9 Oku kufanele kube kokwakho ezintweni ezizezona zingcwele, emnikelweni wasemlilweni, eminikelweni yabo yonke kwanakuyo yonke iminikelo yabo yokudla okuziinkozo+ neminikelo yabo yonke yesono+ neminikelo yabo yonke yetyala,+ abayibuyisela kum. Yona yoba yeyona nto ingcwele kuwe nakoonyana bakho.