19 Kwakukho athile akwaManase aqhweshayo aya kuDavide ngoxa yena namaFilisti+ baya kulwa noSawule edabini; kodwa akawancedanga, kuba iinkosi ezimanyeneyo+ zamaFilisti zagqiba ekubeni zimndulule, zisithi: “Oku kukubeka esichengeni iintloko zethu kuba uya kusuke aqhweshe aye kwinkosi yakhe uSawule.”+