Duteronomi 26:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 uthabathe inxalenye yentlahlela yeziqhamo+ zonke zomhlaba, oya kuzingenisa ziphuma ezweni lakho akunika lona uYehova uThixo wakho, uzifake engobozini uze uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.+ Nehemiya 10:35 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 35 nokuze bezise iintlahlela zomhlaba wethu+ neentlahlela zazo zonke iziqhamo zazo zonke iintlobo zemithi,+ iminyaka ngeminyaka, kwindlu kaYehova; IMizekeliso 3:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Beka uYehova ngezinto zakho zexabiso+ nangentlahlela yemveliso yakho yonke.+ Hezekile 44:30 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 30 Nokokuqala kwintlahlela yonke yayo yonk’ into nomnikelo wonke wayo yonk’ into kwiminikelo yenu yonke—kuya kuba kokwababingeleli;+ nentlahlela yomgrayo wenu nifanele niyinike ababingeleli,+ ukuze kuhlale intsikelelo phezu kwendlu yakho.+
2 uthabathe inxalenye yentlahlela yeziqhamo+ zonke zomhlaba, oya kuzingenisa ziphuma ezweni lakho akunika lona uYehova uThixo wakho, uzifake engobozini uze uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.+
35 nokuze bezise iintlahlela zomhlaba wethu+ neentlahlela zazo zonke iziqhamo zazo zonke iintlobo zemithi,+ iminyaka ngeminyaka, kwindlu kaYehova;
30 Nokokuqala kwintlahlela yonke yayo yonk’ into nomnikelo wonke wayo yonk’ into kwiminikelo yenu yonke—kuya kuba kokwababingeleli;+ nentlahlela yomgrayo wenu nifanele niyinike ababingeleli,+ ukuze kuhlale intsikelelo phezu kwendlu yakho.+