na, ke ngoko, owaphula+ nokuba mnye wale miyalelo iyeyona mincinane aze akufundise abantu oko, uya kubizwa ngokuba ‘ngoyena mncinane’ ebukumkanini bamazulu.+ Nabani na ke oyenzayo aze afundise+ ngayo, uya kubizwa ngokuba ‘mkhulu’+ ebukumkanini bamazulu.