Eksodus 34:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 UYehova wadlula phambi kobuso bakhe waza wavakalisa esithi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba+ nobabalo,+ ozeka kade umsindo,+ onobubele bothando obuninzi+ nenyaniso,+ Rute 1:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Ekugqibeleni uNahomi wathi kubo bobabini oomolokazana bakhe: “Hambani, buyelani, ngamnye kwindlu kanina. Wanga uYehova anganenzela ububele bothando,+ kanye njengoko niye nabenza kula madoda afileyo ngoku nakum.+ INdumiso 36:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Hayi indlela obuxabiseke ngayo ububele bakho obunothando, Thixo!+Yaye oonyana babantu basabela emthunzini wamaphiko akho.+ INdumiso 62:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Kwanobubele bothando bobakho, Yehova,+Kuba wena ubuyisela ngamnye ngokomsebenzi wakhe.+ IZililo 3:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Zizenzo zobubele bothando+ bukaYehova ukuba sibe asifikanga esiphelweni sethu,+ ngenxa yokuba iinceba zakhe ngokuqinisekileyo aziyi kuphela.+
6 UYehova wadlula phambi kobuso bakhe waza wavakalisa esithi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba+ nobabalo,+ ozeka kade umsindo,+ onobubele bothando obuninzi+ nenyaniso,+
8 Ekugqibeleni uNahomi wathi kubo bobabini oomolokazana bakhe: “Hambani, buyelani, ngamnye kwindlu kanina. Wanga uYehova anganenzela ububele bothando,+ kanye njengoko niye nabenza kula madoda afileyo ngoku nakum.+
7 Hayi indlela obuxabiseke ngayo ububele bakho obunothando, Thixo!+Yaye oonyana babantu basabela emthunzini wamaphiko akho.+
22 Zizenzo zobubele bothando+ bukaYehova ukuba sibe asifikanga esiphelweni sethu,+ ngenxa yokuba iinceba zakhe ngokuqinisekileyo aziyi kuphela.+