14 Ngoku uDebhora wathi kuBharaki: “Sukuma, kuba ngokuqinisekileyo le yimini uYehova aya kumnikela ngayo uSisera esandleni sakho. UYehova akaphumanga phambi kwakho na?”+ Yaye uBharaki wehla kwiNtaba yaseTabhore enamadoda angamawaka alishumi emva kwakhe.