Levitikus 26:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye intsika engcwele, yaye ningabeki litye njengomboniso+ ezweni lenu ukuze niqubude kulo;+ ngokuba ndinguYehova uThixo wenu. Duteronomi 4:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 ukuze ningazonakalisi,+ nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, wawo nawuphi na umfuziselo, wembonakaliso yendoda okanye ibhinqa,+ Duteronomi 5:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 “‘Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo,+ wembonakalo yayo nantoni na+ esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Isaya 40:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 “Kodwa ningandifanisa nabani, ndilingane naye?” utsho Lowo Ungcwele.+ IZenzo 17:29 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 29 “Ekubeni, ke ngoko, siyinzala kaThixo,+ sifanele singacingi ukuba Lowo Ungokobuthixo+ unjengegolide okanye isilivere okanye ilitye, njengento eqingqwe ngobugcisa nokuyila komntu.+ 1 Korinte 8:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+ ISityhilelo 9:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Kodwa abanye abantu abangazange babulawe zezi zibetho abazange baguquke kwimisebenzi yezandla zabo,+ baze bayeke ukunqula iidemon+ nezithixo zegolide nezesilivere+ nezobhedu nezelitye nezomthi, ezingenako ukubona nokuva nokuhamba;+
26 “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye intsika engcwele, yaye ningabeki litye njengomboniso+ ezweni lenu ukuze niqubude kulo;+ ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.
16 ukuze ningazonakalisi,+ nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, wawo nawuphi na umfuziselo, wembonakaliso yendoda okanye ibhinqa,+
8 “‘Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo,+ wembonakalo yayo nantoni na+ esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba.
29 “Ekubeni, ke ngoko, siyinzala kaThixo,+ sifanele singacingi ukuba Lowo Ungokobuthixo+ unjengegolide okanye isilivere okanye ilitye, njengento eqingqwe ngobugcisa nokuyila komntu.+
4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+
20 Kodwa abanye abantu abangazange babulawe zezi zibetho abazange baguquke kwimisebenzi yezandla zabo,+ baze bayeke ukunqula iidemon+ nezithixo zegolide nezesilivere+ nezobhedu nezelitye nezomthi, ezingenako ukubona nokuva nokuhamba;+