Duteronomi 15:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 “Ukuba omnye wabazalwana bakho uthe wahlwempuzeka kwesinye sezixeko zakho, ezweni lakho akunika lona uYehova uThixo wakho, uze ungayenzi lukhuni intliziyo yakho okanye ube ligqolo ngakumzalwana wakho ohlwempuzekileyo.+ IMizekeliso 3:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana,+ xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.+ Luka 11:41 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 41 Ngoko ke, khangelani! ukuba ninikela ngezinto ezingaphakathi njengezipho zenceba,+ zonke ezinye izinto ziya kuhlambuluka kuni. IZenzo 20:35 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 35 Ndinibonisile ezintweni zonke ukuba nimele nisebenze+ ukuze nincede abo babuthathaka,+ yaye nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha+ kunokwamkela.’” Hebhere 13:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Ngaphezu koko, musani ukulibala ukwenza okulungileyo+ nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.+
7 “Ukuba omnye wabazalwana bakho uthe wahlwempuzeka kwesinye sezixeko zakho, ezweni lakho akunika lona uYehova uThixo wakho, uze ungayenzi lukhuni intliziyo yakho okanye ube ligqolo ngakumzalwana wakho ohlwempuzekileyo.+
27 Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana,+ xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.+
41 Ngoko ke, khangelani! ukuba ninikela ngezinto ezingaphakathi njengezipho zenceba,+ zonke ezinye izinto ziya kuhlambuluka kuni.
35 Ndinibonisile ezintweni zonke ukuba nimele nisebenze+ ukuze nincede abo babuthathaka,+ yaye nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha+ kunokwamkela.’”
16 Ngaphezu koko, musani ukulibala ukwenza okulungileyo+ nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.+